Izifundo zoLutsha neZabadala Abasebatsha
Bathande Abo ubaFundisayo


“Bathande Abo Ubafundisayo,” Ukufundisa ngeNdlela yoMsindisi: Eyabo Bonke Abafundisa eKhayeni naseBandleni (2022)

“Bathande Abo Ubafundisayo,” Ukufundisa ngeNdlela yoMsindisi

Bathande Abo ubaFundisayo

Yonke into uMsindisi awayenzayo kubo bonke ubulungiseleli baKhe emhlabeni yayikhuthazwa luthando. Njengoko sizama ukuba ngabalandeli bokwenyani bakaKrestu, singazaliswa kwangalo olu thando lufanayo (bona Yohane 13:34–35; Moronayi 7:47–48; 8:26). Xa uthando loMsindisi lusezintliziyweni zethu, sifuna yonke indlela enokwenzeka ukunceda abanye bafunde ngoKrestu kwaye beze kuYe. Uthando lubayinkuthazo yokufundisa kwethu.

Ukubathanda Abo Ubafundisayo

  • Babone abafundi ngendlela uThixo ababona ngayo.

  • Funa ukubazi boma—ziqonde iimeko zabo, iimfuno, namandla abo.

  • Bathandazele ngamagama.

  • Dala isimo sokhuseleko apho bonke bahloniphekileyo khona kwaye baziyo ukuba igalelo labo lixabisekile.

  • Fumana iindlela ezifanelekileyo zokubonisa uthando lwakho.

UMsindisi Wabona Amandla Aleleyo kaThixo kuMntu Wonke Yena Awayemfundisa

Uninzi lwabantu eYeriko lwalucinga ukuba lwazi konke okwakufuneka lukwazi ngoZakeyu. Yena wayengumbuthi werhafu—umbuthi werhafu oyintloko, eneneni—kwaye wayesisityebi. Ngokucacileyo, lwalucinga, umele ukuba akanyanisekanga yaye wonakele. Kodwa uYesu wajonga kwintliziyo kaZakeyu kwaye wabona obekekileyo “[o]ngunyana ka-Abraham” (bona Luka 19:1–10). UMsindisi wayebona abantu hayi nje njengokuba babebonakala kodwa njengoko babenjalo ngokwenene—kwaye njengoko babenokuba njalo. Kubalobi abangamenyezelwanga njengoSimon, uAndreya, uYakobi, noYohane, Yena wabona iinkokeli zexesha elizayo zeBandla laKhe. KuSawule umtshutshisi owayesoyikwa, Yena wabona “isitya esinyuliweyo,” esasiza kushumayela ivangeli yaKhe phambi kookumkani nezizwe (bona Izenzo 9:10–15). Kwaye kuwe nakumntu ngamnye omfundisayo, uMsindisi ubona unyana okanye intombi kaThixo enganamda kwenokuba kuko.

Phakathi kwabantu obafundisayo, usenokuba nabathile ababonakala benyanisekile kwaye beguqukile nabanye ababonakala bengenamdla okanye benemvukelo. Kulumkele ukuba ungenzi isizindlo esisekelwe kuphela koko ukubonayo. UMoya oyiNgcwele unokukunceda ubone kumntu ngamnye into ebonwa nguMsindisi—kwaye ukuncede uqale ukubathanda bona ngendlela Yena enza ngayo.

Imibuzo yokuPhononongwa: Cinga ngomntu ngamnye omfundisayo, kwaye uphonononge ngendlela uBawo oseZulwini noYesu abavakalelwa ngayo naye ngamnye. Yintoni Bona abanokuyibona kuye? Zingayichapahazela njani ezi ngcinga indlela omfundisa ngayo

Okuvela kwiZibhalo: 1 Samuweli 16:7; Iindumiso 8:4–5; AbaseRoma 8:16–17; IMfundiso neMinqophiso 18:10–14

UMsindisi uYasazi Thina kwaye uYaziqonda iiMeko, iiMfuno, naMandla Ethu

Intokazi engumSamariya ayizange ize equleni ukuza kuva umyalezo wevangeli. Yayizokufuna amanzi. Kodwa uMsindisi wayenokuqwalasela ukuba unxano lwakhe lwalungaphezu kolwenyama. Yena wayesazi ukuba wayenenkathazo yexesha elidlulileyo nobudlelwane obungazinzanga. Ngoko uYesu wathatha imfuno yokwenyama eyayinomdla okhawulezileyo kuye—amanzi axhasa ubomi—waza wayinxulumanisa neemfuno zakhe ezinzulu zomoya “zamanzi aphilileyo” “nobomi obungunaphakade.” Ekupheleni kwencoko yabo, intokazi yayinobungqina bobuqu bokuba uYesu wayenguKrestu, ephembelelwe ngokuncinci yindlela Yena awayemazi ngayo. “[Yena] undixelele zonke izinto endakha ndazenza,” yena watsho. “Lo akangebi nguye uKrestu kusini na?” (bona Yohane 4:6–29).

Ukuba ngutitshala onjengoKrestu kuquka ukubazi abantu obafundisayo kwaye uzame ukuqonda ukuba yintoni esezintliziyweni zabo. Ungaba nomdla kubomi babo kwaye ubonise uvelwano. Wena unokukhangela iindlela zokuqonda imvelaphi, iziphiwo, izinto abanomdla kuzo kunye neemfuno zabo. Ungafuna indlela abafunda ngcono ngayo. Ungabuza imibuzo, umamele ngenyameko, kwaye uqwalasele. Ngaphezu kwako konke, ungathandazela ukuqiqa okunokunikezelwa nguMoya kuphela. Okukhona umazi ngcono umntu, kokukhona ukwazi ngcono ukumnceda afumane intsingiselo yobuqu kunye namandla kwivangeli kaYesu Krestu. Xa uluqonda unxano lomntu, uMoya ungakunceda ukwazi ukulicima ngamanzi aphilileyo woMsindisi.

Imibuzo yokuPhononongwa: Yintoni osewuyazi ngabantu obafundisayo? Yintoni ebalulekileyo kubo? Ngawaphi amandla wabo? Yintoni abasokoliswa yiyo? Yintoni onokuyenza ukuze ubaqonde ngcono?

Okuvela kwiZibhalo: Iindumiso 139:1–5; Mateyu 6:25–32; Marko 10:17–21; Yohane 10:14; 3 Nifayi 17:1–9

UMsindisi waThandazela Abo Yena wayeBafundisa

Cinga ngendlela uSimon Petros wayemele ukuziva ngayo xa wayesiva uMsindisi esithi kuye, “Simon, Simon, uyabona, uSathana ubenibanga, … ke mna ndikhungile ngawe, ukuba ukholo lwakho lungapheli” (Luka 22:31–32). Kwakunoku chaphazela njani ukwazi ukuba uYesu Krestu ukuthandazele kuBawo? Abantu beMelika yamandulo babenamava anje, kwaye bawacacisa ngoluhlobo: “Akukho namntu onokuqiqa ngovuyo olwazalisa imiphefumlo yethu ngelixa sasimva [uYesu] esithandazela kuBawo.” (3 Nifayi 17:17).

Unokucinga kananjalo nangento eyenzekayo ngaphakathi kuwe xa wena uthandazela umntu othile—ngokungaguqu-guqukiyo, ngegama. Ingaba imithandazo yakho iyichaphazela njani indlela oziva ngayo ngaloo mntu? Yona iyichaphazela njani izenzo zakho? Ngokuqinisekileyo uBawo wethu oseZulwini uyayiva kwaye uyayiphendula imithandazo yokwenene yotitshala onqwenela ukunceda umfundi. Kwaye kwiimeko ezininzi, enye indlela ayiphendula ngayo loo mithandazo kukuchukumisa intliziyo katitshala aze amphembelele ukuba enze okanye athethe into eya kumnceda umfundi ave uthando lwaKhe.

Imibuzo yokuPhononongwa: Njengoko ucinga ngabantu obafundisayo, ingaba ukhona umntu ovakalelwa ukuba unemfuno ekhethekileyo yomthandazo wakho? Yintoni oziva uphembelelwa ukuba uyithandazele ngaye? Zeziphi iintsikelelo ezinokuza njengoko umema abafundi ukuba bathandazelane?

Okuvela kwiZibhalo: Yohane 17; Alma 31:24–36; 3 Nifayi 18:15–24; 19:19–23, 27–34

UMsindisi waQinisekisa Ukuba Bonke Baziva beHlonitshiwe kwaye beXatyisiwe

Isimo jikelele phakathi kweenkokeli zenkolo ngosuku lukaYesu yayikukuba aboni kwakufuneka baphetshwe. Ngenxa yoku, xa ezi nkokeli zambona uYesu esebenzisana naboni, zazikhwankqisiwe. Kwakunokwenzeka njani ukuba umntu owazimanya naboni abanje abe ngutitshala wokomoya?

UYesu, ngokucacileyo wayenendlela eyahlukileyo. Yena wayefuna ukuphilisa abo babegula ngokomoya (bona Marko 2:15–17; Luka 4:17–18). Yena ngokungaguquguqukiyo wayefikelela kwabo babohlukile kwabo babebangqongile okanye babenengxaki kwexesha eligqithileyo, kwaye wayenxibelelana nabo babonile. Yena wancoma ukholo lwejoni lomRoma (see Mateyu 8:5–13). Yena wabiza umqokeleli werhafu ongathenjwanga abe ngomnye wabafundi bakhe abathenjiweyo (bona Marko 2:14). Xa umfazi wayetyholwa ngokukrexeza, Yena wamenza waziva ekhuselekile kwaye wamphembelela ukuba aguquke kwaye aphile ubomi obungcono (bona Yohane 8:1–11).

Kodwa uYesu wenza ngaphezulu kunoko. Yena wakhuthaza oku kuziphatha kufanayo kokwamkeleka nothando phakathi kwabafundi baKhe. Umzekelo waKhe ngokuqinisekileyo wawusezintliziyweni zabaPostile baKhe xa ixesha lathi labafikela ukuba base ivangeli kubantu bonke. Ubonakala kumazwi kaPetros: “Ndiyaqiqa okwenyaniso ukuba uThixo akamkhethi wabuso bamntu” (Izenzo 10:34).

Kukho ithuba elininzi lokuba phantse wonke umntu obizwe ukuba umfundise kukho indlela ethile asokola ngayo ukuba azive ehloniphekile kwaye exabisekile. Ngendlela obathanda nobahloniphe ngayo, ungaxela ukuba abamkelekanga nje kuphela kodwa bayafuneka. Wena ungafikelela kwabo bangeziyo, kwabasokolayo, okanye abangabonakali benomdla, ukuba nomonde ukuba inkqubela ikhangeleka icotha. Wena unganceda wonke umntu azive ekhuselekile kwaye ekhululekile besabelana namanye amakholwa ngezinto ezibaxhalabisayo. Kwaye ungenza ngaphezulu kunoko. Ungaphembelela bonke abafundi ukuba bakuncede udale isimo apho imfundiso yevangeli ifundiswa ngomoya wentlonipho, nothando.

Imibuzo yokuPhononongwa: Yintoni enceda umntu azive ehloniphekile kwaye exabisekile? Yintoni ephembelela umntu ukuba ahloniphe kwaye axabise abanye? Njengoko ucinga ngokomthandazo ngabantu obafundisayo, yintoni oshukumiseka ukuba uyenze ukuze bonke bazive bamkelekile kwaye befuneka?

Okuvela kwiZibhalo: Yohane 4; 2 Nifayi 26:27–28, 33; Alma 1:26; 3 Nifayi 18:22–25

Umfanekiso
utata efundisa abantwana

Ootitshala banganceda abo babafundisayo bazive bethandwa.

UMsindisi waluBonakalisa Yena uThando Lwakhe Kwabo Yena wayeBafundisa

Ekupheleni kolumangalisayo, usuku oluphakamisayo lokufundisa nolungiselelo phakathi kwamaNifayithi, uYesu waqwalasela ukuba yayilixesha lokuba ahambe. Yena wayenabanye abantu ekwakumele abavelele. “Hambani niye emakhayeni enu,” Yena watsho, “kwaye nilungiselele ingomso iingqondo zenu.” Kodwa abantu base bahlala pha “ezinyembezini,” bakhangela“kuye ngenzondelelo ngokungathi bangamcela ukuba ahlale ithutyana elidana kunye nabo.” Eqwalasela imfuno yabo engathethwanga kwaye “[e]zele yimfesane,” uYesu wahlala ithutyana elidana (3 Nifayi 17:3, 5–6). Yena wasikelela abagulayo babo naba bandezelekileyo. Yena waguqa kwaye wathandaza nabo. Walila nabo, kwaye Yena wavuya nabo.

Cinga ngokufunda ngokomthandazo amazwi nezenzo zoMsindisi ku 3 Nifayi 17. Phonononga uthando Yena awalibonisayo lwabo Yena wayebafundisa. Khangela imiboniso yothando lwaKhe kwezinye iindawo kwizibhalo. Emva koko cinga ngabantu obafundisayo. Ulubonakalisa ngokufanelekileyo njani uthando kubo? Vumela uMoya ukukhokele. Ukuba ukufumana kunzima ukuva okanye ukubonakalisa uthando lwabo ubafundisayo, qala ngokungqina ngothando lukaThixo. Emva koko “thandazani kuye uBawo ngawo onke amandla entliziyo, ukuze nibe nokuzaliswa [luthando olumsulwa lukaKrestu], olo lunikwe phezu kwabo bonke abangabalandeli bokwenyani boNyana wakhe, uYesu Krestu” (Moronayi 7:48). Yaye khumbula ukuba ukuxhalabela kwakho ukufundisa isifundo akufanele kukuphazamise ekubonakaliseni uthando ngamazwi nangezenzo. Amaxesha amaninzi indlela obaphatha ngayo abantu ibaluleke kanye njengokuba ubafundisayo.

Imibuzo yokuPhononongwa: Ukuncede njani uMsindisi ukuba wazi ngothando lwakhe ngawe? Ingaba umzali okanye omnye utitshala ukuncede njani uve uthando lwaKhe? Ingaba abantu obafundisayo bayazi ukuba uyabathanda? Ngaba bayazi ukuba uMsindisi uyabathanda?

Okuvela kwiZibhalo: Marko 6:31–42; Yohane 13:3–16, 34–35; 15:12–13; 1 AbaseKorinte 13:1–7; 1 Yohane 4:7–11

Iindlela Ezithile zokuSebenzisa Oko ukuFundayo

  • Ukuba ufundisa iklasi, funda amagama abafundi kwaye uwasebenzise xa ufundisa.

  • Bonisa umbulelo wakho xa abafundi befaka igalelo.

  • Sebenzisana nabafundi phambi nasemva kokuba ufundise.

  • Nceda abafundi baphuhlise isimo sothando nentlonipho omnye komnye.

  • Phuluphula ngokuzimiseleyo—xa ufundisa nangamanye amaxesha.

  • Yenza izenzo zokunika uncedo kwabo ubafundisayo.

  • Zimisele ukutshintsha izicwangciso zakho zokufundisa ukuze uchithe ixesha elininzi kwimigaqo enentsingiselo kwabo ubafundisayo.

Shicilela