Yizani, Nindilandele 2024
EyoMsintsi 9–15: “Iindaba Ezilungileyo zoVuyo oluKhulu” Hilamani 13–16


“EyoMsintsi 9–15: ‘Iindaba Ezilungileyo zoVuyo oluKhulu.’ Hilamani 13–16,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: iNcwadi kaMormoni 2024 (2023)

“EyoMsintsi 9–15. Hilamani 13–16,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: 2024 (2023)

Umfanekiso
USamuweli umLeymenayithi efundisa eludongeni

Samuel the Lamanite on the Wall [USamuweli umLeymenayithi eluDongeni], ngu Arnold Friberg

EyoMsintsi 9–15: “Iindaba Ezilungileyo zoVuyo oluKhulu”

Hilamani 13–16

Ixesha lokuqala uSamuweli umLeymenayithi ezama ukwabelana “iindaba ezilungileyo” eZarahemla (Hilamani 13:7), waliwa kwaye wakhutshelwa ngaphandle ngamaNifayithi antliziyo zilukhuni. Usenokutsho ngokungathi babezakhele udonga olungenakungeneka olujikeleze iintliziyo zabo olwabathintela ekufumaneni umyalezo kaSamuweli. USamuweli wayekuqonda ukubaluleka komyalezo awayewuphethe kwaye wabonakalisa ukholo ngokulandela umyalelo kaThixo “makabuyele kwakhona, aze aprofete” (Hilamani 13:3). Njengo Samuweli, sonke sidibana neendonga xa “siwulungisa umendo weNkosi” (Hilamani 14:9kwaye sizabalazela ukulandela abaprofeti baKhe. Kwaye njengoSamuweli, nathi siyangqina ngoYesu Krestu, “oya kuza ngokwenene,” kwaye simema bonke ukuba “bakholelwe egameni lakhe” (Hilamani 13:6; 14:13). Asinguye wonke ubani oya kuphulaphula, kwaye abanye banokusichasa. Kodwa abo bakholelwa kulo myalezo benokholo kuKrestu bafumanisa ukuba ngokwenene “ziindaba ezilungileyo” (Hilamani 16:14).

Iingcebiso zokufunda eKhaya naseBandleni.

Hilamani 13

INkosi inika izilumkiso ngabaprofeti baYo.

Kwizibhalo, abaprofeti ngamanye amaxesha bafaniswa nabalindi abaseludongeni okanye inqaba abalumkisa ngeengozi (bona Isaya 62:6; Hezekile 33:1–7). Njengokuba ufunda amazwi kaSamuweli ku Hilamani 13, cinga ngendlela afana ngayo nomlindi wakho. Yintoni awayithethayo ebonakala iphathelele kumhla wethu? (bona ngakumbi imiqolo 8, 21–22, 26–29, 31, and 38). Ngokomzekelo, yintoni eyafundiswa nguSamuweli ngenguquko? ngokuthobeka nobutyebi? ngokufuna ulonwabo “ekwenzeni okungendawo”?

Ungaphinda ukhangele imiyalezo yamva nje yekomfa ukuze ufumane izilumkiso ezifanayo iNkosi ezinikileyo ngabaprofeti bangoku. Uziva uphenjelelwe ukuba wenze ntoni ngezi zilumkiso?

Khangela iiphatheni. Iphatheni sisicwangciso okanye umzekelo onokusetyenziswa njengesikhokelo sokuphumeza umsebenzi. Kwizibhalo, sifumana iipatheni ezibonisa indlela iNkosi ewenza ngayo umsebenzi waYo, njengokuthumela abakhonzi baYo ukuba baye kulumkisa abantu.

Umfanekiso
usapho lubukele inkomfa yajikele

Njengokuba simamela abaprofeti, bayakukhomba kuYesu Krestu.

Hilamani 13–15

Umfanekiso
seminary icon
UThixo undimema ukuba ndiguquke.

Izilumkiso zikaSamuweli eziphathelele imigwebo kaThixo ngokuqhubekayo zaziquka isimemo senceba sokuguquka. Khangela ezi zimemo kuye wonke u Hilamani 13–15 (bona ngakumbi Hilamani 13:6– 11; 14:15–19; 15:7–8). Ufunda ntoni kule miqolo ngenguquko? Abanye abantu bajonga inguquko njengesohlwayo esiqatha—into abamele bayiphephe. Ngokoluvo lwakho, uSamuweli wayefuna ukuba amaNifayithi ayibone njani inguquko?

   Uyichaza njani inguquko? Ziziphi iintsikelelo zokuguquka ngokunyanisekileyo ozifumana kumyalezo wakhe? Usenokujonga kananjalo izinto ezithile umprofeti asimema ukuba sizitshintshe. Ukuxelela ntoni uMoya oyiNgcwele ekufuneka uyitshintshe? Cinga ngokubhala phantsi isityhilelo sobuqu osifumanayo.

Yahluke njani inguquko kunokutshintsha nje ukuziphatha kwakho? Kutheni kubalulekile ukwamkela isimemo sikaThixo sokuguquka?

Hilamani 14; 16:13–23

UThixo wathumela imiqondiso nemimangaliso ukungqina ngokuzalwa nokufa koMsindisi.

Ku Hilamani 14, uSamuweli wacacisa ukuba iNkosi yanika imiqondiso yokuzalwa nokufa koMsindisi ukuze abantu “babe nokwazi … ngokuza kwakhe” kwaye “bakholwe egameni lakhe.” (Hilamani 14:12). Njengokuba ufunda uHilamani 14, qaphela imiqondiso yokuzalwa koMsindisi kwi miqolo 1–8 nemiqondiso yokufa kwaKhe kwi miqolo 20–28. Kutheni ucinga ukuba le miqondiso inokuba ziindlela ezisebenzayo zokubonisa ukuzalwa nokufa kukaYesu Krestu?

Eminye iminqondiso yobuqu kwaye nemangalisayo kakhulu ingakunceda “ukholwe egameni [loMsindisi].” Yintoni Yena ayenzileyo ukomeleza ukholo lwakho kuYe?

Sesiphi isilumkiso esinikwayo ngemiqondiso ku Hilamani 16:13–23? Unokusiphepha njani isimo sengqondo sabantu abachazwe kule miqolo?

Bona kananjalo Alma 30:43–2; Ronald A. Rasband, “By Divine Design,” Liahona, EyeNkanga 2017, 55–57.

Hilamani 15:3

Isohlwayo esivela kwiNkosi luphawu lothando lwaKhe.

Amazwi kaSamuweli aqulathe izohlwayo ezininzi eziqatha, kodwa u Hilamani 15:3 usinika umbono wokohlwaya ovela eNkosini. Isohlwayo esivela eNkosini singaluphawu njani lothando lwakhe? Bobuphi ubungqina obubonayo bothando nenceba yeNkosi kwiziprofeto nezilumkiso zikaSamuweli?

   Ukhe wambona nini uThixo esebenza ngezi ndlela ebomini bakho?

Hilamani 16

AbaProfeti bandikhokela kuYesu Krestu.

Ku Hilamani 16, yintoni oyifundayo kwabo bamkela iimfundiso zikaSamuweli? Ufunda ntoni kwabo bamalayo? Cinga ngendlela ekuncede ngayo ukulandela abaprofeti abaphilayo ukuba usondele kuYesu Krestu.

Ngezimvo ezingakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga lweencwadi Liyahona kunye Okwenzelwe Ukomeleza uLutsha.

Iingcebiso Zokufundisa Abantwana

Hilamani 13:2–5

UThixo unako ukuthetha nam entliziyweni yam.

  • Unokubafundisa njani abantwana bakho ukuba uThixo unokuthetha nentliziyo yethu, njengokuba Yena wenzayo kuSamuweli? Mhlawumbi unokubacela ukuba bakubonise iindlela ezahlukeneyo zokunxibelelana ngaphandle kwamagama (ezifana nezijekulo okanye inkangeleko yobuso). Oku kunokukhokelela kwingxoxo ngeendlela ezahlukeneyo uBawo oseZulwini anxibelelana kunye nathi ngazo. Njengenxalenye yale ngxoxo, wena nabantwana bakho ningajonga kumfanekiso kaSamuweli umLeymenayithi (olu lulwandlalo lunemibini) kwaye nifunde u Hilamani 13:2–5 njengokuba abantwana bakho bemamela indlela uThixo awamxelela ngayo uSamuweli into amakayithethe.

  • Uninzi lwethu—ingakumbi abantwana—lufuna uncedo lokufunda ukuqonda indlela kwaye nanini uThixo athetha nathi. Ungaxelela abantwana bakho ngexesha apho uMoya oyiNgcwele wakuncedayo ukuba wazi entliziyweni yakho into uThixo afuna uyenze okanye uyithethe. Cacisa ukuba wazi njani ukuba uThixo wayenxibelelana nawe. Mhlawumbi abantwana bakho nabo banokubalisa nawaphi na amava afanayo abaye bawafumana.

Hilamani 14:2–7, 20–25

AbaProfeti bafundisa ngoYesu Krestu

  • Yintoni uSamuweli awayifundisayo ngoMsindisi? Mhlawumbi ungabelana ngezinto abaprofeti banamhlanje abafundisa ngazo ngaYe. Amazwi abo alwakha njani ukholo lwethu kuYe?

Hilamani 16:1–6

Ndisikelelekile njengoko ndilandela umprofeti.

  • Unokwakha ithemba labantwana bakho kumprofeti ngokubabonisa imizekelo yabantu ababethembekile. Ezinye zezi zifumaneka ku Hilamani 16:1, 5. Njengoko ufunda, abantwana bakho banokuphakama xa besiva into eyenziwa ngabantu xa babekholelwa amazwi kaSamuweli. Emva koko, njengoko ufunda imiqolo 2 no 6, abantwana bakho banokuhlala phantsi xa besiva into eyenziwa ngabantu xa babengakholelwa. Sinokubonisa njani ukuba siyawakholelwa amazwi omprofeti ophilayo? Xelela abantwana ukuba usikelelwe njani njengokuba ulandela ingcebiso yeNkosi ngabaprofeti baKhe.

Ngezimvo ezingakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga lwencwadi Umhlobo.

Umfanekiso
Samuweli umLeymenayithi

Samuel the Lamanite [Samuweli umLeymenayithi] nguLester Yocum

Shicilela