Izifundo zoLutsha neZabadala Abasebatsha
Isishwankathelo seMfundiso enjengoKrestu


“Isishwankathelo sokuFundisa njengoKrestu,” Ukufundisa ngeNdlela yoMsindisi (2022)

Isishwankathelo seMfundiso enjengoKrestu

Ezi tshati zilandelayo zibonelela ngesishwankathelo semigaqo efundiswa kwesi sixhobo.

Gqalisela kuYesu Krestu

Fundisa ngoYesu Krestu Nokuba Ufundisa Ntoni Na

  • Gxininisa uMzekelo kaYesu Krestu.

  • Fundisa ngezibizo, iindima, neempawu zikaYesu Krestu.

  • Khangela imiqondiso engqina ngoYesu Krestu.

Nceda Abafundi Beze kuYesu Krestu

  • Nceda abafundi baqonde uthando lweNkosi, amandla, nenceba ebomini babo.

  • Nceda abafundi bomeleze ubudlelwane babo noBawo waseZulwini noYesu Krestu.

  • Nceda abafundi ngenjongo bazabalazele ukufana ngakumbi noYesu Krestu.

Imigaqo yokufundisa njengoKrestu

Bathande Abo ubaFundisayo

  • Babone abafundi ngendlela uThixo ababona ngayo.

  • Funa ukubazi boma—ziqonde iimeko zabo, iimfuno, namandla abo.

  • Bathandazele ngamagama.

  • Dala isimo sokhuseleko apho bonke bahloniphekileyo khona kwaye baziyo ukuba igalelo labo lixabisekile.

  • Fumana iindlela ezifanelekileyo zokubonisa uthando lwakho.

Fundisa ngoMoya

  • Zilungiselele ngokomoya.

  • Lonke ixesha kulungele ukuphendula kwiintshukumo zomoya ngeemfuno zabafundi.

  • Dala iindawo kunye namathuba okuba abafundi bafundiswe nguMoya oyiNgcwele.

  • Nceda abafundi bafune, baqonde, kwaye benze intshukumo kwisityhilelo sobuqu.

  • Nika ubungqina rhoqo, kwaye umeme abafundi ukuba babelane ngeemvakalelo zabo, amava, kunye nobungqina.

Fundisa iMfundiso

  • Zifundele imfundiso kaYesu Krestu ngokwakho.

  • Fundisa okuvela kwizibhalo namazwi wabaprofeti bemihla yokugqibela.

  • Nceda abafundi bafune, banakane, kwaye baqonde iinyaniso kwizibhalo.

  • Gqalisela kwiinyaniso ezikhokelela kwinguquko kwaye zakhe ukholo kuYesu Krestu.

  • Nceda abafundi bafumane okuphathelele kubuqu kwimfundiso kaYesu Krestu.

Mema ukuFunda Okukhutheleyo

  • Nceda abafundi bathathe uxanduva lokufunda kwabo.

  • Khuthaza abafundi ukuba baze bafikelele ekumazini uMsindisi ngokufunda ivangeli yonke imihla.

  • Mema abafundi ukuba balungiselele ukufunda.

  • Khuthaza abafundi ukuba babelane ngeenyaniso abazifundayo.

  • Mema abafundi ukuba baphile oko bakufundayo.

Umfanekiso
Isishwankathelo seMfundiso enjengoKrestu

Shicilela