Izifundo zoLutsha neZabadala Abasebatsha
Fundisa ngoMoya


“Fundisa ngoMoya,” Ukufundisa ngeNdlela yoMsindisi: Eyabo Bonke Abafundisa eKhayeni kunye naseBandleni (2022)

“Fundisa ngoMoya,” Ukufundisa ngeNdlela yoMsindisi

Fundisa ngoMoya

Xa uMsindisi wayalela uJoseph Smith noSidney Rigdon ukuba bashumayele ivangeli yaKhe, wabathembisa, “UMoya oyiNgcwele uya kuthululelwa ngaphambili ekunikeni ubungqina ezintweni zonke naziphi na eniya kuzithetha” (IMfundiso neMinqophiso 100:8; bona kananjalo IMfundiso neMinqophiso 42:15–17; 50:17–22). Isithembiso esifanayo sisebenza kubo bonke abafundisa ivangeli, kuquka nawe. Njengokuba ufundisa ivangeli kaYesu Krestu, unokuba noMoya oyiNgcwele kunye nawe ukukukhokela kwaye ungqine ngenyaniso ezingqondweni nasezintliziyweni zabo ubafundisayo (bona IMfundiso neMinqophiso 8:2). Awuwedwa xa ufundisa, kuba “asinini enithethayo, nguMoya oyiNgcwele” (UMarko 13:11).

UMoya oyiNgcwele ngutitshala wenene. Akukho titshala wasemhlabeni, nokuba unobuchule okanye unamava kangakanani na, onokungena endaweni yendima yaKhe ekungqineni ngenyaniso, engqina ngoKrestu, kwaye nasekuguquleni iintliziyo. Kodwa bonke ootitshala banokuba zizixhobo ekuncedeni abantwana bakaThixo bafunde ngoMoya.

Fundisa ngoMoya

  • Zilungiselele ngokomoya.

  • Lonke ixesha kulungele ukuphendula kwiintshukumo zomoya ngeemfuno zabafundi.

  • Dala iindawo kunye namathuba okuba abafundi bafundiswe nguMoya oyiNgcwele.

  • Nceda abafundi bafune, baqonde, kwaye benze intshukumo kwisityhilelo sobuqu.

  • Nika ubungqina rhoqo, kwaye umeme abafundi ukuba babelane ngeemvakalelo zabo, amava, kunye nobungqina.

UMsindisi waziLungiselela Yena ngokoMoya ukuFundisa

Ukulungiselela ubulungiseleli baKhe, uMsindisi wachitha iintsuku ezingama-40 entlango “ukuze abekunye noThixo” (uGuqulelo lukaJoseph Smith, Mateyu 4:1 [ku Mateyu 4:1, ebhalwe emazantsi ephepha b]). Kodwa ulungiselelo lwaKhe lokomoya lwaluqalisile kwakude kudala ngaphambili. Xa uSathana wamlingayo Yena, wakwazi Yena ukusebenzisa “amazwi obomi” awayewalondolozele “ngelixa kanye” awayeza kuwafuna ngalo (IMfundiso neMinqophiso 84:85). Cinga ngemigudu yakho ukuzilungiselela ngokomoya ukuze ufundise. Ufunda ntoni ku Mateyu 4:1–11 malunga nendlela onokulandela ngayo umzekelo woMsindisi kulungiselelo lwakho lwasemoyeni?

UMoya ngoyena titshala wokwenyani kunye nomthombo wokwenene wenguquko. Ukufundisa okunamandla kwevangeli akufuni nje ukulungiselela isifundo kodwa ukuzilungiselela wena siqu ngokomoya kakuhle phambi kokuba uqale ukufundisa. Ukuba uzilungiselele ngokomoya, uyakukwazi ngcono ukuva kwaye ulandele inkokelo yoMoya njengokuba ufundisa. Indlela yokumema uMoya oyiNgcwele kwimfundiso yakho kukumema Yena ebomini bakho. Oku kuquka ukuzama ngenkuthalo ukulandela umzekelo woMsindisi kwaye uphile ivangeli yaKhe ngentliziyo yakho yonke. Kwaye ngenxa yokuba akukho namnye kuthi owenza oku ngokugqibeleleyo, kuthetha kananjalo ukuguquka suku ngalunye.

Imibuzo yokuPhononongwa: Kuthetha ukuthini kuwe ukuzilungiselela ngokomoya ukuze ufundise? Yintoni oziva uphembelelwe ukuba uyenze ukuphucula indlela ozilungiselela ngayo ngokomoya? Ucinga ukuba ukulungiselela ngokomoya kunokwenza umehluko njani kwimfundiso yakho?

Okuvela kwiZibhalo: Ezra 7:10; Luka 6:12; Alma 17:2–3, 9; IMfundiso neMinqophiso 11:21; 42:13–14

UMsindisi wayeSoloko ekuLungele ukuSabela kwiiMfuno zaBanye

UYayiro, umphathi wendlu yesikhungu, wawa ezinyaweni zikaYesu, embongoza ukuba ancede intombi yakhe eyayisifa. UYesu nabafundi baKhe babetyhutyha izitrato ezixineneyo besinge kwindlu kaYayiro xa ngequbuliso uYesu wema. “Ngubani na lo undichukumisileyo?” Yena wabuza. Kwakubonakala ngathi ngumbuzo ongaqhelekanga—kwisihlwele sabantu, ngubani owayenga mchukumisi Yena? Kodwa uMsindisi waqwalasela ukuba kweso sihlwele, kukho umntu oweza kuYe ngemfuno eyodwa kunye nangokholo lokwamkela impiliso Yena awayeyinikela. Kwakuseza kubakho ixesha lokutyelela intombi kaYayiro. Kodwa kuqala Yena wathi kwintokazi leyo yayichukumise iimpahla zaKhe, “Yomelela, ntombi yam, ukholo lwakho lukuphilisile; hamba ngoxolo” (bona Luka 8:41–48).

Njengotitshala, ngamanye amaxesha usenokuzibhaqa ungxamele ukugubungela into obuyilungiselele ukuyifundisa. Nangona oko kunokubaluleka, qiniseka ukuba ngokungxama kwakho awukhawulezi udlule ngokungekho ngenjongo imfuno engxamisekileyo yomntu omfundisayo. Ukongeza kwinkokelo yomoya oyifunileyo njengoko ubulungiselela ukufundisa, funa kananjalo inkokelo yoMoya ngelixa ufundisa. Zama ukuzazi iimfuno, imibuzo, kunye nezinto abanomdla kuzo abafundi. UMoya oyiNgcwele ungakunceda ukuba uqonde ukuba umfundi uyayamkela okanye uyiqonda njani into oyifundisileyo. Yena angakushukumisa, ngamanye amaxesha, ukuba uguqule izicwangciso zakho. Umzekelo, unokuchukumiseka ukuba uchithe ixesha elingaphezulu kunelo ubunenjongo kumxholo okanye ushiyele kamva ezinye iingxoxo ukwenzela into ebaluleke ngaphezulu kubafundi ngoku.”

Imibuzo yokuPhononongwa: Kunini apho ukhe waziva ngathi umzali okanye omnye utitshala ebezazi iimfuno zakho njengomfundi? Ngaba abo ubafundisayo bayazi ukuba unomdla ngakumbi kwimfundo yabo kunokugqiba isifundo? Ungawuthetha njani ngcono umdla wakho?

Okuvela kwiZibhalo: 1 Petros 3:15; Alma 32:1–9; 40:1; 41:1; 42:1

UMsindisi waBonelela ngaMathuba okuba Abantu baFundiswe nguMoya oyiNgcwele

Kwakunzima kubaninzi kwixesha likaYesu ukuqonda ukuba wayengubani ngokwenene, kodwa kwakukho izimvo ezininzi. “Inxenye ithi unguYohane umbhaptizi,” banikela loo ngxelo abafundi baKhe, “abanye bathi ungu-Eliya; bambi bathi, unguYeremiya, mhlawumbi ungomnye wakubaprofeti.” Kodwa wandula ke uYesu wabuza umbuzo owamema abafundi baKhe ukuba bazibekele bucala izimvo zabanye baze bakhangele ezintliziyweni zabo: “Ke nina nithi ndingubani na?” Yena wayefuna ukuba impendulo yabo bangayifumani “kwinyama negazi” kodwa ngokungqalileyo “kuBawo osemazulwini.” Yayilolu hlobo lobungqina—isityhilelo sobuqu esivela kuMoya oyiNgcwele—esabangela ukuba uPetros abhengeze, “Wena unguye uKrestu, uNyana kaThixo ophilileyo” (bona Mateyu 16:13–17).

Ukuze baphile ngokomoya kwimihla yokugqibela, abantu obafundisayo baya kufuna ubungqina bokomoya benyaniso. Awunako ukubanika bona, kodwa unokumema, ukhuthaze, uphembelele, kwaye ubafundise ukubufuna. Ungenza kucace—ngamazwi kunye nezenzo zakho—ubaluleke kangakanani uMoya oyiNgcwele ekufundeni ivangeli. Cinga, umzekelo, isimo sokufunda osidalayo kwaye nosikhuthazayo. Into elula njengokucwangciswa kwezitulo kwigumbi okanye indlela obulisa ngayo nokusebenzisana nabafundi ibeka isandi somoya kumava abafundi abaya kuba nawo. Ungamema abafundi kananjalo ukuba bazilungiselele ngokomoya ukuze bafunde, kanye njengokuba ulungiselela ngokomoya ukufundisa. Bacele ukuba bathathe uxanduva ngomoya abawuzisayo. Kwaye ungabonelela ngamathuba wabo okuva uMoya ungqina ngoYesu Krestu kunye nevangeli yaKhe. Obo bungqina buya kuba “lulwalwa” kubo, “namasango elabafileyo aliyi kuloyisa [kubo]” (Mateyu 16:18).

Imibuzo yokuPhononongwa: Yintoni oyiqwalaseleyo enegalelo kwisimo somoya sokufunda ivangeli? Yintoni ephazamisayo kuso? Yintoni enceda abantu obafundisayo ukuba bafunde kuMoya? Cinga ngendawo odla ngokufundisa kuyo. Uziva njani xa ulapho? Ungamema njani ngokunempumelelo ngakumbi uMoya ukuba ubekho apho?

Okuvela kwiZibhalo: Luka 24:31–32; Yohane 14:26; 16:13–15; Moronayi 10:4–5; IMfundiso neMinqophiso 42:16–17; 50:13–24

Umfanekiso
Abafundisi bevangeli befundisa usapho

Njengoko sifundisa, sinokumema abafundi ukuba bazifunele obabo ubungqina bokomoya benyaniso.

UMsindisi waNceda Abanye baFune, baQonde, kwaye Benze Intshukumo kwiSityhilelo Sobuqu

INkosi ifuna ukunxibelelana nathi—kwaye ifuna ukuba sazi ukuba Yona iyanxibelelana nathi. Ngo-1829, utitshala wesikolo oneminyaka engama-22 ubudala ogama lingu-Oliver Cowdery wayefunda ngemfundiso ekhaliphileyo, enika umdla yokuba nabani na angafumana isityhilelo sobuqu. Kodwa wayenemibuzo efanayo naleyo uninzi lwethu luye lwayibuza: “Ingaba ngenene iNkosi izama ukuthetha nam? Kwaye ndingayazi njani into ayithethayo Yena?” Ukuphendula le mibuzo, uYesu Krestu wamema uOliver ukuba acinge ngasemva kumzuzwana wangasese wokukhangela ngokomoya. “Andizange na ndithethe uxolo engqondweni yakho?” Wabuza Yena (bona IMfundiso neMinqophiso 6:21–24). Kamva, Yena wafundisa uOliver ngezinye iindlela uMoya anokuthetha kuye (bona IMfundiso neMinqophiso 8:2–3; 9:7–9; bona kananjalo IMfundiso neMinqophiso 11:12–14).

Ukuphila kwihlabathi elihlala lingazikhathaleli izinto zomoya, sonke sifuna uncedo ekuqondeni ilizwi loMoya. Kusenokwenzeka ukuba siwuvile uMoya ngaphandle kokuwuqonda. Kwaye sonke sinokufunda ngakumbi ngendlela yokufuna uMoya, ukuqonda impembelelo yaWo, kwaye senze intshukumo ngokweentshukumiso Wona osinika zona. Njengokuba ufundisa, nceda abafundi bafumanise iindlela uMoya anokunxibelelana ngazo—kwaye nendlela Yena athe wanxibelelana ngayo nabo. Esinye sezona zipho zikhulu onokuthi uzinike njengotitshala kukunceda abo ubafundisayo baqhubele phambili kolusukelo lobomi bonke besityhilelo sobuqu.

Imibuzo yokuPhononongwa Kutheni kubalulekile ukufunda ukufumana isityhilelo sobuqu? Ngaba kukho umntu owakhe wakunceda ukuba uqonde indlela yokufuna nokunakana isityhilelo? Ungabakhuthaza njani abo ubafundisayo ukuba bafune, baqonde, kwaye benze intshukumo kwisityhilelo esivela kuMoya oyiNgcwele?

Okuvela kwiZibhalo: AmaGalati 5:22–23; Alma 5:45–47; IMfundiso neMinqophiso 42:61; 121:33; IMbali—kaJoseph Smith1:8–20

UMsindisi waNikela UBungqina kwaBo Yena wayeBafundisa

Ngexesha lomzuzwana wobubele okhethekileyo wokufundisa nobulungiseleli, uYesu wafuna ukuthuthuzela umhlobo waKhe uMarta, owayefelwe ngumnakwabo. Yena wabelana naye ngobungqina obulula benyaniso yanaphakade: “Umnakwenu uya kubuya avuke” (Yohane 11:23). Ubungqina baKhe bamshukumisa ukuba uMarta anikele ubungqina bakhe: “Ndiyazi ukuba uya kubuya avuke eluvukweni, ngomhla wokugqibela” (Yohane 11:24). Qaphela ukuba indlela le yenkqubo iphindeka njani ku Yohane 11:25–27. Yintoni ekuchukumisayo ngomzekelo woMsindisi? Kutheni ukwabelana ngobungqina beenyaniso zevangeli kuyinxalenye ebalulekileyo yokufundisa?

Ubungqina bakho bunokuba nempembelelo enamandla kwabo ubafundisayo. Abudingi ukuba bube liciko okanye bube bude. Kwaye abudingi ukuba buqale ngokuthi “Ndingathanda ukunika ubungqina bam.” Yabelana ngokulula ngoko ukwaziyo ngamandla oMoya oyiNgcwele. Ubungqina benyaniso bunamandla kakhulu xa buthe ngqo kwaye busuka entliziyweni. Nika ubungqina rhoqo ngoMsindisi, ivangeli yaKhe, kunye namandla aKhe ebomini bakho, kwaye ukhuthaze abo ubafundisayo ukuba benze okufanayo. Kwaye khumbula ukuba ngamanye amaxesha obona bungqina bunamandla bunikelwa kungenguye utitshala kodwa ngomnye umfundi ongumlingane.

Imibuzo yokuPhononongwa Khangela imizekelo kwizibhalo ebonisa impembelelo enamandla yomntu onikela ubungqina. Yintoni oyifunda kuloo mizekelo? Ukhe wasikelelwa nini ngobungqina bomntu? Ukwabelana ngobungqina bakho kubaphembelele njani abo ubafundisayo? Kukuphembelele njani wena?

Okuvela kwiZibhalo: Izenzo 2:32–38; Mozaya 5:1–3; Alma 5:45–48; 18:24–42; 22:12–18; IMfundiso neMinqophiso 46:13–14; 62:3

Iindlela Ezithile zokuSebenzisa Oko ukuFundayo

  • Cela abafundi ukuba babelane ngezinto abazifundiswe nguMoya oyiNgcwele njengokuba befunde ilizwi likaThixo.

  • Lungiselela kwangaphambili ukufumana iintshukumiso zomoya ngelixa ufundisa.

  • Bhala phantsi iimvakalelo zomoya eziza xa ulungiselela.

  • Bonelela ngamathuba ngamaxesha athile kumalungu eklasi ukuba aphonononge ngokuzolileyo ukuba uMoya ubafundisa ntoni na.

  • Sebenzisa umculo ongcwele kunye nemifanekiso ukumema impembelelo yoMoya.

  • Phulaphula iintshukumiso njengoko ucwangcisa kwaye ufundisa, kwaye uzimisile ukulungisa izicwangciso zakho.

  • Bonelela ngamathuba okuba bonke abafundi banike ubungqina balo nto bayifundayo.

  • Nceda abanye baqonde xa uMoya ukhona.

  • Phila iinyaniso ozifundisayo ukuze unikele ubungqina ngazo.

  • Landela iintshukumiso ukuze ufundise ngokuzenzekelayo, ngamaxesha angekho sikweni.

Shicilela