Izifundo zoLutsha neZabadala Abasebatsha
Umyalezo ovela kuBongameli bokuQala


“Umyalezo ovela kuBongameli bokuQala,” Ukufundisa ngeNdlela yoMsindisi: Eyabo Bonke Abafundisa eKhayeni naseBandleni (2022)

“Umyalezo ovela kuBongameli bokuQala,” Ukufundisa ngeNdlela yoMsindisi

Umyalezo ovela kuBongameli bokuQala

Bazalwane noodade abathandekayo,

Elinjani ukuzuka ithuba onalo lokufundisa ivangeli kaYesu Krestu! Nokuba unobizo olulodwa lokufundisa okanye awunalo, ungu titshala. Njengomfundi woTishala oMkhulu, uYesu Krestu, unamathuba okwabelana ngokukhanya kwaKhe naphi na apho uya khona—ekhayeni, ebandleni, njengoko ulungiselela kwabanye, naphakathi kwezihlobo zakho. Ukufundisa ivangeli kukuthenjwa okungcwele. Iyinxalenye ebalulekileyo yomsebenzi weNkosi, kwaye isebenza ngcono xa siwenza ngendlela yaKhe.

Siyakumema ukuba ufunde ngakumbi ngoYesu Krestu nendlela Yena awayifundisa ngayo ivangeli. Ngokomthandazo funda amazwi aKhe, izenzo zaKhe, neempawu zaKhe, kwaye uzame ukumlandela Yena kufuphi ngakumbi. Ukufundisa ngeNdlela yoMsindisi ingasisikhokelo sakho.

UBongameli bokuQala

Shicilela