Yizani, Nindilandele 2024
EyeDwarha 21–27: “Kwakungenakubakho Bantu baBonwabe Ngakumbi.” 3 Nifayi 27–4 Nifayi


“EyeDwarha 21–27: ‘Kwakungenakubakho Bantu baBonwabe Ngakumbi.’ 3 Nifayi 27–4 Nifayi,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: iNcwadi kaMormoni 2024 (2023)

“EyeDwarha 21–27. 3 Nifayi 27–4 Nifayi,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: 2024 (2023)

Umfanekiso
UYesu ovuke ekufeni efundisa abantu

EyeDwarha 21–27: “Kwakungenakubakho Bantu baBonwabe Ngakumbi”

3 Nifayi 274 Nifayi

Iimfundiso zikaYesu Krestu zingaphezulu lee kunentanda-bulumko entle onokucingisisa ngayo. Zenzelwe ukuba zisikhuthaze ukuba sibe njengaYe. INcwadi ka 4 Nifayi ibonisa indlela ivangeli yoMsindisi enokubaguqula ngayo abantu ngokupheleleyo. Ukulandela ulungiselelo olufutshane lukaYesu, iinkulungwane zeenkulungwane zembambano phakathi kwamaNifayithi namaLeymenayithi zafikela esiphelweni. Izizwe ezibini ezaziwa ngeyantlukwano nekratshi zaba “mnye, abantwana bakaKrestu” (4 Nifayi 1:17), kwaye baqalisa ukuba “babenezinto zonke ngokufanayo phakathi kwabo” (4 Nifayi 1:3). “Uthando lukaThixo … lwaye lwazinza lwahlala ezintliziyweni zabantu,” kwaye “ngokwenene kwakungenakubakho bantu babonwabe ngakumbi kunabo phakathi kwabo bonke abantu ababedalwe ngesandla sikaThixo” (4 Nifayi 1:15–16). Le yindlela iimfundiso zoMsindisi ezawatshintsha ngayo amaNifayithi namaLeymenayithi. Zikutshintsha njani wena?

Iingcebiso zokufunda eKhaya naseBandleni

3 Nifayi 27:1–12

IBandla likaYesu Krestu libizwa ngegama laKhe.

Njengokuba abafundi boMsindisi babeqalisa ukuseka iBandla laKhe kulo lonke ilizwe, kwavela umbuzo wokuba, kwabanye abantu, kubonakala njengenqaku elingephi—kumele libizwe ntoni igama leBandla? (bona 3 Nifayi 27:1–3). Ufunda ntoni ngokubaluleka kweli gama kwimpendulo yoMsindisi ku 3 Nifayi 27:4–12?

UMsindisi watyhila igama leBandla namhlanje kwi IMfundiso neMinqophiso 115:4. Cingisisa ngegama ngalinye elikwelo gama. La mazwi asinceda njani ukuba sazi ukuba singoobani na, into esiyikholelwayo, nendlela esifanele siziphathe ngayo?

3 Nifayi 27:10–22

IBandla likaYesu Krestu lakhelwe phezu kwevanngeli yaKhe.

Emva kokuchaza ukuba iBandla laKhe limele “lakhelwe phezu kwevangeli [yaKhe]” (3 Nifayi 27:10), uMsindisi wachaza ukuba yintoni ivangeli yaKhe. Ungayishwankathela njani into Awayithethayo ku 3 Nifayi 27:13–22? Ngokusekwe kule nkcazo, ithetha ukuthini kwiBandla—kunye nawe—ukuba wakhelwe phezu kwevangeli yaKhe?

Bhala phantsi oko ukufundayo. Qaphela oko uMsindisi wafundisa abafundi Bakhe ku 3 Nifayi 27:23–26. Kutheni kubalulekile ukugcina uxwebhu lwamava okomoya? Yintoni oziva uphenjelelwe ukuba uyibhale njengokuba ufunda ulungiselelo loMsindisi ku 3 Nifayi?

3 Nifayi 28:1–11

“Ingaba yintoni na eniyinqwenelayo?”

Ubunokuthini ukuba uMsindisi ebekubuza, njengokuba Yena wabuza abafundi baKhe, “Ingaba yintoni na eniyinqwenelayo Kum?” (3 Nifayi 28:1). Cinga ngoku njengoko ufunda 3 Nifayi 28:1–11. Ufunda ntoni ngeminqweno yeentliziyo zabafundi kwiimpendulo zabo kumbuzo waKhe? Itshintsha njani iminqweno yakho njengoko uphila ivangeli kaYesu Krestu?

  Cinga ngokufumana iculo elibonisa iminqweno yakho.

3 Nifayi 29–30

INcwadi kaMormoni luphawu lokuba umsebenzi kaThixo wemihla yokugqibela uyazalisekiswa.

Cinga ngemiqondiso ekwazisa ukuba kuza kwenzeka okuthile. Ngokomzekelo, wazi njani ukuba imvula iyeza okanye amaxesha onyaka ayatshintsha? Ngokuka 3 Nifayi 29:1–3, wazi njani ukuba umsebenzi kaThixo wokuhlanganisa abantu Bakhe “sele uqalisile ekuzalisekisweni”? (bona kananjalo 3 Nifayi 21:1–7). Ungaqaphela kananjalo, ku 3 Nifayi 29:4–9, izinto abantu baya kuzikhanyela ngomhla wethu. INcwadi kaMormoni ilomeleza njani ukholo lwakho kwezi zinto?

4 Nifayi 1:1–18

Umfanekiso
umfanekiso weengcinga
Ukulandela iimfundiso zikaYesu Krestu kukhokelela kumanyano kunye nolonwabo.

Bekuya kuba njani ukuphila kwiminyaka elandela utyelelo loMsindisi? Njengokuba ufunda 4 Nifayi 1:1–18, cinga ngokudwelisa iintsikelelo abantu abazifumanayo. Usenokuphawula okanye ubhale phantsi ukhetho abalwenzayo oluye lwabakhokelela kobu bomi obusikelelekileyo. Yintoni uYesu awabafundisa yona eyayinokuphembelela ukhetho lobulungisa? Nantsi eminye imizekelo, kodwa ungayifumana eminye: 3 Nifayi 11:28–30; 12:8–9, 21–24, 40–44; 13:19–21, 28–33; 14:12; 18:22–25.

Cingisisa ngento onokuyenza ukunceda usapho lwakho, iwadi, okanye uluntu luphile kumanyano olukhulu nolonwabo. Yintoni eninokuyenza ukunceda ukoyisa iyantlukwano kwaye ngokwenene nibe “mnye” nabanye abantwana bakaThixo? Zeziphi iimfundiso zikaYesu Krestu ezikunceda ukuphumeza le njongo?

Ngokosizi, uluntu lwaseZiyon oluchazwe ku 4 Nifayi ekugqibeleni lwawela enkohlakalweni. Njengoko ufunda 4 Nifayi 1:19–49, khangela izimo zengqondo nokuziphatha okwaphelisa ulonwabo kunye nomanyano lwabo. Yintoni onokuyenza ukuncenda ukuphelisa ezi zimo zengqondo okanye ukuziphatha?

Bona kananjalo Moses 7:18.

Ngezimvo ezingakumbi, jonga ukhutsho lwale nyanga lweencwadii Liyahona kunye Okwenzelwe Ukomeleza uLutsha.

Iingcebiso Zokufundisa Abantwana

3 Nifayi 27:3–8

Mna ndingoweBandla likaYesu Krestu.

  • Ukwazisa ukubaluleka kwegama leBandla likaYesu, thetha nabantwana bakho ngawabo amagama. Kutheni amagama ethu ebalulekile? Emva koko ninokufunda u 3 Nifayi 27:3 kunye, nikhangela umbuzo ababenawo abafundi bakaYesu. Nceda abantwana bakho bafumane impendulo ku 3 Nifayi 27:5–8. Kutheni igama leBandla libalulekile?

  • Unokunceda abantwana bakho bacinge ngamaqela ahlukeneyo abakuwo, njengosapho okanye iklasi yaBantwana. Babuze ukuba bathanda ntoni na ngokuba ngamalungu eqela ngalinye.  

3 Nifayi 27:13–16

IBandla likaYesu Krestu lakhelwe phezu kwevangeli Yakhe.

  • UMsindisi washwankathela ivangeli Yakhe ku 3 Nifayi 27. Usenokucacisela abantwana bakho ukuba igama elithi ivangeli lithetha “iindaba ezilungileyo.” Zeziphi iindaba ezilungileyo esizifumanayo ku 3 Nifayi 27:13–16? Sebenzisa iphepha lomsebenzi wale veki ukufundisa ukuba iBandla loMsindisi lakhelwe phezu kwevangeli Yakhe.

3 Nifayi 27:30–31

UBawo oseZulwini uyavuya xa abantwana Bakhe bebuyela Kuye.

  • Cinga ngokudlala umdlalo apho omnye umntu azimelayo kwaye abanye bazame ukumkhangela. Oku kungakhokelela kwingxoxo engovuyo esiba nalo xa umntu obelahlekile efunyenwe. Emva kokufunda 3 Nifayi 27:30–31, ungathetha malunga nendlela yokuncedana omnye nomnye ahlale kufutshane noBawo oseZulwini ukuze “kungabikho namnye … olahlekileyo.”

4 Nifayi

Ukulandela uYesu Krestu kundizisela uvuyo.

  • Ukunceda abantwana bakho bafunde ngolonwabo lwabantu abachazwe ku 4 Nifayi, unokubabonisa imifanekiso yabantu abonwabileyo. Kanti, njengoko nifunda kunye le miqolo 2–3 kwaye 15–17, banokwalatha kwimifanekiso xa ufika kwinto ethile ebalini ezisa ulonwabo.

  • Ukunceda abantwana bakho baziqhelise oko kufundiswa ku 4 Nifayi 1:15–16, unokubabonisa iimeko apho abantu banomsindo omnye komnye. Bameme ukuba badlale indima yokuba imeko inokuba njani ukuba “sinothando lukaThixo” ezintliziyweni zethu.

Ngezimvo ezingakumbi, jonga ukhutsho lwale nyanga lwencwadi Umhlobo.

Umfanekiso
UYesu ethetha nabafundi abathathu bamaNifayithi

Christ with Three Nephite Disciples [UKrestu nabafundi abathathu bamaNifayithi] nguGary L. Kapp

Shicilela