ITestamente eNdala 2022
EyeNkanga 14–20. Amos; Obhadiya Quqelani kuYehova, naniya kuphila”


“EyeNkanga 14–20. Amos; Obhadiya: “Quqelani kuYehova, naniya kuphila,’” Uze, Undilandele—Yabantu Ngabanye kunye Neentsapho: ITestamente eNdala 2022{ (2021)

“EyeNkanga 14–20. Amos; Obhadiya,” Uze, Undilandele—Yabantu Ngabanye kunye Neentsapho: 2022

Umfanekiso
Ubuso bukaYesu bukhanyiswe ngamakhandlela kwigumbi elimnyama

Bread of Life (Isonka soBomi) nguChris Young

EyeNkanga 14–20

Amos; Obhadiya

“Quqelani kuYehova, naniya kuphila”

UMoya oyiNgcwele angayivula ingqondo yakho nentliziyo yakho kwimiyalezo eselizwini likaThixo eyenzelwe wena kuphela. Ucinga ukuba yintoni iNkosi eyifunayo kuwe kule veki?

Bhala Iimvakalelo Zakho

UThixo wakhetha imbewu ka-Abraham ukuba ibe ngabantu baKhe bomnqophiso ukuze babe “yintsikelelo” kubo bonke abantu (bona Genesis 12:2–3). Kodwa endaweni yoko, ngexesha lobulungiseleli buka-Amos, uninzi lwabantu bomnqophiso babecinezela amahlwempu kwaye bengabahoyi abaprofeti, benza unqulo lwabo lulambatha kwaye alunantsingiselo (bona Amos 2:6-16). Kuyinyani, neentlanga ezibangqongileyo zazinetyala lezono ezinkulu (bona Amos1; 2:1–5), kodwa oko akuzange kube sisizathu kubantu bakaThixo (bona Amos 3:2). Ke uThixo wathumela umalusi osuka kwaYuda ogama linguAmos ukuba ashumayele inguquko kubukumkani bakwaSirayeli. Emva kwexesha, u-Thixo futhi wabhengeza ngomprofeti u-Obhadiya ukuba nangona ubukumkani bakwa Yuda babutshatyalalisiwe, iNkosi yayiza kubahlanganisa abasikelele abantu baKhe kwakhona. Abantu bomnqophiso babephambukile eNkosini, bobabini abaprofeti bangqina, kodwa ngekhe balahlwe ngonaphakade. Xa uThixo ezityhila imfihlelo zakhe kubakhonzi bakhe abaprofeti (bona Amos 3:7). singayithatha njengophawu lokuba usafuna ukusinceda siphile ngokuvisisana neminqophiso esayenza naye.

Ngokongezelelekileyo malunga neencwadi zika-Amos kunye no-Obhadiya, (bona “Amos” kunye “noObhadiya ” kwisiKhokelo kwiZibhalo

Umfanekiso
umfanekiso wokuzifundela wedwa

Iingcebiso Zokuzifundela Izibhalo Wedwa

Amos 3:1-8; 7:10–15

INkosi iluhlakaze ucweyo lwayo kubakhonzi bayo abaprofeti

Ku Amos 3:3-6, umprofeti uAmos wazisa ngemizekelo eliqela yezizathu neziphumo: kuba ingonyama ifumana ixhoba, ingonyama iyakgrakgrama; ngenxa yokuba isibatha sibekelwe intaka, intaka iyabanjiswa. (Qaphela ukuba kuguqulelo lukaJoseph Smith lomqolo 6, igama elithi “kwenziwe” latshintshelwa ku “kwaziwa” [ku Amos 3:6, inqaku elingezantsi b].) Kwi miqolo 7–8, U-Amos wasebenzisa le ngcamango kubaprofeti. Yintoni ebangela ukuba umprofeti aprofethe? Yintoni enye oyifundayo ngabaprofeti njengoko ufunda Amos 7:10-15? Cingisisa ukuba kutheni unombulelo kuba iNkosi “iluhlakaze ucweyo lwayo kubakhonzi bayo abaprofeti” (Amos 3:7). Ithini le nyaniso kuwe ngoThixo?

Bona futhi IMfundiso neMinqophiso 1:38; 21:4–8; }35:13–14.

Amos 4–5

“Quqelani kuYehova, naniya kuphila.”

Njengoko ufunda Amos 4:6–13, qaphela izigwebo iNkosi azithumele koonyana bakaSirayeli. Ithini le miqolo malunga noko iNkosi yayinethemba lokuba kwakuza kwenzeke emva kwala mava? (bona futhi Hilamani 12:3). Cinga ngesilingo osandula ukuso. Ngelixa ukulingwa kwakho kusenokwenzeka ukuba kwakungathunyelwanga nguThixo, cingisisa ngendlela ekunokunika ngayo amathuba okumfuna Yena.

Funda Amos 5: 4, 14-15, kwaye cingisisa ngendlela iNkosi “ebenenceba” ngayo (umqolo 15) kuwe njengokuba umfunile, nangexesha lokulingwa kwakho.

   

Amos 8:11–12

Ilizwi leNkosi linokwanelisa ukulamba nokunxanwa ngokomoya.

Sonke siba namaxesha okulamba nokunxanwa ngokomoya, kodwa akukho mfuneko yokuba “bethabathela kolunye ulwandle base kolunye ulwandle” (Amos 8:12) sijonga into yokusanelisa. Siyazi ukuba yintoni eya kuyanelisa loo ndlala yokomoya, kwaye sisikelelwe ngelizwi leNkosi ngobuninzi. Njengoko ufunda Amos 8:11–12, cinga ukuba kutheni indlala ikukuthelekisa okuhle kokuphila ngaphandle kwelizwi likaThixo. Loluphi ulwazi olongezelelekileyo olufumanayo ku Mateyu 5: 6; Yohane 6: 26–35; 2 Nifayi 9: 50–51; 32:3; Enoshe 1:4–8?

   

Umfanekiso
iqela lolutsha limi phambi kwetempile

Singaba ngabasindisi eNtabeni yeZiyon ngokwenza owetempile kunye nomsebenzi wembali yosapho.

Obhadiya 1:21

Ngoobani “abasindisi … entabeni yeZiyon”?

UMongameli GordonB. Hinckley wanika enye indlela yokutolika ibinzana “abasindisi entabeni yeZiyon,” edibanisa ibinzana netempile kunye nomsebenzi wembali yosapho: “[Etempileni] sibangabasindisi eNtabeni iZiyon. Ithetha ntoni le nto? Njengokuba uMhlanguli wethu wanikela ngobomi baKhe njengedini elisisikhundla sabo bonke abantu, kwaye ngokwenza njalo waba nguMsindisi wethu, ngokunjalo nathi, ngomlinganiselo omncinci, xa sisenza umsebenzi wommeli etempileni, sibe njengabasindisi kwabo bakwelinye icala abangenandlela yokuqhubela phambili ngaphandle kokuba kwenziwe into egameni labo ngabo basemhlabeni” (“Closing Remarks,” Ensign okanye Liahona, EyeNkanga 2004,105).

Umfanekiso
umfanekiso wofundo losapho

Iingcebiso Zofundo Lwezibhalo Zosapho kunye Nomhlangano Wangorhatya Wosapho

Amos 3:7Ungaphonononga imiyalezo emininzi yakutshanje evela kuMongameli weBandla kwaye nixoxe ngento iNkosi eyityhilayo kusapho lwenu ngaye. Kutheni le nto kubalulekile ukuba nomprofeti okhokela iBandla? Sazi njani ukuba ungumprofeti oyinyaniso? Senza ntoni ukulandela isiluleko sakhe?

Amos 5:4Usapho lwakho lungenza ipowusta yokuxhoma ekhayeni lakho enalo mqolo. Kuthetha ukuthini ukufuna inkosi? Simfuna njani Yena? Zeziphi iintsikelelo esizifumanayo xa sisenza njalo? Ungamema amalungu osapho ukuba abelane kwaye nixoxe ngezinye imihlathi ezifundisa ngokufuna iNkosi, njengo Mateyu 7:7-8; Etere 12:41 kunye IMfundiso neMinqophiso 88:63.

Amos 8:11–12Abantwana banokuzonwabisa ngokwenza iintshukumo ezihamba namabinzana kule miqolo. Xa imizimba yethu ilambile okanye inxaniwe, senza ntoni? Xa umoya wethu ulambile okanye unxaniwe, senza ntoni?  

Obhadiya 1:21Kungathetha ukuthini ukuba “nabasindisi… entabeni yeZiyon”? (Ngenye ingcaciso enokubakho, jonga ingxelo kaMongameli Gordon B. Hinckley kwi “Iingcebiso Zokuzifundela Izibhalo Wedwa” Nguwuphi kwizinyanya zethu ofuna imimiselo esindisayo? Siza kwenza ntoni ukubanceda?

Ngeengcebiso ezithe vetshe malunga nokufundisa abantwana, isishwankathelo salevekikwi-Come, Follow Me—For Primary. 

 

Ukuphucula Ukuzifundela Izibhalo Wedwa

Sebenzisa umculo ukumema uMoya kwaye ufunde imfundiso. Ukumamela okanye ukufunda iculo kungakunceda ufunde imigaqo yevangeli.    (Bona Teaching in the Savior’s Way,22.)

Umfanekiso
ITempile yaseSanto Domingo Dominican Republic

ITempile yaseSanto Domingo Dominican Republic

Shicilela