Ukufundisa ngeNdlela yoMsindisi: Eyabo Bonke Abafundisa eKhayeni naseBandleni Intshayelelo Umyalezo ovela kuBongameli bokuQalaEsi sixhobo sinokuba sisikhokelo sakho ukuze ufunde ngendlela uMsindisi afundisa ngayo. Njengokuba uzama ukufundisa ngendlela yaKhe, Yena uyakunceda ube ngutitshala Yena akwaziyo ukuba ungaba nguye. INjongo ka Ukufundisa ngeNdlela yoMsindisiImigaqo echazwe kwesi sixhobo inganceda yonke ititshala yevangeli ifundise ngendlela yoMsindisi. Isahlulo 1: Gqalisela kuYesu Krestu Isahlulo 1: Gqalisela kuYesu Krestu Fundisa ngoYesu Krestu Nokuba Ufundisa Ntoni NaNokuba ufundisa ntoni na, khumbula ukuba ngokwenene ufundisa ngoYesu Krestu kwaye indlela yokuba njengaYe. Nceda Abafundi Baze kuYesu KrestuAkukho nto uyenzayo njengotitshala eya kusikelela abafundi ngaphezu kokubanceda ukuba bazi uBawo oseZulwini kunye noYesu Krestu kwaye bave uthando lwaBo (bona Yohane 17:3). Isahlulo 2: Imigaqo yeMfundiso njengoKrestu Isahlulo 2: Imigaqo yeMfundiso njengoKrestu Bathande Abo ubaFundisayoXa uthando loMsindisi lusezintliziyweni zethu, sifuna yonke indlela enokwenzeka ukunceda abanye bafunde ngoKrestu kwaye baze kuYe. Uthando lubayinkuthazo yokufundisa kwethu. Fundisa ngoMoyaNjengokuba ufundisa ivangeli kaYesu Krestu, unokuba noMoya oyiNgcwele kunye nawe ukukukhokela kwaye ungqine ngenyaniso ezingqondweni nasezintliziyweni zabo ubafundisayo (bona IMfundiso neMinqophiso 8:2). Fundisa iMfundisoWena ungafundisa ngamandla, njengoko uMsindisi wenza, ngokufundisa iMfundiso kaBawo. Mema ukuFunda OkukhutheleyoXa silandela umzekelo woMsindisi, simema abo sibafundisayo ukuba bacele, bafune, kwaye bankqonkqoze—kwaye emva ko bafumane (bona Mateyu 7:7–8) Isahlulo 3: Amancedo Asetyenziswayo neeNgcebiso Isahlulo 3: Amancedo Asetyenziswayo neeNgcebiso Iingcebiso zeeNtlobo ngeeNtlobo zeeNdawo zokuFundisa naBafundiEli candelo linika iingcebiso ezongezelelweyo ezithe ngqo kubafundi abahlukeneyo nakwiindawo zokufundisa. Isampulu Yesishwankathelo sokuYila IsifundoNanku umzekelo onokubakho wesishwankathelo sokuceba isifundo. Ukuphucuka njengoTitshala enjengoKrestu—Uvavanyo LobuquNjengoo titshala,kumele siwavavanye rhoqo amandla kunye nobuthathaka bethu ukuze sikwazi ukuba ngcono kwisakhono sethu sokukunceda abafundi bakhe ukholo kuYesu Krestu kwaye babe njengaYe ngakumbi. EyeeNkokeli—Ukunceda ooTitshala baPhumeleleNjengoko uhlangana nootitshala, cinga ngeendlela onokubomeleza ngazo kwaye ubakhuthaze ngobubele kunye nombulelo ngenkonzo abayinikayo.