Izifundo zoLutsha neZabadala Abasebatsha
EyeeNkokeli—Ukunceda ooTitshala Baphumelele


“EyeeNkokeli—Ukunceda ooTitshala baPhumelele,” Ukufundisa ngeNdlela yoMsindisi: Eyabo Bonke Abafundisa eKhayeni naseBandleni(2022) (2022)

“EyeeNkokeli—Ukunceda ooTitshala baPhumelele,” Ukufundisa ngeNdlela yoMsindisi

Umfanekiso
Iklasi yesikolo sangeCawe

EyeeNkokeli—Ukunceda ooTitshala Baphumelele

Unxibelelwano komnye nomnye

Amaxesha amaninzi eyona ndlela ingcono yokuhlangabezana neemfuno ezizodwa zootitshala kungonxibelelwano komnye nomnye. Umzekelo, njengenkokeli, usenokuba nengxoxo emfutshane notitshala phambi okanye emva kweklasi ukuze uxoxe ngemigaqo ka Ukufundisa ngeNdlela yoMsindisi. Ungalungiselela lengxoxo ngokubukela utitshala efundisa. Kukhangele ukuwaqonda ngcono amandla wetitshala kwaye ufumane iindlela onokunikezela ngazo inkxaso.

Ukwakha phezulu kwamandla wetitshala kubaluleke njengokuchonga amathuba okuphucula. Kubalulekile ukuqalisa iingxoxo nootitshala ngokubacela ukuba bacinge ngokokwabo ukuba yintoni ehamba kakuhle kwaye kuphi apho beva ukuba inkqubela-phambili ingenziwa khona.

Njengoko uhlangana nootitshala, cinga ngeendlela onokubomeleza ngazo kwaye ubakhuthaze ngobubele kunye nombulelo ngenkonzo abayinikayo.

Iintlanganiso yeBhunga looTitshala

Iwadi nganye kufuneka libambe iintlanganiso zonyangantathu zebhunga lootitshala apho ootitshala banokucebisana kunye ngemigaqo yokufundisa enjengoKrestu. Iintlanganiso zebhunga lootitshala kananjalo zinokubanjelwa abazali (bona General Handbook: Serving in The Church of Jesus Christ of Latter-day Saints, 13.5, ChurchofJesusChrist.org).

Kumele ziBanjwe Nini Ezi Ntlanganiso?

Iintlanganiso zebhunga lootitshala zibanjwa ngexesha leklasi lemizuzu engama-50 ngeCawe.

  • Ootitshala bobuBingeleli, boMbutho waManina, nabaMantombazana Amancinane bangakhona nokuba ngeyokuqala okanye ngeyesithathu iCawe, njengoko kumiselwe ziinkokeli zasekuhlaleni.

  • Ootitshala beSikolo sangeCawe bangakhona nokuba ngeyesibini okanye ngeyesine iCawe, ngokumiselwe ziinkokeli zasekuhlaleni.

  • Ootitshala bePrayimaribangakhona nokuba kungeyiphi na iCawe, ngokumiselwe bubongameli bePrayimari nobeSikolo sangeCawe bewadi. Ukuba bayanqwena, ootitshala bePrayimari banokudibana ngokwahlukeneyo kwabanye ootitshala ukuze bacebisane ngemiba eyodwa yokufundisa abantwana. Oku kungenzeka ngexesha lemizuzu engama-20 okucula, phambi okanye emva kweentlanganiso zesiqhelo zangeCawe, okanye ibe ngolunye usuku lweveki. Ngaphezu kwenye intlanganiso yebhunga lootitshala inokubanjwa ngonyangantathu yootitshala bePrayimari ukuze bangaphosi zonke iiklasi zePrayimari kwiveki efanayo. (Qaphela: Kangangoko kuyimfuneko, ubongameli bePrayimari babela ootitshala ababambeleyo, badibanisa iiklasi, okanye benza amanye amalungiselelo ukuvumela ootitshala bePrayimari babekhona kwiintlanganiso zebhunga lootishala.)

  • Iintlanganiso zebhunga lootishala zabazali zingabanjwa nangeyiphi na iCawe, ngokumiselwe libhunga lesebe.

Ngubani Ekumele Abekhona?

Wonke umntu ofundisa iqumrhu okanye iklasi kwiwadi kufuneka abekhona, kunye nomnye ubuncinane wobubingeleli okanye iinkokeli zombutho ezinoxanduva phezu kwalo maqumrhu okanye iiklasi. Ukuba kuyimfuneko, abathathi-nxaxheba banokwahlulwa babe ngamaqela ngokweemfuno zabo babafundisayo. Umzekelo, ootitshala bolutsha okanye babantwana banokuzuza ngokuhlangana ngokwahlukeneyo ngamaxesha athile ukuze baxoxe imibandela ephathelele nokufundisa ulutsha okanye abantwana.

Kwiintlanganiso zebhunga lootitshala zabazali, ibhunga lewadi lilo elimisela ukuba ngaba kumenywe abazali abathile okanye lenze ukubakhona kuvuleleke kubo bonke abafuna ukuthatha inxaxheba.

Ngubani Okhokela Ezi Ntlanganiso?

Ibhunga lewadi, lincediswa bubongameli beSikolo sangeCawe, songamela iintlanganiso zebhunga lootitshala. Licebisana kunye ngeemfuno zootitshala nabafundi ngokusekelwe koko bakuqwalasele kwiiklasi nakwiintlanganiso. Lisebenza kunye ukumisela ukuba yeyiphi imigaqo kunye nezenzo ezivela ku Ukufundisa ngeNdlela yoMsindisi eziya kuthi zihlangabezane ngcono neemfuno abazichongileyo.

Ngokwesiqhelo, ilungu lobuBongameli beSikolo sangeCawe likhokela iintlanganiso zebhunga lootitshala. Nangona kunjalo, amanye amalungu esebe anokwabelwa ukukhokela iintlanganiso ngamaxesha athile. Abongameli bequmrhu nabemibutho babethelela kunye nootitshala babo imigaqo kunye neendlela zokusebenza ezixoxwe entlanganisweni.

Yintoni eKumele Yenzeke kwiiNtlanganiso zeBhunga looTitshala?

Intlanganiso yebhunga lootitshala kumele ilandele olu hlobo:

  • Yabelanani nicebisane kunye. Mema ootitshala ukuba babelane ngamava okufundisa akutsha nje, babuze imibuzo enxulumene nokufundisa, kwaye wabelane ngezimvo ngokoyisa imiceli-mngeni. Le nxalenye yentlanganiso inokuquka ukuphononongwa kwemigaqo ekuxoxwe ngayo kwiintlanganiso ezidlulileyo.

  • Fundani kunye. Mema ootitshala ukuba baxoxe ngenye yale migaqo ilandelayo inikezelwe kwesi sixhobo: gqalisela kuYesu Krestu, bathande abo ubafundisayo, fundisa ngoMoya, fundisa imfundiso, kwaye umeme ukufunda okukhutheleyo. Imigaqo ingaqwalwaselwa nangayiphi na indlela, kwaye ngaphandle kokuba kuyalelwe libhunga lewadi, abathathi-nxaxheba entlanganisweni banokukhetha umgaqo olandelayo ekuza kuxoxwa ngawo. Ninga chitha ngaphezulu kwentlanganiso enye kumgaqo omnye ukuba kuyimfuneko.

  • Cwangcisa kwaye umeme. Nceda ootitshala bacwangcise ngokuba bazakuwusebenzisa njani umgaqo abaxoxe ngawo. Ngokufanelekileyo, kananjalo nisenako ukuziqhelisa kunye ngesakhono enixoxe ngaso. Bameme ukuba bashicilele kwaye benze intshukumo phezu kwazo naziphi na iimvakalelo abazifumanayo ngendlela yokusebenzisa umgaqo kwimfundiso yabo—kuquka nakwiinzame zabo zokufundisa emakhayeni abo. Bakhuthaze ukuba baqalise ukufunda umgaqo olandelayo ozakuxoxwa.

Kangangoko kunokwenzeka, iintlanganiso zebhunga lootitshala kumele zibe ngumzekelo wemigaqo leyo ixoxwayo.

Umfanekiso
amantombazana ewolana

Iintlanganiso zebhunga lootitshala zinganceda ootitshala baqonde ngcono kwaye basebenzise imigaqo yemfundiso enjengoKrestu.

Ukuqhelanisa ooTitshala Abasandula Ukubizwa

Njenge nkokeli, unoxanduva loku “hlangana nootitshala abasandula kubizwa” kwiqumrhu lakho kwaye “ubancede balungiselele ubizo lwabo” (General Handbook, 17.3, ChurchofJesusChrist.org). Ezi ntlanganiso zilithuba lokwazisa ootitshala abatsha ngobizo lwabo olungcwele kwaye ubaphembelele ngombono wokuba kuthetha ntoni ukufundisa ngendlela yoMsindisi. Njenge nkokeli, unganceda ootitshala abatsha ukuba bakhonze ngokwenza oku kulandelayo:

  • Bonisa ukuqiniseka ukuba uMsindisi uzakubanceda kubizo lwabo (bona IMfundiso neMinqophiso 88:78).

  • Nika ootitshala abatsha ikopi yesi sixhobo, kwaye ubakhuthaze ukuba bakhangele iindlela zokusebenzisa imigaqo yaso kwimfundiso yabo.

  • Yabelana nootitshala abatsha nantoni na ngombutho wakho enokuba luncedo kubo ukuba bayazi.

  • Kangangoko kuyimfuneko, xelela ootitshala abatsha ukuba bafundisele kweliphi igumbi kwaye baqale ngesiphi isifundo. Bonelela naluphi na ulwazi abaludingayo malunga neklasi kunye namalungu eklasi yabo.

  • Cacisa kootitshala abatsha ukuba ungabanceda ngobizo lwabo. Nika inkxaso kwigumbi lokufundela kunye nokufikelela kwizixhobo zokufundisa ukuba kuyimfuneko.

  • Zinikele ukuqwalasela iiklasi zootitshala ngamaxesha athile, kwaye ubonelele ngengxelo njengoko ushukunyiswa nguMoya.

  • Mema ootitshala ukuba bathathe inxaxheba kwiintlanganiso zikanyangantathu zebhunga lootitshala.

Shicilela