Izifundo zoLutsha neZabadala Abasebatsha
Nceda Abafundi Baze kuYesu Krestu


“Nceda abaFundi Baze kuYesu Krestu,” Ukufundisa ngeNdlela yoMsindisi: Eyabo Bonke Abafundisa eKhayeni naseBandleni(2022) (2022)

“Nceda Abafundi Baze kuYesu Krestu,” Ukufundisa ngeNdlela yoMsindisi

Umfanekiso
UYesu ehleli nabantwana

Njengootitshala bevangeli kaYesu Krestu, sinceda abanye baqonde kwaye bakholose ngeemfundiso, amandla, nothando lwaKhe.

Nceda Abafundi Baze kuYesu Krestu

Akukho nto oyenzayo njenge titshala eyakusikelela abafundi ngokuthe chatha ngaphezu kokubanceda bamazi uBawo oseZulwini noYesu Krestu kwaye bave uthando lwaBo (bona Yohane 17:3). Cinga ngamava akuncede ukuba uze umazi kwaye umthande uBawo oseZulwini noYesu Krestu. Yintoni oyenzileyo ukuze ufunde ngeempawu, amandla, nothando lwaBo? Lukuphathele uvuyo kanjani uthando lwakho kuBawo oseZulwini noYesu Krestu? Emva koko cinga ngento enokwenziwa luthando namandla aBo womntu ngamnye omfundisayo. (Bona Alma 26:16; Moses 5:11.)

Eyona njongo yethu yokugqibela kobu bomi kukuba sifane ngakumbi noBawo wethu waseZulwini kwaye sibuyele kuYe. Indlela esiyifezekisa ngayo loo njongo yethu ingokuza kuYesu Krestu (bona Yohane 14:6). Oku kusisizathu, njengoko umprofeti uNifayi wafundisayo, “sithetha ngoKrestu, siyagcoba kuKrestu” (2 Nifayi 25:26).

Wonke umntwana kaThixo ufuna ukukhanya nenyaniso evela kuMsindisi kwaye angakhetha ukuphendula kuyo. Ukuba ngutitshala wevangeli kaYesu Krestu kuthetha ukunceda abanye baqonde kwaye bakholose ngeemfundiso, amandla akhululayo, nothando lwaKhe olugqibeleleyo. Cinga ngendlela lamacebo alandelayo anokunceda ngayo uphembelele abanye ukuze bamazi ngcono uYesu Krestu kwaye balandele Yena.

Nceda Abafundi Baqonde uThando lweNkosi, Amandla, neNceba eBomini Babo

Kulungile ukwazi malunga nothando loMsindisi, amandla, nenceba, kodwa sifuna kananjalo ukuba namava azo. Ngokubona indlela awasikelela nawaphilisa ngayo abantu kwizibhalo kusinceda siphuhlise ukholo olukhulu ukuze asisikelele kwaye asiphilise. Umzekelo, ukufunda ngamava kaDaniyeli akuphelelanga ukuba akusiphembeleli thina ukuba sithembe iNkosi xa sijongene ngokuzekelisayo nemihadi yethu yeengoyama.

Njengoko unceda abantu baqonde “iinceba ezinemfesane” zeNkosi (1 Nifayi 1:20), kokubini kwizibhalo nakumava wabo, bayakuva kwaye bazi ukuba iNkosi inabo kwaye ngothando iya kuma ngakubo (bona IMfundiso neMinqophiso 68:6). Bona bayakubona kwaye beve ubunyani bothando nenceba yeNkosi kwiimfuno zabo kunye neemeko zabo.

Umfanekiso
UYesu enikeza ngeNtshumayelo yaseNtabeni

Ootitshala banganceda abafundi babenamava othando, amandla, nemfesane yoMsindisi.

Nceda Abafundi Bomeleze Ubudlelwane Babo noBawo waseZulwini noYesu Krestu

Injongo yokufundisa nokufunda malunga noYesu Krestu kukunceda umntu ngamnye asondele kufuphi kuYe nakuBawo wethu oseZulwini. Nceda abantu obafundisayo bangaze bawulahle umbono waloo njongo. Bakhuthaze ukuba bomeleze ubudlelwane babo noBawo oseZulwini kunye noYesu Krestu ngokufunda izibhalo, ngokuguquka ngokuqhubekayo, ukuthetha kunye noBawo emthandazweni, nokungqina ngoBawo noNyana. Fundisa abafundi ngezwi nangomzekelo ukuba ukwenza nokugcina iminqophiso kusibophelela njani kuBo. Bancede bazi ukuba sixabiseke kwaye sithandwa kangakanani kuBo. Yomeleza ukholo lwabo lokuba uYesu Krestu, ngokulunga kweNtlawulo yaKhe egqibeleleyo, kuphela kwendlela yokubuyela kuBawo wethu. Bonelela ngamathuba ukuze abafundi bafumane ubungqina obuvela kuMoya oyiNgcwele,, “onika ubungqina boYise noNyana” (Moses 5:9).

Nceda Abafundi Ngenjongo Bazabalazele Ukufana Ngakumbi noYesu Krestu

Ekugqibeleni, ukufunda ngoYesu Krestu kusiphemebelela ukuba sibe njengaYe ngakumbi. Kodwa ukuba njangaYe kwenzeka kuphela xa sisenza ngokholo, kokubini ngaphakathi nangaphandle kweklasi, sisenza ukhetho olunenjongo lokulandela umzekelo waKhe kwaye samkele ubabalo lwaKhe. Mema abafundi okokuba bafune uncedo loMoya oyiNgcwele lokuchonga iindlela abanokuba njengoMsindisi ngakumbi. Nikela ngesikhokelo nenkxaso xa abafundi besenza ukuzama ukuba njengaYe into abayizungula usukelo lobomi bonke.

UYakobi wafundisa “zonke izinto ezithe zanikwa nguThixo ukususela ekuqalekeni kwehlabathi” singasifundisa ngoYesu Krestu (2 Nifayi 11:4). Imfundiso yakho isenokuba yenye yezozinto. Beka uYesu Krestu kumbindi wamava ngamanye wokufundisa nokufunda. Njengoko wena nabafundi bakho “[ni]thetha ngoKrestu, … [ni]gcoba kuKrestu, … [ni]shumayela ngoKrestu” (2 Nifayi 25:26), uMoya oyiNgcwele ungabutyala ubungqina boMsindisi nzulu kwingqondo nakwintliziyo yomntu ngamnye. Njengokuba unceda abafundi bakho ukuba bamazi uBawo oseZulwini kunye noYesu Krestu ngokwabo, bayakukwazi ukubhenela kuBo ngoncedo, ithemba, kunye nokuphiliswa kubo bonke ubomi babo.

Shicilela