Yizani, Nindilandele 2024
EyoMsintsi 16–22: “Yiphakamise iNtloko Yakho uze Ube noLonwabo.” 3 Nifayi 1–7


“16–22: ‘ iNtloko Yakho uze Ube noLonwabo.’ 3 Nifayi 1-7,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: iNcwadi kaMormoni 2024 (2023)

“EyoMsintsi 16–22. 3 Nifayi 1–7,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: 2024 (2023)

Umfanekiso
AmaNifayithi angqina imini engenabusuku

One Day, One Night, and One Day [Imini Enye, Ubusuku Obunye, kunye neMini Enye], nguJorge Cocco

EyoMsintsi 16–22: “Yiphakamise iNtloko Yakho uze Ube noLonwabo”

3 Nifayi 1–7

Ngeendlela ezithile, yayilixesha elivuyisayo lokuba likholwa kuYesu Krestu. Iziprofeto zazizalisekiswa—imiqondiso emikhulu nemimangaliso phakathi kwabantu yabonisa ukuba uMsindisi wayeza kuzalwa kungekudala. Kwelinye icala, yayikwalixesha lokuxhalaba kumakholwa kuba, ngaphezu kwayo yonke imimangaliso, abangakholwayo bagxininisa ukuba “ilixa lidlule” lokuba uMsindisi azalwe (3 Nifayi 1:5). Aba bantu babangela “ingxolo enkulu kulo lonke ilizwe” (3 Nifayi 1:7) kwaye bade babeka umhla wokubulala onke amakholwa ukuba umqondiso owaprofetwa nguSamuweli umLeymenayithi—ubusuku obungenabumnyama—awuzange ubonakale.

Kwezi meko zinzima, umprofeti uNifayi “wadanduluka ngamandlakazi kuThixo wakhe ngenxa yabantu bakhe” (3 Nifayi 1:11). Impendulo yeNkosi iyaphembelela kuye nabani na ojongene nentshutshiso okanye ukuthandabuza kwaye kufuneka azi ukuba ukukhanya kuya kuboyisa ubumnyama: “Yiphakamise intloko yakho uze ube nolonwabo; … ndiya kukuzalisekisa konke endikubangele ukuba kuthethwe ngemilomo yabaprofeti bam abangcwele” (3 Nifayi 1:13).

Iingcebiso zokufunda eKhaya naseBandleni

3 Nifayi 1–7

Ukuguqukela kwivangeli kaYesu Krestu kufuna umntu abe nomonde kunye nomgudu

3 Nifayi 1–7 uchaza abantu ababeguqukele eNkosini nabanye ababengenjalo. Yayiyintoni umahluko kula maqela? Itshathi efana nale ilandelayo inokukunceda ulungelelanise iingcinga zakho:

Izinto ezenza ubuzaza kwinguquko.

Izinto ezenza uqilima kwinguquko.

3 Nifayi 1:5–11

Ukungakholwa kumazwi abaprofeti nokuhlekisa ngamalungisa

Ukuba nokholo kumazwi abaprofeti kunye nokuthandazela uncedo.

3 Nifayi 1:29–30

3 Nifayi 2:1–3

3 Nifayi 3:12–16

3 Nifayi 4:8–10, 30–33

3 Nifayi 6:13–18

3 Nifayi 7:15–22

Buza imibuzo njengoko ufunda. Ngokomzekelo, xa ugqibezela le tshathi, ungabuza imibuzo enje “Ndifunda ntoni apha?” Oku kunga mema iimpembelelo zikaMoya oyiNgcwele.

3 Nifayi 1:1–23

Umfanekiso
seminary icon
Ngenxa kaYesu Krestu, “ndingaba nolonwabo.”

UBawo wakho Osezulwini uyazi ukuba ubomi bakho buyakuba namathuba obunzima, nawoyikisayo. Kodwa ukwafuna ukuba ungcamle uvuyo. Funda u 3 Nifayi 1:1–23 ukufunda ngezizathu zokuba amaNifayithi athembekileyo abenoloyiko. Zizathu zini iNkosi eyabanika zona ukuba “babe nolonwabo”?

UMsindisi usebenzise ibinzana “ube nolonwabo” amaxesha amaninzi—ngokomzekelo, ku Mateyu 14:24–27; Yohane 16:33; Imfundiso neMinqophiso 61:36; 78:17–19. Yintoni ekuchukumisayo ngezi zimemo? Usengafunda imiqolo erhangqileyo ukuqonda iimeko uMsindisi awatsho kuzo la mazwi Kwimeko nganye, zizathu zini Awazinikayo ukunceda abantu bajongane noloyiko lwabo? Yena ukwenzele njani wena oku?

         

  

3 Nifayi 1:4–21; 5:1–3

INkosi Iyakuwazalisekisa onke amazwi ayo ngexesha Layo.

Fundani 3 Nifayi 1:4–7, kwaye nicinge ukuba nanizakuva njani ukuba naningamanye aloo makholwa. Benza ntoni ukugcina ukholo lwabo lomelele? (bona 3 Nifayi 1:4–21). Azaliseka njani amazwi ka Samuweli? (bona 3 Nifayi 1:19–21). INkosi iwazalise njani amazwi ayo ebomini bakho?

3 Nifayi 1:4–15; 5:12–26; 6:10–15; 7:15–26

Ndingumfundi kaYesu Krestu.

UMormoni wabhengeza, “Qaphelani, mna ndingumfundi kaYesu Krestu” (3 Nifayi 5:13). Lithetha ntoni eli binzana kuwe? Cinga ngokuphanda u 3 Nifayi 1:4–15; 5:12–26; 6:10–15; kunye 7:15–26, ukhangele iimpawu, iinkolelo, nezenzo zabafundi bakaKrestu.

  

3 Nifayi 2:11–12; 3:1–26

Xa ndisebenzisa ukholo lwam kuYesu Krestu, akukho mfuneko yoloyiko.

Amava amaNifayithi ngamaqumrhu abaphangi aqulathe izifundo ezinokukunceda ngeengozi zokomoya ojongene nazo. Khangela ezi zifundo njengoko ufunda u 3 Nifayi 2:11–12 no 3:1–26 Ngokomzekelo, ungaphanda amazwi kaGidiyani ku 3 Nephi 3:2–10 kwaye uwathelekanise neendlela uSathane anokuzama ngazo ukukukhohlisa. Yintoni oyifundayo kumzekelo kaLakhoniyasi?

Ngezimvo ezingakumbi, jonga ukhutsho lwale nyanga lweencwadi Liyahona kunye Okwenzelwe Ukomeleza uLutsha.

Iingcebiso Zokufundisa Abantwana

3 Nifayi 1:4–15, 19–21

Inkwenkwezi entsha yavela xa uYesu Krestu wayezalwa.

3 Nifayi 1:4–21

Amazwi abaprofeti asoloko ezalisekiswa.

  • Njengoko wena nabantwana bakho nifunda 3 Nifayi 1: 4–10, bameme ukuba bathethe malunga nokuba babenokuva njani ukuba babengamakholwa aphile ngela xesha. Kanti, njengokuba befunda inxalenye yengxelo kwi miqolo11–15, basenokucebisa ngeendlela zokugqibezela esi sivakalisi: “Isifundo seli bali kum ku …”

  • Mhlawumbi abantwana bakho bangakunceda ucinge ngamaxesha athile apho uThixo wazalisekisa izithembiso ezanikelwa ngabaprofethi baKhe. &160; Bavumele babelane ngoko bakwaziyo ngala mabali, ukuquka ukuba izithembiso zikaThixo zazaliseka njani. Fundani kunye 3 Nifayi 1:20, kwaye nabelane ngenikubonileyo ngezi nyaniso.

3 Nifayi 2:11–12; 3:13–14, 24–26

Somelele xa sihlanganyele kunye.

  • Nceda abantwana bazifumanele ukuba kwakutheni amaNifayithi aqokelelane kunye neentsikelelo ezeza kubo ku 3 Nifayi 2:11–12 kunye 3:13–14, 24–26. Kutheni le nto kubalulekile ukuba sihlanganyele namhlanje kwiintsapho zethu kunye nasebandleni.?

  • Unolwazi ngesifundo esinenjongo esifundisa ngamandla omanyano? Mhlawumbi abantwana bakho banokuphula uluthi olunye kunye kwaye nenyanda yezinti okanye bakrazule isiqwenga sephepha kanti nemfumba yamaphepha. Ingaba thina sifana njani nezinti okanye amaphepha?

3 Nifayi 5:12–26; 6:14; 7:15–26

Ndingumfundi kaYesu Krestu.

  • Emva kokufunda kunye u 3 Nifayi 5:13, mema abantwana bakho ukuba baphinde ibinzana “Ndingumfundi kaYesu Krestu.” Ukufunda ukuba kuthetha ukuthini ukuba ngumfundi kaYesu Krestu, fundani kunye eminye yale mizekelo: amaLeymenayithi aguqukileyo ( bona 3 Nifayi 6:14), uMormoni (bona 3 Nifayi 5:12–26), kunye uNifayi (bona 3 Nifayi 7:15–26).  

  • Kwisiqwenga sephepha, nceda abantwana bayile izandla zabo kwaye basike oko bakuyilileyo. Bhala “Ndingumfundi kaYesu Krestu” kwelinye icala, kwaye ubameme bazobe into abanokuyenza ukuba ngumfundi kwelinye icala.

Ngezimvo ezingakumbi, jonga ukhutsho lwale nyanga lwencwadi Umhlobo.

Umfanekiso
AmaNifayithi angqina imini engenabusuku

A Day, a Night, and a Day [Imini, Ubusuku neMini]nguWalter Rane

Shicilela