Izifundo zoLutsha neZabadala Abasebatsha
Mema ukuFunda Okukhutheleyo


“Mema ukuFunda Okukhutheleyo,” Ukufundisa ngeNdlela yoMsindisi: Eyabo Bonke Abafundisa eKhayeni naseBandleni (2022)

“Mema ukuFunda Okukhutheleyo,” Ukufundisa ngeNdlela yoMsindisi

Umfanekiso
UYesu ukhupha uPetros emanzini anesaqhwithi

Finisher of Faith [Umggqibi woKholo], nguJ. Alan Barret

Mema ukuFunda Okukhutheleyo

Kwakumangalisa ngokwenene ukubukela uMsindisi ehamba phezu kwamanzi. Kodwa oko kwakunganelanga kuPetros. Wayefuna ukwenza into eyenziwa nguMsindisi, abe kwindawo Yena awayekuyo, kwaye abe namava afanayo naye. “Yitsho ndize kuwe ndihamba phezu kwamanzi,” yena watsho. UMsindisi waphendula ngesimemo esilula: “Yiza.” Ngaloo nto, uPetros watsiba kwindawo ekhuselekileyo yenqanawa waza wasibonisa ukuba ubufundi asinto yamava angenzi nto (bona Mateyu 14:–33). Ifuna ukholo kuKrestu kunye nomgudu wenkuthalo. Kodwa kananjalo izisa umvuzo otyebileyo wokuhamba noMsindisi.

“Yiza.” “Yizani nibone.” “Uze, undilandele” “Hamba, uye kwenjenjalo nawe” (Mateyu 14:29; Yohane 1:39; Luka 18:22; 10:37). Ukususela ekuqaleni kobulungiseleli baKhe, uMsindisi wamema abalandeli baKhe ukuba bazivele ngokwabo iinyaniso, amandla, kunye nothando awulunikelayo. Yena wakwenza oku kuba yeyona nto iyiyo ukufunda. Asikokuva nje okanye ukufunda; kukutshintsha kananjalo, ukuguquka, nokuqhubela phambili. Ngamazwi oMsindisi, ukufunda kuza “ngokufunda-nzulu kanjalo nangokholo” (IMfundiso neMinqophiso 88:118; ugxininiso longeziwe). Kwaye ukholo luquka ukuzenzela ngokwethu, hayi ngokulula ukwenzelwa (bona 2 Nifayi 2:26).

Xa silandela umzekelo woMsindisi, simema abo sibafundisayo ukuba bacele, bafune, kwaye bankqonkqoze—kwaye bafumane (bona Mateyu 7:7-8). Kwaye siyasamkela ngokwethu eso simemo. Sikunye, ngokholo lwethu kuKrestu nangomzamo wenkuthalo, siyakufikelela ekuyazini ngokwethu ukuba kuthetha ukuthini ukuhamba naYe.

Mema ukuFunda Okukhutheleyo

  • Nceda abafundi bathathe uxanduva lokufunda kwabo.

  • Khuthaza abafundi ukuba baze ukumazi uMsindisi ngokufunda ivangeli yonke imihla.

  • Mema abafundi ukuba balungiselele ukufunda.

  • Khuthaza abafundi ukuba babelane ngeenyaniso abazifundayo.

  • Mema abafundi ukuba baphile oko bakufundayo.

UMsindisi waNceda Abanye baThathe Uxanduva ngokuFunda Kwabo

Ukwakha izikhephe ezincinane ezaziza kuwela iilwandlekazi ngokukhuselekileyo bekuya kuba ngumsebenzi onzima kuye nabani na. Umntakwabo Yerede waye “khonjiswa ngamaxesha onke ngesandla seNkosi” (Etere 2:6, efumana imiyalelo ngokumila kwezikhephe ezincinane kunye nendlela ezaziza kungena ngayo umoya. Kodwa yintoni oyiqaphelayo ngendlela iNkosi eyaphendula ngayo xa umntakwabo Yerede wabuza malunga ngokunika ukukhanya ezikhepheni ezincinane? (bona 2Etere:22–25). Umntakwabo Yerede wasikelelwa njani ngesimemo sokusebenzisa ukholo lwakhe ngale ndlela? (bona Etere 3:1–16).

Kungabonakala kulula ukuxelela nje abafundi zonke izinto ocinga ukuba kufuneka bazazi. Nangona kunjalo, uMdala uDavid A. Bednar wacebisa: “Injongo yethu ifanele ingabi ‘Ndibaxelela ntoni na?’ Endaweni yoko, imibuzo esimele sizibuze yona yile: ‘Ndinokubamema ukuba benze ntoni? Yeyiphi imibuzo ephembelelweyo endinokuthi ndiyibuze ukuba, bazimisele ukuyiphendula, iyakuqalisa ukumema uMoya oyiNgcwele ebomini babo?’”evening with a General Authority, EyoMdumba 7, 2020, broadcasts.ChurchofJesusChrist.org).

Cinga ngendlela onokumema ngayo abafundi ukuba bathathe uxanduva lokufunda kwabo. Umzekelo, ungabamema ukuba babuze eyabo imibuzo, bakhangele iimpendulo, baphonononge, kwaye babelane okanye babhale iingcinga neemvakalelo zabo. Njengoko besenjenjalo, baya kulomeleza ukholo lwabo, bafumane iinyaniso kwilizwi likaThixo, baze babe namava abo ngezi nyaniso. Njengoko sithatha uxanduva lokufunda kwethu, sinokuthi, njengoko uJoseph Smith wenzayo, “Ndizifundele ngokwam” (IMbali—kaJoseph Smith 1:20).

Imibuzo yokuPhonononga: Kutheni le nto kubalulekile ukuba abafundi bakhuthale endaweni yokuba bangenzi nto ekufundeni kwabo? Ungabanceda njani bathathe uxanduva lokufunda kwabo? Ootitshala bakuncede njani ukwenze oku? Yiyiphi imizekelo evela kwizibhalo onokucinga ngayo apho abantu babemenywa ukuba bazifundele? Le mizekelo iyichaphazela njani indlela ofundisa ngayo?

Okuvela kwiZibhalo: 1 Nifayi 11; IMfundiso neMinqophiso 9:7–8; 58:26–28; 88:118–125; IMbali—kaJoseph Smith 1:1–20

UMsindisi waKhuthaza Abanye ukuba Baze uKumazi Yena ngokuFunda iLizwi laKhe

Xa kwafika ixesha lokuba uMsindisi amisele ngokusesikweni iBandla laKhe kwimihla yokugqibela, Yena waxelela izicaka zaKhe, “Uxhomekeke kwizinto ezibhaliweyo” (IMfundiso neMinqophiso 18:3). Ngokwenene, iNcwadi kaMormoni, ababesele begqibile ukuyiguqulela, yayiqulethe imiyalelo eluncedo yomsebenzi, kuquka indlela yokubhaptiza, indlela yokunikela umthendeleko, kunye nezinye iinkcukacha ezixabisekileyo. Kodwa uMsindisi kananjalo wayefuna ukuba izicaka zaKhe zibone izityhilelo zaKhe njengethuba lokumva Yena kwaye nokuze bamazi Yena ngokunzulu ngakumbi. Kwakweso sityhilelo sinye, Yena wabaxelela, “Lilizwi lam eliwathethayo [la mazwi] kuni; … ngako oko, ninako ukungqina ukuba nilivile ilizwi lam, kwaye niyawazi amazwi am” (IMfundiso neMinqophiso 18:35–36).

Cinga ngabantu obafundisayo. Balubona njani ufundo lwesibhalo? Ngaloo nto, ulubona njani? Ngaba ingaphezu kwembopheleleko yemihla ngemihla? Xa ufunda izibhalo, uyamva uMsindisi ethetha nawe ngqo? UMongameli uRussell M. Nelson wafundisa: “ Singaya phi ukuze simve Yena? Singaya kwizibhalo. … Ukuntywila imihla ngemihla eliizwini likaThixo kubalulekile ekuphileni ngokomoyai, ngakumbi kwezii ntsuku zokudodobala okwandayo. Njengoko sizondla ngamazwi kaKrestu imihla ngemihla, amazwi kaKrestu aya kusichazela ukuba siphendule njani kubunzima esingazange sacinga ukuba siya kuze sijongane nabo” (“Hear Him,” Liahona, Canzibe 2020, 89). Njengokuba ufundisa, khuthaza abafundi ukuba bafunde izibhalo ngenjongo yokufumana uMsindisi—hayi nje ukufumana imiqolo okanye iinyani ngaYe kodwa ukumfumana Yena. Ukuva ilizwi leNkosi yonke imihla kwizibhalo kusisiseko kubomi bonke bokukhuthala, ukufunda okuzimeleyo ivangeli.

Imibuzo yokuPhonononga: Cinga ngemikhwa yokufunda izibhalo. Ukufunda ilizwi likaThixo bubomeleze njani ubudlelwane bakho naYe? Yintoni onokuyenza ukuphucula ukufunda kwakho? Uza kubaphembelela njani abanye ukuba balifunde ngenkuthalo ilizwi likaThixo rhoqo? Ziziphi iintsikelelo abaya kuzifumana njengoko besenza?

Okuvela kwiZibhalo: Yoshuwa 1:8; 2 Timoti 3:15–17; 2 Nifayi 32:3; Yakobi 2:8; 4:6; IMfundiso neMinqophiso 33:16

UMsindisi waMema Abanye ukuba baLungiselele ukuFunda

Kwaneyona mbewu ilungileyo ayinakukhula kumhlaba oqinileyo, onamatye okanye onameva. Ngokufanayo, kwaneyona mfundiso ixabisekileyo nekhuthaza ukholo ayinakwenzeka ukuba iguqule intliziyo engekakulungeli ukuyamkela. Leyo yinxalenye yomyalezo womzekeliso woMsindisi malunga nomhlwayeli, imbewu, kunye nomhlaba weemeko ezahlukeneyo. Ku “kumhlaba omhle”—intliziyo ethambileyo yaza yahlanjululwa amatye nameva okomoya—apho ilizwi likaThixo livelisa isiqhamo esinika ubomi (bona Mateyu 13:1–9, 18–23).

Ulungiselelo lokomoya lubalulekile—kuwe nakubantu obafundisayo. Ngoko sinceda njani ukulungisa iintliziyo zethu ukuze zibe “ngumhlaba omhle” welizwi likaThixo? Cinga le migaqo ilandelayo yokulungiselela, onokuyisebenzisa ebomini bakho uze uyikhuthaze kubomi babo ubafundisayo. Thandaza ukufumanisa ukuba yintoni na iNkosi efuna ukuba uyifunde. Phila ngendlela emema ubukho baKhe ebomini bakho. Guquka yonke imihla. Khulisa umnqweno wakho wokufunda ngokubuza imibuzo enyanisekileyo. Funda ilizwi likaThixo ngokholo ukuba uya kukhokela kwiimpendulo. Vula intliziyo yakho kuyo nantoni na Yena aya kufundisa yona.

Njengokuba abafundi belungiselela ukufunda ngale ndlela, baya kuba namehlo omoya okubona neendlebe zokuva into iNkosi engathanda ukuba bayazi (bona Mateyu 13:16).

Imibuzo yokuPhonononga: Wenza ntoni ukuze uzilungiselele ukufunda? Ukulungiselela kwakho kuyichaphazela njani indlela obona ngayo, olivayo, noliqonda ngayo ilizwi likaThixo? Ungaphembelela njani abanye ukuba balungiselele ukufunda? Nguwuphi umahluko onokuthi uwenze kwindlela abazifumana ngayo iinyaniso zevangeli?

Okuvela kwiZibhalo: Enoshe 1:1–8; Alma 16:16–17; 32:6, 27–43; 3 Nifayi 17:3

Umfanekiso
umntwana efunda izibhalo eklasini

Abafundi bayazuza kumathuba okwabelana nabanye ngoko bakufundayo.

UMsindisi waKhuthaza Abanye ukuba baBelane ngeeNyaniso AbabeZifunda

“Ndilithintitha,” wakhala uEnoki xa iNkosi yayimbiza ukuba ashumayele ivangeli. Kodwa ukucikoza akuzange kube yimfuneko kwisicaka seNkosi. Endaweni yoko, iNkosi yathembisa uEnoki ukuba ukuba wayenokholo olwaneleyo lokuvula umlomo wakhe, amazwi aya kuza. “Ndiya kukunika intetho,” Yena watsho (Moses 6:31–32). UEnoki wasebenzisa ukholo lwakhe, kwaye iNkosi ngenene yathetha ngaye, ngamazwi anamandla kangangokuba abangela ukuba abantu bangcangcazele (bona Moses 6:47). Enyanisweni, abangela ukuba umhlaba ungcangcazele. Iintaba zasaba, nemilambo yatshintsha indlela yazo, yaye iintlanga zaziboyika abantu bakaThixo, “laba namandla ngokunjalo ilizwi likaEnoki, namandla olwimi olukhulu kangako uThixo awayemnike wona” (Moses 7:13).

INkosi ifuna thina sonke—hayi nje abaprofeti baKhe—ukuba sibe namandla okuthetha ilizwi laYo. Yena ukufunela oko thina sonke , kuquka nabantu obafundisayo (bona IMfundiso neMinqophiso 1:20–21). Amazwi ethu asenokungazisusi iintaba okanye atshintshe indlela yemilambo, kodwa anokunceda ukuguqula iintliziyo. Yiyo loo nto kubalulekile ukunika abafundi amathuba okuba babelane nabanye ngoko bakufundayo ngoMsindisi kunye nevangeli yaKhe. Ukwenza oku kuya kubanceda bazibethelele ngaphakathi iinyaniso abazifundiswayo kwaye bazivakalise. Kuya kubanceda kananjalo babe nentembelo kwisakhono sabo sokwabelana nabanye ngenyaniso kwezinye iindawo.

Imibuzo yokuPhonononga: Cinga ngexesha apho wawuthetha ngenyaniso yevangeli nomntu. Yintoni oyifundileyo kula mava? Kunini apho wawunombulelo khona kuba umntu wabanenkalipho yokwabelana ngeengcinga neenkolelo zakhe? Baya kuxhamla njani abantu obafundisayo kumathuba okuthetha ngezinto abazifundayo? Ngawaphi amathuba onokubudalela wona?

Okuvela kwiZibhalo: Alma 17:2–3; Moronayi 6:4–6; IMfundiso neMinqophiso 84:85; 88:122; 100:5–8

UMsindisi waMema Abanye ukuba baPhile Oko Yena wayekuFundisa

“Malukhanye ngokunjalo ukhanyiselo lwenu phambi kwabantu.” “Zithandeni iintshaba zenu.” Celani, nophiwa.” “Ngenani ngesango elimxinwa.” (Mateyu 5:16, 44; 7:7, 13.) Ezinye zezona zimemo zicacileyo, ezikhumbulekayo kubulungiseleli bonke boMsindisi basemhlabeni zathethwa xa wayefundisa abafundi baKhe ecaleni kwentaba ejonge uLwandle lwaseGalili. Injongo yoMsindisi yayikukuguqula ubomi, njengoko yacaciswa sisimemo saKhe sokuququmbela: “Wonke umntu osukuba eweva la mazwi am, awenze, ndomfanekisa nendoda eyingqondi, yona yakhelayo indlu yayo phezu kolwalwa” (Mateyu 7:24; ugxininiso longeziwe).

Imvula iyehla kwaye izikhukhula ziza kwaye umoya uvuthuza kubomi bomntu wonke. Ukufunda ngevangeli akwanelanga ukuba abafundi bamele ukumelana nazo zonke izilingo abaza kujongana nazo. Yiyo loo nto singafanele sithandabuze ukumema abafundi ukuba bacinge indlela abanokuphila ngayo oko bakufundayo. Ngenxa yokuhlonela ilungelo lokuzikhethela, uninzi lwezimemo zethu ziya kuba ngokubanzi: “Yintoni oziva uchukumiseke ukuba uyenze?” Ngamanye amaxesha izimemo zethu zinokufuna ukuba zingqale ngakumbi: “Ingaba uya kukhetha uphawu olunye loMsindisi ongathanda ukusebenza kulo?” Njengokuba ubonelela abafundi ngamathuba okuba beve, baqonde, kwaye babelane ngeentshukumiso ezivela kuMoya oyiNgcwele, Yena uyakubafundisa ukuba zeziphi izenzo zobuqu ekufuneka bazithathe. Nceda abafundi bacinge ngeentsikelelo eziya kulandela njengoko besenza intshukumo koko bakufundayo, kwaye ubakhuthaze ukuba bazingise naxa kunzima. Ukuphila inyaniso yeyona ndlela ikhawulezayo eya elukholweni olukhulu, kubungqina, kunye nenguquko. Njengoko uMsindisi watshoyo, ukuphila imfundiso kaBawo yindlela yethu sonke yokwazi ngenene ukuba imfundiso iyinyani (bona John 7:17).

Imibuzo yokuPhonononga: Ukhe waphembeelelwa nini ukuba wenze intshukumo ngenxa yesimemo somntu asinikezeleyo? Batshintsha njani ubomi bakho njengesiphumo? Qaphela izimemo ezinikwe kwizibhalo kunye nazinkokeli zeBandla. Yintoni oyifundayo enokunceda njengoko umema abanye ukuba benze intshukumo? Zeziphi iindlela onokulandela ngazo kwizimemo zakho?

Okuvela kwiZibhalo: Luka 10:36–37; Yohane 7:17; Yakobi 1:22; Mozaya 4:9–10; IMfundiso neMinqophiso 43:8–10; 82:10

Iindlela Ezithile zokuSebenzisa Oko ukuFundayo

  • Cela abanye ukuba beze belungiselele ukwabelana ngento uMoya oyiNgcwele abafundise yona, ezinjengokuqonda okuphuma kwisicatshulwa esinentsingiselo yesibhalo.

  • Nika abafundi amathuba okufundisa inxalenye yesifundo.

  • Khuthaza abafundi ukuba baphonononge umboniso bhanya-bhanya, isibhalo, okanye umyalezo phambi kokuba nidibane.

  • Chasa utyekelo lokuphendula yonke imibuzo. Bandakanya abanye ekufuneni iimpendulo.

  • Phambi kokuba wabelane ngokuqonda kwakho ngesibhalo, cela abafundi ukuba babelane ngokwabo.

  • Buza imibuzo ekhuthaza abafundi ukuba bafumane iimpendulo kwilizwi likaThixo.

  • Mema abafundi ukuba babuze eyabo imibuzo ngako oko bakufundayo.

  • Bonelela ixesha lokuba bonke abafundi baphonononge umbuzo phambi kokuba ubacele ukuba babelane ngeempendulo.

  • Cinga ngokwahlula abafundi babe ngamaqela amancinci eengxoxo, ngokufanelekileyo.

  • Cacisa ngokucacileyo okulindelekileyo ukunceda abafundi bakhule.

  • Nikeza izimemo eziphembelela abafundi ukuba baphucule kodwa ezingongameliyo. Landelela kwaye umeme abafundi ukuba babelane ngamava abo.

  • Nceda abafundi bafunde kwizibhalo ngoku:

    • Phawula izicatshulwa ezinentsingiselo, ukuba kuyafunwa.

    • Ukumema isityhilelo ngokuphonononga nangomthandazo.

    • Ukubhala phantsi iimvakelelo zomoya.

    • Gcina ingxelo yemihla ngemihla yofundo.

    • Ukubeka iinjongo zokwenza intshukumo koko bakufundayo

Shicilela