Yizani, Nindilandele 2024
EyeDwarha 14–20: “NingaBantwana boMnqophiso.” 3 Nifayi 20–26


“EyeDwarha 14–20: ‘NingaBantwana boMnqophiso.’ 3 Nifayi 20–26,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: iNcwadi kaMormoni 2024 (2023)

“EyeDwarha 14–20. 3 Nifayi 20–26,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: 2024 (2023)

Umfanekiso
UYesu Krestu uzibonakalisa kumaNifayithi

Umzekeliso kaKrestu ebonakala kumaNifayithi, nguAndrew Bosley

EyeDwarha 14–20: “NingaBantwana boMnqophiso”

3 Nifayi 20–26

Xa usiva abantu besebenzisa amagama afana nendlu kaSirayeli, ngaba uvakalelwa kukuba bathetha ngawe? AmaNifayithi namaLeymenayithi babe yinzala yoqobo yama Sirayeli, “abalisebe lomthi kaSirayeli,” kwaye noko baziva “belahlekile emzimbeni wawo” (Alma 26:36; bona kananjalo 1 Nifayi 15:12). Kodwa uMsindisi wayefuna ukuba bazi ukuba abalahlekanga kuYe. “Ningabendlu kaSirayeli,” Yena watsho, “kwaye ningabomnqophiso” (3 Nifayi 20:25). Yena usenokuthetha into efanayo kuwe namhlanje, kuba nabani na obhaptiziweyo aze enze iminqophiso kunye naYe ungowendlu kaSirayeli, “owomnqophiso.” Ngamanye amazwi, xa uYesu ethetha ngendlu kaSirayeli,Yena uthetha ngawe. Umyalelo wokusikelela “zonke izalamane zomhlaba” ngowakho (3 Nifayi 20:27). Isimemo “vuka kwakhona, uze uvathe ukomelela kwakho” sesakho (3 Nifayi 20:36). Kwaye isithembiso saKhe esixabisekileyo, “Ububele Bam abusayi kumka kuwe, nomnqophiso woxolo Lwam,” sesakho (3 Nifayi 22:10).

Iingcebiso zokufunda eKhaya naseBandleni

3 Nifayi 20–22

Ngemihla yokugqibela, uThixo uya kwenza umsebenzi omkhulu nomangalisayo.

Ku 3 Nifayi 20–22, uMsindisi waprofeta ngekusasa labantu Bakhe bomnqophiso (bona ngokukhethekileyo 3 Nifayi 20:30–32, 39–41; 21:9–11, 22–29). Njengokuba ufunda le miqolo, khumbula ukuba uMongameli Russell M. Nelson wathi: “Siphakathi kwabantu bomnqophiso weNkosi. Okwethu kulilungelo elilodwa lokuthatha inxaxheba ngokwethu ekuzalisekiseni kwezi zithembiso. Elinjani lona ixesha lemincili lokuphila! (“The Gathering of Scattered Israel,” Liahona, EyeNkanga. 2006, 79). Kwezi ziprofeto sesiphi esinikisa umdla kuwe ngokukhethekileyo? Yintoni onokuyenza ukuze uzifumane?

Khangela amazwi kunye namabinzana akhuthazayo. Ungafumana ukuba amazwi namabinzana athile kwizibhalo ayakuchukumisa, ngokungathi ayebhalelwe wena ngqo. Cinga ngokuwaphawula kwizibhalo zakho okanye uwabhale kwingxelo yemihla ngemihla yakho yokufunda.

3 Nifayi 22; 24

UThixo unenceba kubantu ababuyela kuYe.

Ku 3 Nifayi 22 no 24, uMsindisi ucaphula amazwi kaIsaya noMalaki azele yimifanekiso ecacileyo nezithelekiso—amatye esiseko amibalabala, amalahle emlilweni, isilivere esulungekileyo, umtshato, iingcango zezulu (bona ngokukhethekileyo 3 Nifayi 22:7–8, 10–17; 24:10–12, 17–18). Ingaba yintoni olu thelekaniso elikufundisa yona ngobudlelwane bukaThixo nabantu baKhe—nobudlelwane Bakhe nawe? Ingaba Izithembiso ezikwezi zahluko ziye zazaliseka njani kubomi bakho?

3 Nifayi 23:6–13

Ukubhala amava okomoya kungasikelela usapho lwam.

Yintoni ekuchukumisayo ngobudlelwane boMsindisi kunye noNifayi ku 3 Nifayi 23:6–13? Ukuba uMsindisi ebenokuhlola uxwebhu olugcinileyo, yeyiphi imibuzo Yena abenokuthi akubuze yona? Zeziphi iziganeko ezibalulekileyo okanye amava ngokomoya ofanele ukuzibhala? Kutheni kubalulekile ukwenzanjalo? (bona 3 Nifayi 26:2).

3 Nifayi 23; 26:1–12

UMsindisi ufuna ndiphengulule izibhalo.

Njengoko ufunda 3 Nifayi 20:10–12; 23; 26:1–12, cingisisa ukuba uMsindisi uziva njani ngezibhalo. Yintoni umahluko phakathi kokuphengulula izibhalo nokufunda nje? (Bona 3 Nifayi 23:1).

3 Nifayi 24:7–12

Umfanekiso
umfanekiso weengcinga
Ukunikela isishumi kuvula iingcango zezulu

Abantu bakaThixo basoloko beyalelwe ukuba babhatale isishumi (bona Genesis 14:17–20; Malaki 3:8–11). Njengokuba ufunda 3 Nifayi 24:7–12, cinga ngokuba kutheni uThixo ecela abantu baKhe ukuba banikele isishumi. Le mibuzo ingakhokela isifundo sakho:

  • Yintoni umthetho wokunikela isishumi? (Bona IMfundiso neMinqophiso 119. “Inzala” kwesi sityhilelo ithetha ingeniso. Onke amalunga anengeniso kufuneka anikele isishumi.) Sahluke njani isishumi kwezinye iintlobo zeminikelo?

  • Isishumi sisetyenziselwa ntoni?    Zeziphi iindlela oye wasikelelwa ngazo ngenxa yokuba amalungu eBandla enikela isishumi?

  • Zeziphi iintsikelelo eziza kubantu abaphila umthetho wokunikela izishumi? (Bona 3 Nifayi 24:7–12).    Khangela, ngokukodwa, iintsikelelo ezingeyomfuneko ngokwemali. Uzibone njani ezi ntsikelelo ebomini bakho?

Esenokufunda u Marko 12:41–44. Likufundisa ntoni eli bali?

3 Nifayi 25:5–6

INkosi yathumela uEliya ukuba ayijikele intliziyo yam kwizinyanya zam.

Kwimihla yethu, iintliziyo zethu “zijikelwe kooyise [bethu]” ngetempile kunye nomsebenzi wembali yosapho. Oku kwenzeke njani kuwe?  Njengokuba ufunda 3 Nifayi 25:5–6 kunye IMfundiso neMinqophiso 110:13–16, cingisisa ukuba kutheni le iyinxalenye ebaluleke kangaka kwicebo likaThixo.

Ngezimvo ezingakumbi, jonga ukhutsho lwale nyanga lweencwadi Liyahona kunye Okwenzelwe Ukomeleza uLutsha.

Iingcebiso Zokufundisa Abantwana

3 Nifayi 23:1, 5

Ndingakwazi ukuziphengulula izibhalo ngenkuthalo.

  • Imiyalelo yoMsindisi ku 3 Nifayi 23 ibonisa ukuba zibaluleke kangakanani izibhalo kuYe. Ukunceda abantwana bakho bakufumanise oku, unokufunda ku 3 Nifayi 23:1, 5 ngokuvakalayo kwaye ubacele ukuba baphulaphule ilizwi eliphinda-phindwe kathathu. Ngaba ukuphengulula kwahluke njani nokufunda nje?

  • Mhlawumbi wena nabantwana bakho ningabhala phantsi umqolo wesibhalo eniwuthandayo kwaye niwufihle. Emva koko ningatshintshana ukufumana isibhalo esifihliweyo somnye nomnye , nizifunde kunye, nize nithethe ngesizathu zokuba kutheni le miqolo inentsingiselo.

3 Nifayi 24:8–12

Ukuhlawula isishumi kuvula iingcango zezulu

  • Nceda abantwana abakho baphengulule u 3 Nifayi 24:8–12 ukuza bafumane iindlela zokugqiba esi sivakalisi: Ukuba ndinikela isishumi, iNkosi iya ku …. Ungabelana kananjalo ngamava owasikelelwa kuwo ngenxa yokuba unikele isishumi. Ukuba kunokuba luncedo, cinga ngokubhala izixa-mali ezimbalwa kwaye uncede abantwana bakho babale ukuba yimalini yesishumi (i-10 lepesenti) yokunikela ngesixa ngasinye.

  • Iphepha lomsebenzi wale veki linokunceda abantwana bakho bafunde bathethe ngezinye zeendlela iNkosi esebenzisa isishumi ukusikelela amalungu eBandla Lakhe. Mhlawumbi bangazoba imifanekiso (okanye bafumane imifanekiso kwiimagazini zeBandla) yeendlela isishumi esibasikelela ngayo.

3 Nifayi 25:5–6

UBawo oseZulwini ufuna ndifunde ngezinyanya zam.

  • Uza kubaphembelela njani abantwana bakho ukuba bakhangele kwaye bafunde ngezinyanya zabo? Ungabakhuthaza njani abantwana bakho ukuba benzele izinyanya zaba imimiselo xa sele bebadala? Cinga ngokubanceda baphengulule u 3 Nifayi 25:5–6 ukuze bafumane into eyayizakwenzeka kwimihla yokugqibela. Abantwana abacinane banokubeka izandla zabo ezintliziyweni zabo ngalo lonke ixesha besiva igama elithi “intliziyo” njengoko ufunda le miqolo. Unokufunda nangendlela esazaliseka ngayo esi siprofeto ku IMfundiso neMinqophiso 110:13–16. Xelela abantwana bakho ngendlela intliziyo yakho eguqukele kwizinyanya zakho. Ngokomzekelo, ungabelana ngawo nawaphi na amava oke wanawo xa ufunda ngezinyanya zakho nangokuzilungiselela imimiselo yasetempileni.

  • Nceda abantwana bakho bazalise umthi wosapho ngamagama abazali babo nawomakhulu. Ngawaphi amabali onokwabelana ngawo ezinyanya zakho? Bonisa imifanekiso ukuba kunokwenzeka.

Ngezimvo ezingakumbi, jonga ukhutsho lwale nyanga lwencwadi Umhlobo.

Umfanekiso
UYesu efunda iimbali zamaNifayithi kunye noNifayi

Bring Forth the Record [Zisa Apha Imbali], nguGary L. Kapp

Shicilela