Izifundo zoLutsha neZabadala Abasebatsha
Fundisa iMfundiso


“Fundisa iMfundiso,” Ukufundisa ngeNdlela yoMsindisi: Eyabo Bonke Abafundisa eKhayeni naseBandleni (2022)

“Fundisa iMfundiso,” Ukufundisa ngeNdlela yoMsindisi

Fundisa iMfundiso

Nangona uYesu wakhula ngobulumko nolwazi ubomi baKhe bonke, wayengafundanga ngokusesikweni njengezinye iinkokeli zemini yaKhe. Kwaye ngoku Yena wayefundisa, abantu bamangaliswa, bathi, “Lo uyazi njani imfundo, engafundanga nje?” Kwakutheni ukuze iimfundiso zaKhe zibe namandla kangaka? “Eyam imfundiso asiyam,” uMsindisi wacacisa, “yeyalowo wandithumayo” (Yohane 7:15–16). Imfundiso yevangeli yinyaniso yanaphakade—ngokufumaneka kwizibhalo nakumazwi abaprofeti bemihla yokugqibela—esibonisa indlela yokuba sibe njengoBawo oseZulwini kwaye sibuyele kuYe. Nokuba unamava kangakanani na njengotishala, ungafundisa ngamandla, njengoko uMsindisi wenzayo, ngokufundisa imfundiso kaBawo. Wena kunye nabo ubafundisayo niyakumangaliswa ziintsikelelo uThixo azithumelayo xa imfundiso nokufunda zisekwe kwilizwi laKhe.

UkuFundisa iMfundiso.

  • Zifundele imfundiso kaYesu Krestu ngokwakho.

  • Fundisa okuvela kwizibhalo namazwi wabaprofeti bemihla yokugqibela.

  • Nceda abafundi bafune, banakane, kwaye baqonde iinyaniso kwizibhalo.

  • Gqalisela kwiinyaniso ezikhokelela kwinguquko kwaye zakhe ukholo kuYesu Krestu.

  • Nceda abafundi bafumane okuphathelele kubuqu kwimfundiso kaYesu Krestu.

UMsindisi wayiFunda iMfundiso

Kubonakala kucacile ukuba uMsindisi wafunda kwizibhalo kubutsha baKhe njengoko wayesanda “ebulumkweni … nasekuthandweni nguThixo” (Luka 2:52). Ubunzulu bokuqonda kwaKhe ngemfundiso kaBawo kwacaca xa abazali baKhe bamfumana Yena etempileni kwiminyaka emincinci, efundisa ootitshala bamaYuda kwaye ephendula imibuzo yabo (bona uGuqulelo lukaJoseph Smith, Luka 2:46 [ku Luka 2:46, ebhalwe emazantsi ephepha c]). Kamva, xa uSathana emnikezela ngesihendo esigqithisileyo entlango, ulwazi lukaYesu lwemfundiso kwizibhalo lwamnceda Yena ukuba amelane nesihendo (bona Luka 4:3–12).

Nawe unokufuna ukufunda imfundiso eyinyaniso ngokunzulu ngakumbi ngaphambi kokuba uyifundise. Njengoko ulungiselela ukufundisa nokunda nabanye, jonga ngokulumkileyo oko iNkosi yakuthethayo ngeenyaniso ozifundisayo. Khangela kwizibhalo namazwi wabaprofeti abasaphilayo iingcaciso neengcebiso. Ukuphila nokusebenzisa iinyaniso ozifundileyo ziyakumema uMoya ukuba ukufundise imfundiso nangeendlela ezinzulu kwaye uqinisekise ubunyani bemfundiso ezintliziyweni zabo ubafundisayo.

Imibuzo yokuPhononongwa: Kutheni kubalulekile ukuqonda iinyani zevangeli ngokwakho? Uzuze njani ukuqonda okunzulu ngeenyaniso zevangeli? Yintoni ovakalelwa uyiphembelelwe ukuba uyenze ukuze uphucule ukufunda kwakho izibhalo namazwi wabaprofeti abasaphilayo?

Okuvela kwiZibhalo: IMizekeliso 7:1–3; 2 Nifayi 4:15–16; IMfundiso neMinqophiso 11:21; 88:118

UMsindisi waFundisa ngokuvela kwiZibhalo

Emva kokufa koMsindisi, isibini sabafundi baKhe sasihamba kwaye sithetha bexube nokungonwabi nokukwankqiseka ezintliziyweni zabo. Kwakumele bayenze njani intsingiselo yoko kwakusanda kwenzeka? UYesu waseNazarete, indoda ababeyithembe ukuba nguMkhululi wabo, yayiswelekile intsuku ezintathu ngoku. Kwaye emva koko kwabakho iingxelo zokuba ingcwaba laKhe lalingenanto, nezithunywa zezulu zazivakalisa ukuba Yena wayephila! Kwelixesha libaluleke kangaka kukholo lwababafundi, umntu ongaqhelekanga wangenelela kuhambo lwabo. Yena wabathuthuzela “[ngo]kubachazela kuzo zonke izibhalo iindawo ezingaye [uMsindisi].” Ekugqibeleni, abahambi baqhaphela ukuba utitshala wabo yayinguYesu Krestu kwaye ngokwenene Yena wayevukile. Bamqonda njani Yena? “Intliziyo yethu ibingavuthi na ngaphakathi kwethu,” bona bacinga kamva, “xa ebethetha nathi endleleni, naxa ebesityhilela izibhalo?” (Luka 24:27, 32).

UMdala D. Todd Christofferson wafundisa, “Eyona njongo ingundoqo yesibhalo sonke kukuzalisa imiphefumlo yethu ngokholo kuThixo uBawoe nakuNyana waKhe, uYesu Krestu” (“The Blessing of Scripture,” Liyahona, Canzibe 2010, 34). Kubo bonke ubulungiseleli baKhe, uYesu wasebenzisa izibhalo ukufundisa, ukulungisa, nokuphembelela abanye. Qiniseka ukuba imfundiso yakho ayiphambuki kwizibhalo namazwi abaprofeti. Njengoko ukholosa ngokuthembekileyo kwilizwi likaThixo kwimfundiso yakho, unokwenza kwabanye oko uMsindisi wakwenzayo. Ungabanceda bona bamazi Yena, ngokuba sonke sifuna ukholo lwethu kuMsindisi lomelezwe rhoqo. Uthando lwakho lwezibhalo luya kuba bubungqina kwabo ubafundisayo, kwaye imfundiso yakho iyakumema uMoya ukuba wenze iintliziyo zabo zivuthe ngobungqina bukaBawo noNyana.

Imibuzo yokuPhononongwa: Uphenjelelwe njani ngutishala osebenzise izibhalo ukukunceda ukuba uze ukumazi ngcono uMsindisi? Yintoni onokuyenza ukuze ukholose ngakumbi kwizibhalo namazwi abaprofeti njengoko ufundisa? Ungabanceda njani abo ubafundisayo balazi kwaye balithande ilizwi likaThixo?

Okuvela kwiZibhalo: Luka 4:14–21; Alma 31:5; Hilamani 3:29–30;3 Nifayi 23

UMsindisi waNceda Abantu Bafune, baNakane, kwaye bayiQonde iNyaniso

Umqondisi-mthetho othile wakhe wabuza uYesu,“Mfundisi, ndenze ntoni na ukuze ndibudle ilifa ubomi obungunaphakade?” Ukuphendula, uMsindisi wakhokelela umbuzi kwizibhalo: “Emthethweni kubhalwe ntoni na? Ufunda njani na?” Oku kwakhokelela le ndoda hayi kwimpendulo yayo kuphela—“Uze uyithande iNkosi uThixo wakho … nommelwane wakho”—kodwa kananjalo nakumbuzo olandelayo: “Ngubani na ongummelwane wam?” UMsindisi wawuphendula lo mbuzo ngomzekeliso wamadoda amathathu awabona umhambi ongugxa wabo okwimfuno. Mnye kuphela kwesisithathu, uMsamariya, owayecatshukelwa ngamaYuda ngenxa yendawo awayesuka kuyo, owema wanceda. UYesu waze wamema umqondisi-mthetho ukuba aziphendulele umbuzo wakhe: “Ngowuphi kwabo bathathu ngoko, othi wena, waba ngummelwane?” (bona Luka 10:25–37).

Ucinga ukuba kutheni uMsindisi wayefundisa ngalendlela—ngokuphendula imibuzo ngezimemo zokukhangela, ukuphonononga, nokufumana? Inxalenye yempendulo kukuba uMsindisi uwuxabisile umzamo wokukhangela inyaniso. “Funani, nofumana,” Yena umeme ngokuphinda-phinda (bona, umzekelo, Mateyu 7:7; Luka 11:9; iMfundiso neMinqophiso 4:7). Yena uyazivuza izenzo zokholo nomonde womfuni.

NjengoMsindisi, unganceda abo ubafundisayo banakane kwaye baqonde inyaniso. Izibhalo, umzekelo, zizele ziinyaniso zevangeli, kodwa ngamanye amaxesha kuthatha umzamo osezingqondweni ukuzifumana. Njengoko nifunda kunye ngokuvela kwizibhalo, yima ubuze abo ubafundisayo ukuba zeziphi iinyaniso zevangeli abaziqaphelayo. Bancede babone ukuba ezinyaniso zinxulumana njani necebo losindiso likaBawo oseZulwini. Ngamanye amaxesha iinyaniso zanaphakade zichazwa kwizibhalo, kwaye ngamanye amaxesha ziboniswa kumabali nakubomi babantu esifunda ngabo. Kunokuba luncedo kananjalo ukuphicotha kunye imvelaphi yembali yemiqolo oyifundayo, kwakunye nendlela ezisebenza ngayo kuthi namhlanje.

Imibuzo yokuPhononongwa: Uzichonga njani iinyaniso zanaphakade kwizibhalo okanye kumazwi abaprofeti? Zibusikelela njani ezo nyaniso ubomi bakho? Zeziphi iindlela ezithile onokunceda ngazo abafundi banakane kwaye baqonde iinyaniso eziyakuba nentsingiselo kubo kwaye zibasondeze kufuphi kuThixo?

Okuvela kwiZibhalo: Yohane 5:39; 1 Nifayi 15:14; IMfundiso neMinqophiso 42:12

Umfanekiso
abafundi befunda

Singabanceda abo sibafundisayo bafumane kwaye baqonde iinyaniso ngokokwabo.

UMsindisi waFundisa iiNyaniso EziKhokelela kwiNguquko noKwakha uKholo

Ngenye imini yeSabatha, uMsindisi nabafundi baKhe, beziva belambile, bagqitha kwintsimi kwaye baqalisa ukutya iinkozo. AbaFarisi, ababesoloko belangazelela ukugxininisa amanqaku agqwesileyo omthetho kaMoses, babonisa ukuba ukuqokelela iinkozo ngokungqongqo kwakuluhlobo oluthile lomsebenzi, owawungavumelekanga ngeSabatha (bona Marko 2:23–24). Ukusebenzisa umprofeti weNcwadi kaMormoni ibinzana likaYakobi, abaFarisi “bakhangele ngaphaya kwento ebonakalayo” (Yakobi 4:14). Ngamanye amazwi, babegxile kakhulu ekutolikweni ngokwesithethe kwemithetho kangangokuba bayiphosa injongo yobuthixo yaloo mithetho—ukusisondeza kufuphi kuThixo. Enyanisweni, abaFarisi babengaqondi nokuba loWo wayenikela umyalelo wokuhlonela iSabatha wayemi phambi kwabo.

UMsindisi wathabatha elithuba ukungqina ngesazisi saKhe sobuthixo nokufundisa okokuba kutheni iSabatha ibalulekile. Yadalelwa thina njengosuku lokunqula iNkosi yeSabatha, uYesu Krestu ngokwaKhe (bona Marko 2:27–28). Iinyaniso ezinje zisinceda siqonde ukuba imiyalelo kaThixo ingaphezulu nje kokuziphatha kwethu kwangaphandle. Yenzelwe ukusinceda siguqule iintliziyo zethu kwaye siguquke ngokupheleleyo ngakumbi.

Cinga ngononophelo imfundiso kunye nemigaqo ogqiba ekubeni ugxile kuyo. Nangona kukho iinyaniso ezininzi kwizibhalo ezinokuxoxwa, kungcono ukugqalisela kwiinyaniso zevangeli ezikhokelela kwinguquko kwaye zakhe ukholo kuYesu Krestu. Ezilula, ezisiseko iinyaniso uMsindisi awazifundisayo kwaye wazibonakalisa ngomzekelo zinamandla amakhulu okuguqula ubomi bethu—iinyaniso ngeNtlawulelo yaKhe, icebo losindiso, imiyalelo yokuthanda uThixo nokuthanda ummelwane wethu, njalo njalo. Mema uMoya ukuba unike ubungqina ngezi nyaniso, uzincede zingene nzulu ezintliziyweni zabo ubafundisayo.

Imibuzo yokuPhononongwa: Zeziphi iinyaniso ezithile zevangeli eziye zakunceda ukuba uguqukele ngakumbi kuYesu Krestu kwaye ube nokholo olukhulu kuYe? Ukuncede njani utitshala ukuba ugxile kwezona nyaniso zibalulekileyo zevangeli? Yintoni onokuyifundisa eyakunceda abanye baguqukele ngokunzulu ngakumbi kuYesu Krestu?

Okuvela kwiZibhalo: 2 Nifayi 25:26; 3 Nifayi 11:34–41; IMfundiso neMinqophiso 19:31–32; 68:25–28; 133:57; Moses 6:57–62

UMsindisi waNceda Abantu baFumane okuPhathelele Kubuqu kwiMfundiso yaKhe

“Lo wamkela aboni, adle nabo,” abaFarisi bakhalaza ngoYesu—bethetha ukuba le yayingeyondlela yokuziphatha efanelekileyo kutishala wokomoya (Luka15:2). UYesu wabona ukuba eli yayilithuba lokubafundisa iinyaniso ezithile ezinzulu zokomoya. Yena wayeya kuyenza njani? Yena wayeza kubanceda njani abaFarisi babone ukuba yayizintliziyo zabo—hayi eyaKhe—ezazingacocekanga nezifuna ukuphiliswa? Yena wayeza kuyisebenzisa njani imfundiso yaKhe ukubabonisa ukuba ukucinga kwabo nokuziphatha kwakufuneka kutshintshe?

Yena wakwenza oku ngokuthetha nabo ngemvu eyabhadula kumhlambi nangemali elukhozo eyalahlekayo. Wathetha ngonyana onemvukelo owafuna ukuxolelwa nguThixo nangumntakwabo omdala ongazange avume ukumamkela okanye ukutya naye. Ngamnye wale mizekeliso uqulathe iinyaniso ezazinxulumene nendlela abaFarisi ababebajonga ngayo abanye, ebafundisa ukuba wonke umphefumlo unexabiso elikhulu (bona Luka 15). UMsindisi akazange abaxelele abaFarisi—okanye nabani na kuthi—ukuba anxulumanise nabani na kwimizekeliso yaKhe. Ngamanye amaxesha singutata oxhalabileyo. Ngamanye amaxesha singumnakwe onomona. Amaxesha amaninzi sizizimvu ezilahlekileyo okanye unyana onobudenge. Kodwa nokuba zithini na iimeko zethu, ngemizekeliso yaKhe, uMsindisi uyasimema ukuba sifumane okuphathelele kwiimfundiso zaKhe—ukufumanisa oko Yena afuna ukuba sikufunde kwaye noko sinokufuneka sikutshintshe kwindlela yethu yokucinga nakwindlela esiziphatha ngayo.

Unokuqaphela ukuba abanye abafundi abasiboni isizathu sokuba ezinye iinyaniso zibalulekile kubo. Njengoko ucinga ngeemfuno zabo ubafundisayo, cinga ngendlela iinyaniso kwizibhalo ezinokuba nentsingiselo kwaye zibeluncedo kwiimeko zabo. Enye indlela onokunceda ngayo abafundi babone okuphathelele kwiinyaniso abazifumanisayo kukubuza imibuzo efana nale “Ingakunceda njani le nto kwinto onjengene nayo ngoku?” “Kutheni kubalulekile kuwe ukuba ukwazi oku?” “Ngowuphi umahluko okunokwenza oku ebomini bakho?” Phulaphula kwabo ubafundisayo. Bavumele ukuba babuze imibuzo. Bakhuthaze ukuba benze uqhagamshelwano phakathi kwemfundiso zoMsindisi nobomi babo. Ungabelana kananjalo indlela oye wafumana ngayo okuphathelele kubomi bakho kwinto oyifundisayo. Ukwenza oku kungamema uMoya ukuba ufundise abafundi ngabanye ngendlela imfundiso enokwenza umahluko ngayo kubomi babo.

Imibuzo yokuPhononongwa: Yintoni eyenza iinyaniso zevangeli zibenentsingiselo kwaye zibe luncedo kuwe? Yintoni ekuncedayo ufumane okuphathelele kubuqu xa ufunda ivangeli? Yintoni oyenzayo ukuze ugqalisele kwiinyaniso eziphathelele kwabo ubafundisayo?

Okuvela kwiZibhalo: 1 Nifayi 19:23; 2 Nifayi 32:3; IMfundiso neMinqophiso 43:7–9

Iindlela Ezithile zokuSebenzisa Oko ukuFundayo

  • Vavanya oko ukufundisayo ukuze uqiniseke ukuba ufundisa imfundiso eyinyaniso. Le mibuzo inokunceda:

    • Ingaba oko ndiceba ukufundisa kusekwe kwizibhalo nakumazwi abaprofeti bemihla yokugqibela?

    • Ingaba abaprofeti abaninzi bafundisa oku? Zifundisa ntoni iinkokeli zeBandla zangoku ngayo?

    • Ingaba oku kuya kubanceda njani abanye bakhe ukholo kuYesu Krestu, baguquke, kwaye baqhubele phambili kwindlela yomnqophiso?

    • Ingaba oku kuhambelana neentshukumiso zoMoya oyiNgcwele, okanye ngaba ndiziva ndinganelisekanga ngokomoya ngayo?

  • Yonke imihla funda ilizwi likaThixo ukuze ufunde imfundiso eyinyani ngokwakho.

  • Cela abafundi ukuba bafunde izibhalo kunye namazwi abaprofeti bale mihla njengokuba ufundisa.

  • Fundisa abafundi indlela yokusebenzisa okubhalwe emazantsi ephepha, IsiKhokelo kwiZibhalo, nezinye izixhobo njengoko befunda izibhalo.

  • Mema abafundi ukuba bafumane iinyaniso kwisicatshulwa sesibhalo okanye kwibali.

  • Nika ubungqina bendlela oye wazi ngayo ukuba imfundiso iyinyani.

  • Sebenzisa amabali okanye izikweko ukunceda abafundi ukuba bafumane ukuqonda okunzulu ngeenyaniso zevangeli.

Shicilela