ITestamente eNdala 2022
EyeDwarha 31–EyeNkanga 6. Daniyeli 1–6: “Kungekho Thixo Wumbi Unako Ukuhlangula”


“EyeDwarha 31–EyeNkanga 6. Daniyeli 1–6: “Kungekho Thixo Wumbi Unako Ukuhlangula,’” Uze, Undilandele—Yabantu Ngabanye kunye Neentsapho: iTestamente eNdala 2022 (2021)

“EyeDwarha 31–EyeNkanga 6. Daniyeli 1–6,” Uze, Undilandele—Yabantu Ngabanye kunye Neentsapho: 2022

Umfanekiso
UDaniyeli etolika iphupha likakumkani

Daniel Interprets Nebuchadnezzar’s Dream [UDaniyeli etolika iphupha likaNebhukadenetsare], ngu Grant Romney Clawson

EyeDwarha 31–EyeNkanga 6

Daniyeli 1–6

“Kungekho Thixo Wumbi Unako Ukuhlangula”

UMdala Richard G. UScott ucacisile ukuba ukurekhoda ukuphefumlelwa “kubonisa uThixo ukuba unxibelelwano lwaKhe lungcwele kuthi Ukushicilela kuya kuphucula amandla ethu okukhumbula isityhilelo”(“How to Obtain Revelation and Inspiration for Your Personal Life,”Ensign okanye Liyahona, UCanzibe 2012,46).

Bhala Iimvakalelo Zakho

Kunokwenzeka ukuba akukho mntu uya kuze akoyikise ngokukuphosa kwiziko lomlilo okanye emhadini weengonyama ngenxa yokholo lwakho kuYesu Krestu. Kodwa akukho namnye kuthi ohamba kobu bomi ngaphandle kovavanyo lokholo. Sonke singazuza kumzekelo wabantu abanjengoDaniyeli, Shadraki, Meshaki, noAbhede-nego, ababethinjwe bengabafana abaselula bubukumkani obunamandla baseBhabhiloni (bona Eyesibini yooKumkani 24:10–16). Aba bantu batsha babengqongwe yinkcubeko engaqhelekanga ayayineengxabiso ezahlukileyo, kwaye bajongana nezilingo ezinkulu zokulahla iinkolelo zabo kunye nezithethe zabo ezilungileyo. Nangona kunjalo bahlala benyanisekile kwiminqophiso yabo. NjengoYosefu eYiputa no-Estere ePersi, uDaniyeli nabahlobo bakhe eBhabheli balugcina ukholo lwabo kuThixo, kwaye uThixo wenza imimangaliso esakhuthaza amakholwa kunanamhla.

Baye bawafumana njani amandla okuhlala bethembekile? Benza eza zinto zincinci kwaye zilula uThixo asicele ukuba sizenze—ukuthandaza, ukuzila ukutya, ukukhetha abahlobo abalungileyo, ukuthembela kuThixo, kunye nokuba kukukhanya kwabanye. Njengoko sisomelezwa kukwenza ezi zinto zifanayo zincinci kwaye zilula, sinokujamelana neengonyama kunye namaziko omlilo ebomini bethu ngokholo.

Ukwenzela ukufumana isishwankathelo sencwadi kaDaniyeli, bona “Daniyeli, incwadi ka ” kwisichazi-magama seBhayibhille.

Umfanekiso
umfanekiso wokuzifundela wedwa

Iingcebiso Zokuzifundela Izibhalo Wedwa

Daniyeli 1; 3; 6

Ndingathembela eNkosini xa ukholo lwam luvavanywa.

Ngandlel ’ithile, sonke sihlala eBhabheli. Ihlabathi elisingqongileyo lizele zizilingo ezininzi ezenzelwe ukuba sityeshele imigangatho yethu kwaye sithandabuze ukholo lwethu kuYesu Krestu. Njengoko ufunda Daniyeli 1, 3, kunye 6, qaphela iindlela uDaniyeli, uShadraki, uMeshaki, noAbhede-nego ababecinezelwa ngazo ukuba benze izinto ababebezazi ukuba azilunganga. Ingaba wakhe waziva unyanzelwa ukuba utyeshele iinkolelo zakho? Ufunda ntoni kula madoda enokukunceda uthembele eNkosini xa ujongene nenkcaso?

Incwadi kaDaniyeli nezinye izibhalo ezininzi zibhala amava apho ukholo olukhulu lukhokelele kwimimangaliso emikhulu. Kodwa kuthekani ukuba ukholo lwethu alukhokeleli kwimimangaliso esiyifunayo? (bona, umzekelo, Alma 14:8–13). Ngokusekwe koku ukufunda kuDaniyeli 3:13–18, ucinga ukuba uShadraki, uMeshaki, noAbhednego bebenokuwuphendula njani lo mbuzo? Umzekelo wabo unokuyichaphazela njani indlela ohlangabezana ngayo neemvavanyo zokholo lwakho? Ngokuthe vetshe malunga nezi vesi, bona umyalezo kaMdala Dennis E. Simmons “Kodwa ukuba akunjalo…” (Ensign okanye Liyahona, UCanzibe 2004, 73-75).

Incwadi kaDaniyeli ikwabonisa indlela uhukhetha komntu okungileyo kunokubakhokelela ngayo abanye kukholo olukhulu eNkosini. Yeyiphi imizekelo yoku oyifumana kwisahluko 1, 3, kunye6? Cingisisa ngeziphumo ezinokubangelwa lukhetho lwakho kwabanye (bona Mateyu 5:16).

Bona kwakhona uDieter F. Uchtdorf, “Musa ukoyika, Kholwa kuphela,” Ensign okanye Liyahona, Nkanga 2015, 76-79; UDavid R. Stone, “Zion in the Midst of Babylon,” Ensign okanye Liyahona, UCanzibe 2006, 90–93.

Umfanekiso
Amakhwenkwe amane etafileni esala inyama enikezelwe yindoda

Umfanekiso kaDaniyeli nabahlobo bakhe besala ukutya kwenkosi, nguBrian Call

Daniyeli 2

IBandla likaYesu Krestu labaNgcwele beMihla yokuGqibela bubukumkani bukaThixo emhlabeni.

Ngesityhilelo, uDaniyeli wabona ukuba iphupha likaNebhukadenetsare laxela kwangaphambili ngobukumkani behlabathi bakamva, kunye nobukumkani bakamva bukaThixo, “obungayi konakala naphakade” (Daniyeli 2:44). IBandla bobo bukumkani babonwayo bemihla yokugqibela, wafundisa uMdala D. Todd Christofferson,obungadalwanga ngumntu kodwa bumiswe nguThixo wamazulu kwaye buqengqeleka njengelitye “elazithwebula entabeni kungengazandla” ukuze buzalise umhlaba”(“Kutheni iBandla ,” Ensign okanye Liyahona, EyeNkanga. 2015,111). Cinga ngobukumkani bukaThixo bemihla yokugqibela xa ufunda iinkcazo zelitye ku Daniyeli 2:34–35, 44–45. Kokuphi ukufana okubonayo phakathi kwelitye kunye nobukumkani? Ububona njani ubukumkani bukaThixo buzalisa umhlaba namhlanje?

Bona naye uGordon B. Hinckley, “Ilitye Lisikwe Entabeni,” Ensign okanye Liyahona, EyeNkanga. 2007, 83–86; L.Whitney Clayton, “The Time Shall Come,” Ensign okanye Liyahona EyeNkanga. 2011, 11–13.

Daniyeli 3:19–28

UMsindisi uyakundixhasa ezilingweni zam.

Ziimvakalelo zantoni ezifika kuwe xa ufunda ngomntu wesine ovela ezikweni lomlilo kunye noShadraki, noMesheki, noAbhede-nego? Inokukunceda njani le ngxelo kwizilingo ojangana nazo? Unokufumana ukuqonda okongeziweyo ku Mozaya 3: 5–7; Alma 7:11–13; IMfundiso neMinqophiso 61: 36–37; 121:5–8.

Umfanekiso
umfanekiso wofundo losapho

Iingcebiso Zofundo Lwezibhalo Ezingcwele Zosapho kunye Nomhlangano Wangorhatya Wosapho

Daniyeli 1–2.Njengoko ufunda Daniyeli 1 kunye no 2 Ngokuhlangeneyo, ninokujonga iintsikelelo ezafunyanwa nguDaniyeli nabahlobo bakhe ngokuyeka ukutya inyama newayini kakumkani. (Bona umboniso bhanyabhanya othi “UThixo Ubanike Ulwazi,”ChurchofJesusChrist.org.) Ungazithelekisa ezo ntsikelelo nezithembiso zeNkosi kuthi xa sigcina imiyalelo yakhe, njengeLizwi loBulumko (bona IMfundiso neMinqophiso 89: 18–21). INkosi isisikelele njani ngokuphila iLizwi loBulumko?

Daniyeli 3.Ungalunceda njani usapho lwakho ukuba lufunde ngebali eliku Daniyeli 3? “UShadraki, uMeshaki, kunye noAbhede-nego, Old Testament Stories anganceda Yintoni esisithandayo esivakalelwa ngoShadraki, uMeshaki noAbhede-nego? Zeziphi iimeko esijamelana nazo ezivavanya ukholo lwethu kwaye zifuna ukuba sibonise ukuba siyamthemba uThixo?

Daniyeli 6:1–23.Usapho lwakho lungakonwabela ukulinganisa iindawo ezithile ebalini eliku Daniyeli 6:1–23 (umzekelo, iivesi 10–12 okanye 16–23). Yintoni esiyifunda kumzekelo kaDaniyeli? Yintoni esinokuyenza ukuze sifane naye ngokungakumbi?

Daniyeli 6:25–27.Ngokwezi vesi, wachaphazeleka njani uKumkani uDariyo xa uNkosi wayehlangula uDaniyeli ezingonyameni? Unokufunda ku Daniyeli 2:47; 3:28–29 ngendlela uKumkani uNebhukadenetsare awachaphazeleka ngayo ngendlela efanayo. Ngawaphi amathuba esinawo okuchaphazela abanye? Xoxa ngemizekelo oyibonileyo yokuba ukholo lwabanye abantu, kubandakanya amalungu osapho, lubaphembelele njani abanye ukuba balunge.

Ngeengcebiso ezithe vetshe malunga nokufundisa abantwana, isishwankathelo salevekikwi-Come, Follow Me—For Primary.

Ukuphucula Ukufundisa Kwethu

Fundisa imfundiso. Ivangeli yeNkosi intle ngokubalula kwayo (bona IMfundiso neMinqophiso 133: 57). Imidlalo elula kunye neengxoxo ezijolise kwimfundiso zinokumema uMoya oyiNgcwele ukuba awuthwale umyalezo wevangeli awuse ezintliziyweni zosapho lwakho.

Umfanekiso
UDaniyeli kumhadi weengonyama

Daniel in the Lion’s Den, 1872. URivière, Briton (1840-1920). Credit: Walker Art Gallery, National Museums Liverpool/Bridgeman Images

Shicilela