Yizani, Nindilandele 2024
EyoMsintsi 23–29: “Phakamani Nize Nisondele Kum.” 3 Nifayi 8–11


“EyoMsintsi 23–29:‘Phakamani Nize Nisondele Kum.’ 3 Nifayi 8–11,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: INcwadi kaMormoni 2024 (2023)

“EyoMsintsi 23–29. 3 Nifayi 8–11,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: 2024 (2023)

Umfanekiso
UYesu Krestu ezibonakalisa kumaNifayithi

I Am the Light of the World [Mna Ndikukukhanya kweHlabathi], nguJames Fullmer

EyoMsintsi 23–29: “Phakamani Nize Nisondele Kum”

3 Nifayi 8:11

“Qaphelani, Mna ndinguYesu Krestu, lowo abaprofeti bangqinayo ukuba uya kuza ehlabathini” (3 Nifayi 11:10). Ngala mazwi, uMsindisi ovukileyo ekufeni wazazisa ngokwaKhe, ezalisekisa iziprofeto ezingaphaya kwama 600 eminyaka zeNcwadi KaMormoni “Lo mbonakalo neso sibhengezo,” uMdala uJeffrey R. Holland wabhala, “yenza indawo ekugxilwe kuyo, umzuzu ophakamileyo, kuyo yonke imbali yeNcwadi kaMormoni. Yaba ngumboniso kwaye ummiselo owazisa kwaye waphembelela umprofeti ngamnye wamaNifayithi. … Bonke babethethile ngaye, bacula ngaye, baphupha ngaye, kwaye bathandazela ukuzibonakalisa kwakhe—kodwa apha ngokwenene wayekhona. Usuku lweentsuku! UThixo oguqula nobuphi ubusuku obumnyama bube kukukhazimla kwentsasa wayefikile” (Christ and the New Covenant [1997], 250–51).

 

Iingcebiso zokufunda eKhaya naseBandleni.

3 Nifayi 8–11

UYesu Krestu ukukuKhanya kweHlabathi.

Ungaphawula ukuba imixholo enxulumene nobumnyama nokukhanya iyaphindaphindwa kuye wonke 3 Nifayi 8–11 Ufunda ntoni kwezi zahluko ngobumnyama nokukhanya komoya? (bona, ngokomzekelo, 3 Nephi 8:19–23; 9:18; 10:9–13). Yintoni ezisa ubumnyama ebomini bakho? Yintoni ezisa ukukhanya? Ucinga ukuba kwakutheni uMsindisi wazazisa ngokwaKhe njengo “kukhanya nobomi behlabathi”? (3 Nifayi 9:18; 11:11).

Iziganeko ezichazwe ku 3 Nifayi 9–11 ziphakathi kwezona zingcwele kwiNcwadi kaMormoni. Zifunde kancinane, uze ucingisise ngenyameko. Nantsi eminye imibuzo ukunceda. Cinga ngokubhala iimvakalelo eziza kuwe.

  • Ngendaziva njani ukuba ndandiphakathi kwaba bantu?

  • Yintoni endichukumisayo ngoMsindisi kwezi zahluko?

  • Ndazi njani ukuba uYesu Krestu nguMsindisi wam?

  • Yena ube kukukhanya njani ebomini bam?

 

Bhala iimvakalelo. Xa ubhala iimvakalelo zokomoya ozifumanayo, kunokwenzeka ukuba ufumane ezingakumbi.

3 Nifayi 9–10

UYesu Krestu uyakulangazelela ukuxolela.

UMdala uNeil L. Andersen wathi, “Ndiyangqina ukuba uMsindisi unako kwaye ulangazelela ukuxolela izono zethu.” (“Repent … That I May Heal You,” Liahona, EyeNkanga. 2009, 40). Phengulula 3 Nifayi 9–10 ngobungqina bokulangazelela kukaKrestu ukuxolela. Yintoni oyifumana ku 3 Nifayi 9:13–22; 10:1–6 ekuncedayo ukuba uve uthando nenceba yaKhe? Umve nini Yena “ehlanganisa” kwaye “esondla” wena (bona 3 Nifayi 10:4).

3 Nifayi 9:19–22

INkosi ifuna “intliziyo eyaphukileyo nomoya otyumkileyo.”

Phambi kokuza koMsindisi, amadini ezilwanyana ayengumfuziselo wedini likaYesu Krestu (bona Moses 5:5–8). Ngowuphi umyalelo omtsha awathi uMsindisi wawunikela ku 3 Nifayi 9:20–22? Usikhomba njani kuYe nakwidini laKhe?

Kuthetha ukuthini kuwe ukunikela idini lentliziyo eyaphukileyo nomoya otyumkileyo? Kutheni uziva ukuba uMsindisi ufuna eli dini kuwe?

3 Nifayi 11:1–8

Umfanekiso
seminary icon
Ndingafunda ukuliva kwaye ndiliqonde ilizwi likaThixo.

Wazi njani xa uThixo ethetha nawe? Mhlawumbi amava abantu ku 3 Nifayi 11: 1–8 angakunceda uqonde eminye imigaqo yokuva nokuqonda ilizwi likaThixo. Ungaqaphela iimpawu zelizwi likaThixo abathi abantu baliva nokokuba benza ntoni ukuliqonda ngcono.

Isenokunceda kananjalo ukuphonononga ezinye izibhalo ezichaza ilizwi likaThixo okanye impembelelo yoMoya waKhe. sNazi ezimbalwa: Mhlawumbi, emva kokufunda ezi, ungabhala izikhokelo zokuqaphela isityhilelo: OoKumkani I 19:11–12; AmaGalati 5:22–23; Alma 32:27–28, 35; Hilamani 10:2–4; Etere 4:11–12; IMfundiso neMinqophiso 9:7–9; 11:11–14.

Ungazuza kananjalo ngokuva kubaprofeti banamhlanje, abapostile, nezinye iinkokeli zeBandla ezinamava okuva nokulandela ilizwi likaThixo.    

Uya kusebenzisa njani oko ukufundileyo ukuva nokuqonda ilizwi likaThixo ngokucacileyo ngakumbi?

Bona kananjalo Russel M. Nelson, “Mveni Yena, LiyahonaUCanzibe 2020, 88–92.

Umfanekiso
UYesu ebonisa amanxeba waKhe ezandleni zaKhe kumaNifayithi

One by One [Ngamnye ngaMnye, nguWalter Rane

3 Nifayi 11:8–17

UYesu Krestu undimema ukuba ndibe nobungqina bam bobuqu ngaYe.

Babe kumyinge wama 2,500 abantu abaqokelelana kwilizwe leNdyebo xa wavelayo uYesu Krestu (bona 3 Nifayi 17:25). Nangona eli nani lilikhulu, uMsindisi wabamema “ngabanye ngabanye” ukuba beze kuva amanxeba ezandleni nasezinyaweni zaKhe (3 Nifayi 11:14–15). Njengokuba ufunda, yiba nomfanekiso-ngqondweni wokokuba kwakunokubanjani ukuba lapho. Zeziphi iindlela uMsindisi akumema ngazo ukuba “[u]phakame uze usondele” kuYe? (3 Nifayi 11:14).

Ngezimvo ezingakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga lweencwadi Liyahona kunye Okwenzelwe Ukomeleza uLutsha.

Iingcebiso Zokufundisa Abantwana

Ngenxa yokuba le Cawa yiCawe yesihlanu enyangeni, ootitshala basePrayimari bayakhuthazwa ukuba basebenzise imisebenzi yokufunda “kwiSihlomelo B: Ukulungiselela Abantwana uBomi Bonke kwiNdlela yoMnqophiso kaThixo.”

3 Nifayi 8–9

Xa ndisebumnyameni, uYesu Krestu unokuba kukukhanya kwam.

  • Ukunceda abantwana bakho banxulumane namava achazwe ku 3 Nifayi 8–9, ungaphinda ubalise okanye umamele ushicilelo lweenxenye zezi zahluko kwigumbi elimnyama. Xoxani ngokuba inokuba kwakunjani ukuba sebumnyameni iintsuku ezintathu. Emveni koko ungathetha ngokuba kutheni uYesu Krestu wazibiza ngokwaKhe ngokuba ukukuKhanya kweHlabathi (bona 3 Nifayi 9:18). UYesu wabamema abantu, nathi, ukuba senze ntoni ukuze Yena abe kukukhanya kwethu? (bona 3 Nifayi 9:20–22).

3 Nifayi 10:4–6

UYesu ukhusela abantu baKhe njengokuba isikhukukazi sikhusela amantshontsho aso.

  • Ukusetyenziswa kwesikweko sesikhukukazi siqokelela amantshontsho aso singasisixhobo esinamandla ukunceda abantwana baqonde isimilo soMsindisi nomsebenzi wakhe. Ungafunda 3 Nifayi 10:4–6 ngelixa usapho lwakho lujonga kumfanekiso wesikhukukazi namantshontsho. Kutheni kungafuneka isikhukukazi siqokelele amantshontsho aso? Kutheni uMsindisi efuna ukusiqokelelela kufutshane naYe? Siza njani kuYe ngokhuseleko?

3 Nifayi 11:1–15

UYesu Krestu undimema ukuba ndizi kuYe.

  • Ungabanceda njani abantwana bakho bawuve uMoya njengokuba nifunda u 3 Nifayi 11:1–15 kunye? Mhlawumbi unokubacela bakuxelele xa befumene okuthile kule miqolo ebanceda baluve uthando lukaThixo.   Xelela abantwana bakho ngendlela oziva ngayo xa ufunda kwaye ucingisisa ngezi ziganeko. Bavumele babelane ngeemvakalelo zabo nabo.

3 Nifayi 11:1–8

UThixo uthetha nam ngelizwi elithambileyo nelincinane.

  • Mhlawumbi ungafunda eminye yale miqolo ngelizwi elithambileyo, “ilizwi elincinane” (3 Nifayi 11:3).   Kwafuneka ukuba abantu benze ntoni ukuze bakwazi ukuliqonda ilizwi elisuka ezulwini? (bona imiqolo 5–7). Yintoni esiyifundayo kumava abo?

3 Nifayi 11:21–26

UYesu Krestu ufuna ukuba ndibhaptizwe.

  • Njengokuba ufunda 3 Nifayi 11:21–26, ungamema abantwana bakho ukuba baphakame ngalo lonke ixesha besiva igama bhaptiza. Wafundisa ntoni uYesu ngobhaptizo? Ukuba abantwana bakho sele belubonile ubhaptizo ngaphambili, bacele ukuba bachaze into abayibonayo. Kutheni uYesu efuna ukuba sibhaptizwe?

Ngezimvo ezingakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga lwencwadi Umhlobo.

Umfanekiso
UYesu Krestu ezibonakalisa kumaNifayithi

One Shepherd [Umalusi Omnye], nguHoward Lyon

Shicilela