Izifundo zoLutsha neZabadala Abasebatsha
INjongo yokuFundisa ngeNdlela yoMsindisi


“INjongo ka Ukufundisa ngeNdlela yoMsindisi,” Ukufundisa ngeNdlela yoMsindisi: Eyabo Bonke Abafundisa eKhayeni naseBandleni (2022)

“INjongo ka Ukufundisa ngeNdlela yoMsindisi,” Ukufundisa ngeNdlela yoMsindisi

INjongo ka Ukufundisa ngeNdlela yoMsindisi

Imigaqo echazwe kwesi sixhobo inganceda wonke utitshala wevangeli afundise ngendlela yoMsindisi. Oko kuquka abazali, abazalwane kunye noodade abalungiselelayo, ootitshala bemfundiso yolutsha neyabantu abadala abasebatsha, kwaye nabani na obizo lwakhe lwaseBandleni lubanika amathuba okufundisa.

Ungazifundela ngokwakho esi sixhobo okanye usisebenzise ukukhokela iingxoxo nabanye malunga nokuba ubangutitshala ongcono. Umzekelo, esi sixhobo sinokutyenziswa ngorhatya lwasekhaya, iintlanganiso zobongameli, iintlaganiso zewadi okanye iintlanganiso zebhunga zesteyki, iintlanganiso zenkonzo yangaphakathi yeseminari ne-instityhuthi , neentlanganiso zebhunga lootitshala (bona “EyeeNkokeli—Ukunceda ooTitshala Baphumelele”).

Indlela Esi Sixhobo Esilungiselelwe Ngayo

Isahluo 1 sigxininisa ukubaluleka kokugqalisela kuYesu Krestu nanini na sifundisa imigaqo yevangeli yaKhe. Eli candelo licacisa into esiyifundisayo.

Isahlulo 2 sigxininisa imigaqo yemfundiso enjengoKrestu. Eli candelo licacisa indlela esifundisa ngayo.

Isahlulo 3 sinika iingcebiso ezinokusetyenziswa ukunceda ootitshala basebenzise imigaqo yokufundisa njengoKrestu.

Shicilela