Liyahona
Yintoni kanye-kanye esiyithembisayo xa sibhaptizwa?
EyeSilimela 2024


“Yintoni kanye-kanye esiyithembisayo xa sibhaptizwa?,” Okwenzelwe Ukomeleza uLutsha, EyeSilimela 2024.

UMyalezo weNyanga Okwenzelwe Ukomeleza uLutsha, EyeSilimela 2024

Yintoni kanye-kanye esiyithembisayo xa sibhaptizwa?

Umfanekiso
ubhaptizo

Baptism [uBhaptizo], ngu-Annie Henrie Nader

Izibhalo zisifundisa ukuba xa sibhaptiziwe, siyanqophisa (okanye siyathembisa) ukuba sizimisele ukuthabathela kuthi igama likaYesu Krestu, sikhonze uThixo, kwaye sigcine imithetho yaKhe (bona Mozaya 18:10; IMfundiso neMinqophiso 20:37, 77).

Sikwafunda kwizibhalo ukuba ukubhaptizwa kusinceda sizalisekise umnqweno wethu “[w]okuza kuwo umhlambi kaThixo, ukuze [s]ibizwe njengabantu bakhe” (Mozaya 18:8). Ngamanye amazwi, esinye isizathu sokuba sibhaptizwe kukuba sifuna ukuzimanya neBandla likaYesu Krestu kwaye sonwabele uthando nokuba yinxalenye evela ekumanyaneni kuKrestu.

Ukuzinikela ekukhonzeni iNkosi nokugcina imiyalelo yaYo kungaquka izinto ezininzi kubomi bethu bonke. Umzekelo, kuquka “[ukulungela] ukuthwalisana imithwalo yenu, … ukulila nabo balilayo; ewe, nize nibathuthuzele abo baswele ukuthuthuzelwa, nibe nokuma njengamangqina kaThixo ngamaxesha onke nakuzo zonke izinto, nakuzo zonke iindawo” (Mozaya 18:9).

Shicilela