ITestamente eNdala 2022
EyeNkanga 7–13. Hoseya 1–6; 10–14; Yoweli: “Ndiya Kubathanda Ngesisa”


“EyeNkanga 7–13. Hoseya 1–6; 10–14; Yoweli: ‘Ndiya Kubathanda Ngesisa,’” Uze, Undilandele—Yabantu Ngabanye kunye Neentsapho: iTestamente eNdala 2022 (2021)

“EyeNkanga 7–13. Hoseya 1–6; 10–14; Yoweli,” Uze, Undilandele—Yabantu Ngabanye kunye Neentsapho: 2022

Umfanekiso
Umyeni nomtshakazi kumhlaba wetempile

EyeNkanga 7–13

Hoseya 1–6; 10–14; Yoweli

“Ndiya Kubathanda Ngesisa”

Mema uMoya ube yinxalenye kufundo lwakho lukaHoseya noYoweli. Phawula imiyalezo uMoya oyiphembelela entliziyweni yakho nasengqondweni yakho.

Bhala Iimvakalelo Zakho

Umnqophiso kaSirayeli kunye neNkosi wawenzelwe ukuba ubenzulu kwaye ubenentsingiselo leyo iNkosi yayiwuthelekisa nomtshato. Umnqophiso, njengomtshato, wawubandakanya imbophelelo yanaphakade, namava ekwabelwana ngawo, nokwakha ubomi kunye, nokuthembeka ngokupheleleyo, kwaye nangaphezu kwako konke, uthando lwentliziyo epheleleyo. Olu hlobo lokuzinikela lwaluza nezinto ezilindelweyo eziphakamileyo—kunye neziphumo ezibuhlungu zokungathembeki. Ngomprofeti uHoseya, uThixo waye wachaza ezinye zeziphumo amaSirayeli awaye ajongana nazo ngokwaphula umnqophiso wawo. Kwaye kanti umyalezo waKhe yayingewuwo lowo wokokuba “Ndiya kunigatya naphakade ngenxa yokunganyaniseki.” Endaweni yoko yayingulowo “Ndiya kukumemela ukuba ubuye” (bona Hoseya 2:14–15). “Ndikugane ube ngowam ngobulungisa,” yabhengeza njalo iNkosi (Hoseya 2:19). “Ndiya kukuphilisa ukubuya kwabo umva, ndiya kubathanda ngesisa”(Hoseya 14:4). Lo isekwangumyalezo omnye ofanayo Yona esinika asinaka wona namhlanje njengoko sifuna ukuphila iminqophiso yethu ngothando nangokuzinikela.

UYoweli wabelana ngomyalezo obufana nalo: “Nibuyele kuYehova uThixo wenu; kuba unobabalo nemfesane, yena uzeka kade umsindo, unenceba enkulu” (Yoweli 2:13). “UYehova ulihlathi kubantu bakhe, uligwiba koonyana bakaSirayeli” (Yoweli 3:16). Njengoko ufunda uHoseya kunye noYoweli, cinga nzulu ngobudlelwane bakho kunye neNkosi. Cinga ngokuba ukunyaniseka kwaKhe kukuphembelela kanjani ukuba nawe unyaniseke kuYe.

Ngesishwankathelo seencwadi zikaHoseya noYoweli, bona “Hoseya kunye no“Yoweli kwiSikhokelo kwiZibhalo.

Umfanekiso
umfanekiso wokuzifundela wedwa

Iingcebiso Zokuzifundela Izibhalo Wedwa

Hoseya 1–3; 14

INkosi isoloko indimema ukuba ndibuyele kuYo.

Inkosikazi kaHoseya, uGomere, wayenganyanisekanga kuye, kwaye uThixo wakhomba kwesi siganeko sibuhlungu ukufundisa amaSirayeli ngendlela Yena awayeziva ngayo malunga nawo kunye neminqophiso yawo naYe. Njengoko ufunda Hoseya 1–3, cinga nzulu ngendlela iNkosi ebujonga ngayo ubudlelwane Bayo kunye nabantu baYo bomnqophiso. Usenokucinga nzulu ngeendlela osenokuthi wena, njengamaSirayeli mhlawumbi ubunganyanisekanga eNkosini kwakunye nokokuba Yona ifikelele njani kuwe. Ngokomzekelo, yintoni Hoseya 2:14–23 kunye noHoseya 14 ezikufundisa yona malunga nothando kunye nenceba yeNkosi? Ingaba wena uyibonisa njani Yona uthando kunye nokunyaniseka kwakho?

Bona kwakhona Dieter F Uchtdorf, “Point of Safe Return,” Liyahona, EyeCanzibe 2007, 99–101.

Umfanekiso
umfazi ohleli phantsi nendoda ethwele izandla entloko

UGomere ogcwele sisono, omele uSirayeli, waye wanikwa inkululeko yiNkosi. Umzobo nguDeb Minnard, imvume ivela kwi-goodsalt.com

Hoseya 6:4–7; Yoweli 2:12–13

Ukuzinikela kuThixo kufuneka kuvakale ngaphakathi, hayi nje kuvakaliswe ngaphandle.

INkosi yayiyalele abantu baYo ukuba banikele ngamadini wezilwanyane. Kodwa nangona abantu ngexesha likaHoseya babewuthobela loo mthetho, babeyophula imithetho yokubaluleka okukhulu (bona Hoseya 6:4–7). Ucinga ukuba kuthetha ukuthini xa iNkosi “inononelele uthando, ayonenelele umbingelelo; inonelele ukwazi uThixo ngaphezu kwamadini anyukayo”? (Hoseya 6:6). Ucinga ukuba kuthetha ukuthini xa ubulungisa bufana nelifu okanye umbethe? Ingaba ubulungisa bethu kufuneka bufane nantoni na? (bona Isaya 48:18; 1 Nifayi 2:9–10).

Usenokufunda futhi Mateyu 9:10–13; 12:1–8 ukubona ukuba uMsindisi wayesebenzisa njani Hoseya 6:6 ngexesha lolungiselelo lwaKhe. Ingaba le mihlathi ikunceda njani uqonde amazwi kaHoseya?

Xa ufunda Yoweli 2:12–13, kunganceda ukwazi ukuba ukudlavula okanye ukukrazula iimpahla zomnye umntu ngokwesiko yayiluphawu lwangaphandle lokuzila okanye lokuzisola (ngokomzekelo, bona 2 yeziKronike 34:14–21,27). Ingaba ukudlavula iintliziyo zethu kwahluke njani ekudlavuleni iimpahla zethu?

Bona Isaya 1:11–17; Mateyu 23:23; 1 Yohane 3:17–18.

Yoweli 2

“Ndithulule umoya wam phezu kwenyama yonke”

Xa uYoweli wayeprofeta “ngemini kaYehova,” wayichaza njengefana “nemini yobumnyama nesithokothoko,” “inkulu kwaye iyoyikeka kunene” (Yoweli 2:1–2,11). USirayeli waye waqubisana neemini ezininzi ezinkulu kunye nezoyoyikekayo kwimbali yakhe, kwaye abantu bakaThixo bomnqophiso baya kujongana nezininzi nakwixesha elizayo. Yintoni ekuchukumisayo malunga nengcebiso iNkosi eyinika kuYoweli 2:12–17? Kwaye qaphela iintsikelelo awazithembisayo kuYoweli 2:18–32. Kusenokuba kutheni ezi zithembiso zikwimiqolo 27–32 zixabiseke ngakumbi kuloo mihla ifana naleyo ichazwa kuYoweli 2, kuquka nomhla wethu?

Ucinga ukuba kuthetha ukuthini ukuba iNkosi yayiya “kuthulula umoya [waYo] phezu kwenyama yonke”? (Yoweli 2:28). Ingaba iziprofeto ezikuYoweli 2:28–29 zizalisekiswa kanjani? (Bona Izenzo 2:1–21; IMbali—kaJoseph Smith 1:41.)

Usenokucinga nzulu ngala mazwi aphuma kuMongameli Russell M. Nelson: “Kwiintsuku ezizayo, asizukwazi ukuphila ngokwasemoyeni ngaphandle kokukhokelwa, nokwalathiswa, nokuthuthuzelwa kwakunye nempembelelo ethe gqolo yoMoya oyiNgcwele”(“ISityhilelo seBandla, Isityhilelo soBomi Bethu,” Liyahona, EyeCanzibe 2018,96). Kutheni isityhilelo sibalulekile ekuphileni kwethu kwasemoyeni? Ungakongeza kanjani ukwazi kwakho ukufumana isityhilelo somntu ngamnye?

Umfanekiso
umfanekiso wofundo losapho

Iingcebiso Zofundo Lwezibhalo Ezingcwele Zosapho kunye Nomhlangano Wangorhatya Wosapho

Hoseya 2:19–20.INkosi yasebenzisa isifaniso somtshato ukuchaza ubudlelwane bomnqophiso waYo noSirayeli (bona kwakhona iSikhokelo kwiZibhalo, “Myeni.” Usapho lwakho lungaxoxa malunga nokokuba kutheni umtshato ungaba sisifaniso esilungele iminqophiso yethu noThixo? Ingaba Hoseya 2:19–20 usinceda siqonde kanjani indlela uThixo aziva ngayo ngathi? Ingaba singanyaniseka kanjani kwiminqophiso yethu naYe?

Hoseya 10:12.Abantwana basenokonwabela ukuzoba iwatshi kunye nokucwangcisa iindlela abangafuna ngazo iNkosi ngamaxesha ahlukeneyo kwimini yonke.

Yoweli 2:12–13.Ukunceda usapho lwakho luthethe ngo Yoweli 2:12–13, ubusenokubeka umfanekiso woMsindisi kwelinye icala legumbi kunye negama isono kwelinye icala elichasene nalo. Mema amalungu osapho ukuba atshintshisane ngokujonga uphawu lwesono kwaye ajike ajonge ngakuMsindisi njengoko esabelana ngezinto ezingasinceda ukuba sibuyele kuYe “ngentliziyo [yethu] yonke.” Khuthaza amalungu osapho ukuba acinge ngayo yonke imiba yobomi bawo, kuquka neentshukumo, nomsebenzi, nesikolo, kunye nobudlelwane.

Yoweli 2:28–29.Kuthetha ukuthini kuMoya ukuba “uthululelwe” phezu kwethu? Mhlawumbi ungabonisa oku ngokugalela into emanzi kwaye uyohlukanise ngokuvuzisa okanye ngokuthontsisa.

Ngeengcebiso ezithe vetshe malunga nokufundisa abantwana, bona isishwankathelo saleveki kwi-Come, Follow Me—For Primary.

&nbps;

Ukuphucula Ukufundisa Kwethu

Fundisa imfundiso. “Ungaze uphose ithuba lokuqokelela abantwana kunye ukuba bafunde ngevangeli kaYesu Krestu. Lo mizuzu injalo inqabile xa uyithelekisa nemizamo yotshaba” (Henry B. Eyring, “The Power of Teaching Doctrine,” Ensign, EyeCanzibe 1999,74).

Umfanekiso
UYesu eme emnyango

Come unto Me, by Kelly Pugh (Yizani Kum)

Shicilela