“UThixo Ukhulula u-Alma no-Amyuleki,” Umhlobo, EyeSilimela 2024, 26–27.
UMyalezo wangeNyanga Umhlobo, EyeSilimela 2024
UThixo Ukhulula u-Alma no-Amyuleki
U-Alma no-Amyuleki baya kwisixeko esibizwa ngokuba yi-Amoniha. Bafundisa abantu malunga noYesu Krestu. Kodwa abantu babenomsindo ngako oko bakufundisayo. Bafaka u-Alma no-Amyuleki entolongweni.
Abantu bamonzakalisa u-Alma no-Amyuleki. Babesetolongweni iintsuku eziliqela.
U-Alma no-Amyuleki bathandaza bacela amandla. Babenokholo kuThixo. Yena wabanika amandla okophula intambo ezihlahleni zabo.
Waza umhlaba washukuma. Iindonga zentolongo zawela phantsi! UThixo wanceda wakhulula uAlma no-Amyuleki Bayishiya i-Amoniha ukuya kufundisa abanye abantu malunga noYesu Krestu.
Iphepha lokufakela Imibala
Ndiyazi ukuba uYesu Uyandithanda Mna
Umfanekiso ngu-Adam Koford
Zinto zini ezikukhumbuza ngothando lukaYesu Krestu?
© 2024 by Intellectual Reserve, Inc. All rights reserved. Ishicilelwe eMelika. Imvume yesiNgesi: 6/19. Imvume yenguqulelo: 6/19. Inguqulelo ye Monthly Friend Message, June 2024. Xhosa. 19289 774