Yizani, Nindilandele 2024
EyeDwarha 7–13: “Qaphelani, uVuyo Lwam Luzele.” 3 Nifayi 17–19


“EyeDwarha 7–13: ‘Qaphelani, uVuyo Lwam Luzele.’ 3 Nifayi 17–19,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: INcwadi kaMormoni 2024 (2023)

“EyeDwarha 7–13. 3 Nifayi 17–19,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: 2024 (2023)

Umfanekiso
UYesu Krestu ezibonakalisa kumaNifayithi

The Light of His Countenance Did Shine upon Them [UKhanya Kwembonakalo yoBuso Bakhe kwaKhazimila Phezu Kwabo], nguGary L.Kapp

EyeDwarha 7–13: “Qaphelani, uVuyo Lwam Luzele”

3 Nifayi 17–19

UYesu Krestu wayesandul’ ukuchitha imini elungiselela kwilizwe leNdyebo, efundisa ivangeli yaKhe, evumela abantu babone kwaye bave iimpawu kumzimba waKhe ovukileyo, kwaye engqina ukuba Yena wayenguMsindisi othenjisiweyo. Ngoku yayilixesha lokuhamba. “Ixesha lam selikufuphi,” Yena watsho (3 Nifayi 17:1). Yena wayesele eza kubuyela kuBawo waKhe, kwaye Yena wayesazi ukuba abantu babedinga ixesha lokucingisisa oko Yena wayekufundisile. Ngoko, ethembisa ukubuya ngengomso, Yena wasindulula isihlwele ukuba siye emakhayeni aso. Kodwa akubangakho namnye wamkayo. Abazange bathethe ngendlela ababevakalelwa ngayo, kodwa uYesu wayeyiva: babenethemba lokuba Yena uya “kuhlala ithutyana elidana kunye nabo” (3 Nifayi 17:5). Yena wayenezinye izinto ezibalulekileyo ekufuneka azenze, kodwa ukubonisa uvelwano kubantwana bakaThixo kusoloko kuyinto ephambili kuYe. Ngoko uYesu wahlala ithutyana elidana. Okwalandelayo mhlawumbi ngowona mzekelo wobubele wobulungiseleli obhalwe kwizibhalo. Abo babekhona babenokuthi kuphela yayingenakuchazeka (bona 3 Nifayi 17:16–17). UYesu ngokwaKhe washwankathela ukutheleka komoya okungalungiselekanga ngala mazwi alula: “Kwaye ngoku qaphelani, uvuyo lwam luzele” (3 Nifayi 17: 20).

Izimvo zokufunda eKhaya naseBandleni.

3 Nifayi 17; 18:24–25, 30–32

UMsindisi ungumzekelo wam ogqibeleleyo wokulungiselela.

Malunga nama-2,500 abantu ababekho xa uMsindisi wayevela, kodwa Yena wafumana indlela yokulungiselela ngamnye ngamnye kubo. Uphawula ntoni ngendlela Yena awulungiselela ngayo ku 3 Nifayi 17; 18:24–25, 28–32? Zeziphi iimfuno Yena walungiselela kuzo? Zeziphi iimpawu ezenza ulungiselelo lwaKhe lwasebenza? Usenokucinga kananjalo ngendlela Yena alungiselela ngayo kuwe. Ungawulandela njani wena umzekelo waKhe? (Bona kananjalo 3 Nifayi 18:24–25 no 28–32.)

3 Nifayi 17:13–22; 18:15–25; 19:6–9, 15–36

UMsindisi wandifundisa mna indlela yokuthandaza.

Yiba nomfanekiso-ngqondweni wokokuba kwakunokuba njani ukuva uMsindisi ekuthandazela. Amava anje angayichaphazela njani indlela othandaza ngayo? Cingisisa oku njengoko ufunda 3 Nifayi 17:13–22; 18:15–25; no 19:6–9, 15–36. Ufunda ntoni kumzekelo kaYesu Krestu nakwiimfundiso zakhe ngomthandazo? Cinga ngokujonga ukuqonda malunga nendlela, nini, phi, ngoobani, kwaye kutheni simele sithandaze. Zeziphi ezinye iimbono ozifumanayo kule miqolo??

Bona kananjalo IMfundiso neMinqophiso 10:15

3 Nifayi 18:1–12

Umfanekiso
umfanekiso weengcinga
Ndingazaliswa nguMoya njengoko ndithatha umthendeleleko.

Xa sisenza into rhoqo, inokuba yinto yesiqhelo okanye iqheleke. Ngamanye amaxesha siphela siyenza singacinganga nokucinga. Ungakunqanda njani oko ukuba kungenzeki ngommiselo weveki yomthendeleko? Njengokuba ufunda u 3 Nifayi 18:1–12, cingisisa ukuba “ungazaliswa” njani ngokwasemoyeni ixesha ngalinye uthatha umthendeleko (bona kananjalo 3 Nifayi 20:1–9). Ngokwe miqolo 5–7, 11, zeziphi ezinye izinto ekufuneka “ngamaxesha onke” uzenze? Ungacgisisa kananjalo ukuba kutheni uYesu wasinika ummiselo womthendeleko—kwaye nokuba umthendeleko uyayifeza na injongo yaKhe ebomini bakho. Kutheni umthendeleko ungcwele kuwe?

Kumyalezo wakhe “Soloko Ukhumbula Yena” (Liyahona, EyoMdumba. 2018, 4–6), uMongameli Henry B Eyring wanikeza “iingcebiso ezintathu zokuba yintoni onokuyi khumbula qho ngeveki nganye xa usitya amaqhekeza angcwele omthendeleko.” Yintoni ebalaseleyo kuwe ngeengcebiso zakhe? Ungenza ntoni ukuphucula unqulo lwakho ngexesha lomthendeleko na phakathi kwe veki yonke?

Yintoni enye onokuyenza ukuze unqule ngokunentsingiselo ngakumbi? Ungazibuza imibuzo efana nale: “Idini loMsindisi libuchaphazela njani ubomi bam bemihla ngemihla?” “Yintoni endiyenzayo kakuhle njengomfundi waKhe, kwaye ndingaphucula ntoni?”

Bona kananjalo Mateyu 26:26–28.

Vumela ixesha lokucingisisa. Ngamanye amaxesha, ukufunda izibhalo kuba ngumxube wokufunda, ukuthandaza, nokucingisisa. Xa uvumela ixesha elizolileyo lokucinga nokuthetha noThixo ngoko ukufundayo, unokwandisa amandla elizwi laKhe ebomini bakho.

3 Nifayi 8: 22-25

Ndiyakwazi “ukuphakamisela phezulu” ukukhanya kukaYesu Krestu.

Masithi unomhlobo ongazi nto ngoYesu Krestu ngaphandle nje kokuba ungomnye wabalandeli baKhe. Umhlobo wakho angagqiba ngelithini ngaYe, ngokusekelwe kwizenzo zakho? Kuthetha ukuthini kuwe “ukphakamisela phezulu ukukhanya kwenu ukuze kukhanyisele ihlabathi”? (3 Nifayi 18:24). Zeziphi ezinye izimemo uMsindisi azinikayo ku 3 Nifayi 18:22–25 ezikuncedayo ukuba uphakamise oko kukhanya?

  

3 Nifayi 18:36–37; 19:6–22

Abafundi baka Yesu Krestu bafuna isipho soMoya oyiNgcwele.

Cinga ngemithandazo yakho yakutshanje. Ikufundisa ntoni imithandazo yakho ngeyona minqweno yakho enzulu? Emva kokuchitha usuku kubukhona boMsindisi, izihlwele “zathandazela oko zazikunqwenela ngakumbi”—isipho soMoya oyiNgcwele (3 Nifayi 19:9). Kutheni isipho soMoya oyiNgcwele sinqweneleka kangaka? Njengoko ufunda ezi zicatshulwa, cingisisa ngowakho umnqweno wobuqabane boMoya oyiNgcwele. Unokubufuna njani ngokunyanisekileyo obo buqabane?

Ngezimvo ezingakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga lweencwadi Liyahona kunye Okwenzelwe Ukomeleza uLutsha.

Iingcebiso Zokufundisa Abantwana

3 Nifayi 17: 7, 20–25

UMsindisi uthanda ngamnye wabantwana bakaBawo oseZulwini.

  • Ungasebenzisa umfanekiso ofana naleyo ekolu lwandlalo ukuze uncede abantwana bakho babe nomfanekiso-ngqondweni wengxelo eku 3 Nifayi 17. Cinga ngokufunda amabinzana okanye imiqolo eku 3 Nifayi 17 egxininisa uthando loMsindisi ebantwini (enjengale miqolo 7 kunye 20–25). Abantwana bakho banokuzoba umfanekiso wabo bekunye noYesu. Njengoko besenjenjalo, bancede bacinge ngeendlela uYesu alubonise ngayo uthando lwakhe ngabo.

Umfanekiso
UYesu esikelela abantwana

Behold Your Little Ones [Qaphelani Abancinane Benu], nguGary L. Kapp

3 Nifayi 18:1–12

Ndinokucinga ngoYesu xa ndithabatha umthendeleko.

  • Mhlawumbi ungamema abantwana bakho ukuba bakuxelele okwenzekayo ngexesha lomthendeleko. Emva koko ungafunda u 3 Nifayi 18:1–12 kwaye ucele abantwana bakho baphakamise isandla xa besiva into efana nale siyenzayo namhlanje. Yintoni uYesu Krestu afuna siyikhumbule okanye sicinge ngayo ngexesha lomthendeleko? (bona 3 Nifayi 18:7, 11).

3 Nifayi 18:15–24; 19:6–9, 15–36

UYesu wandifundisa indlela yokuthandaza.

  •    Wena nabantwana bakho ningafunda u 3 Nifayi 18:18–21 kwaye nithethe ngento eyafundiswa nguYesu ngomthandazo. Ukumema abantwana bakho ukuba bakuxelele indlela abaziva ngayo xa bethandaza kunokubanceda babelane ngobungqina babo bomthandazo.

  • Kusenokuba mnandi ebantwaneni ukuya kuzingela ezinye zeentsikelelo ezixabisekileyo zomthandazo. Ungabhala ezi zikhombisi zezibhalo zilandelayo ephepheni kwaye uzifihle: 3 Nifayi 18:15; 3 Nifayi 18:20; 3 Nifayi 18:21; 3 Nifayi 19:9; no 3 Nifayi 19:23. Abantwana bakho ke bangawafumana amaphepha baze bafunde imiqolo, bekhangela izinto uYesu Krestu okanye abafundi baKhe abazifundisayo ngomthandazo.

Ngezimvo ezingakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga lwencwadi Umhlobo.

Umfanekiso
iingelosi zingqonge uYesu nabantwana bamaNifayithi

Angels Ministered unto Them [Iingelosi Zalungiselela Kubo], nguWalter Rane

Shicilela