“ILiyahona” Umhlobo, EyoMdu. 2024, 26–27
UMyalezo wangeNyanga Umhlobo, EyoMdumba 2024
ILiyahona
INkosi yaxelela uLihayi ukuba aye kwilizwe lesithembiso nosapho lwakhe. Kodwa babengaqinisekanga ngendlela yokuya apho.
INkosi yanika uLihayi isixhobo esikhethekileyo. Sasifana nekhampasi. Sasisalatha indlela ekwakufuneka bayihambe. Babeyibiza ngokuba yiLiyahona.
Xa babegcina imithetho, iLiyahona yayisebenza kakuhle. Yayibakhokelela ekutyeni nasekukhuselekeni. Kodwa xa bexambulisana kwaye bengathobeli, yayiyeka ukusebenza.
Usapho lukaLihayi lwalandela iLiyahona ukuze lube nokufika kwilizwe lesithembiso. Xa sikhetha okulungileyo, uBawo waseZulwini nathi uza kusikhokela.
Iphepha lokufakela Imibala
Ndinokubhaptizwa njengoYesu.
Umfanekiso ngu-Adam Koford
Ungazilungiselela njani ukuba ubhaptizwe?
© 2024 yi Intellectual Reserve, Inc. All rights reserved. Ishicilelwe eMelika. Imvume yesiNgesi: 6/19. Imvume yenguqulelo: 6/19. Inguqulelo ye Monthly Friend Message, July 2024. Language. 19276 774