Izifundo zoLutsha neZabadala Abasebatsha
Fundisa ngoYesu Krestu Nokuba Ufundisa Ntoni Na


“Fundisa ngoYesu Krestu Nokuba uFundisa Ntoni Na,” Ukufundisa ngeNdlela yoMsindisi: Eyabo Bonke Abafundisa eKhayeni naseBandleni (2022)

“Fundisa ngoYesu Krestu Nokuba uFundisa Ntoni Na,” Ukufundisa ngeNdlela yoMsindisi

Fundisa ngoYesu Krestu Nokuba Ufundisa Ntoni Na

Zininzi izinto ekunokufundiswa ngazo kwivangeli ebuyisiweyo kaYesu Krestu—imigaqo, imiyalelo, iziprofeto, namabali ezibhalo. Kodwa zonke ezi zingamasebe omthi omnye, kuba zonke zinenjongo enye: ukunceda bonke abantu beze kuKrestu kwaye bagqibelele kuYe (bona Yaromi 1:11; Moronayi 10:32). Ngoko nokuba ufundisa ntoni na, khumbula ukuba ngokwenene ufundisa ngoYesu Krestu nokuba ungafana njani naYe. UMoya oyiNgcwele unokukunceda ukuba ufunde ukuqonda iinyaniso ngoMsindisi namandla aKhe akhululayo kumgaqo ngamnye wevangeli, umyalelo, nemfundiso yesiprofeto (bona Yakobi 7:10–11).

Uyafundisa ngedini? Cinga ngokuphicotha kunye nabafundi indlela amadini esiwenzayo alathisa imimoya yethu ngayo kulo “idini elikhulu nelokugqibela” loMsindisi (Alma 34:10). Uyafundisa ngomanyano? Cinga ngokuxoxa ngomanyano awaluzuzayo uYesu Krestu kunye noYise nesimemo saKhe sokuba thina sibebanye nabo (bona Yohane 17). Bona sonke isihloko sevangeli njengethuba lokufundisa nokufunda ngoYesu Krestu.

Wonke umyalelo kananjalo ubonelela ngeli thuba. Sukugqalisela nje kwimithetho yevangeli—funda kananjalo ngoMniki-mthetho. Ukuba uxoxa ngeLizwi loBulumko kwaye uyeke kwizinto omele uzenze nezingamelanga zenziwe zokuphila impilo esempilweni, uyaphoswa lithuba lokuphonononga indlela uYesu Krestu ekufuneka akhathale ngayo malunga nathi—zombini ukuphila kwethu komoya kwakunye nasenyameni—ukuba asinike lo mthetho. Gqalisela kwindlela azimisele naxhalabe ngayo uMsindisi ukusisikelela ngamandla aKhe okusinceda siphile imithetho yaKhe. Wonke umyalelo Yena asinika wona utyhila into ngengqondo nentando nentliziyo yaKhe—fumana uvuyo ngokufumana oku kunye!

Gxininisa uMzekelo kaYesu Krestu

Singambeka uYesu Krestu kumbindi wokufundisa nokufunda ngokuqonda kwaye sigxininise ukuba Yena ungumzekelo ogqibeleleyo wayo yonke imigaqo yevangeli. Njengabafundi, asilandeli nje imigaqo—silandela uYesu Krestu. Njengokuba sigqalisela kumzekelo ogqibeleleyo woMsindisi, uMoya oyiNgcwele uyakungqina ngaYe kwaye usiphembelele thina ukuba silandele Yena.

Cinga okomzuzwana ukuba ufundisa umgaqo wokunyamezela kude kube sekupheleni. Ingxoxo malunga nendlela uMsindisi angumzekelo ngayo wokunyamezela kude kube sekupheleni inokuzisa iimvakalelo zentlonipho emnandi ngaYe. Yintoni abangathi bayifunde abo ubafundisayo kwaye bayive kumzekelo waKhe?

Umfanekiso
UMsindisi ephilisa indoda engqengqe emhlabeni

UMsindisi wasibekela umzekelo ogqibeleleyo kuthi sonke. He Healed Them All [Wabaphilisa Bonke], nguMichael Malm

Fundisa ngeZibizo, iiNdima, neeMpawu zikaYesu Krestu

UYesu Krestu unezibizo ezininzi kwizibhalo. Ngasinye sibonakalisa enye yeendima zaKhe kwicebo likaThixo kwaye zisifundisa ngeempawu zaKhe zobuThixo. Ungacinga ngokuphonononga kunye nabafundi ukuba izibizo ezifana neMvana kaThixo, uMthetheleli, uMgqibelisi woKholo Lwethu, noKhanyiselo lweHlabathi zisifundisa ntoni ngoYesu Krestu. Kananjalo, njengokuba unceda abafundi ukuba bafikelele ekwazini ngakumbi ngoMsindisi, yiya ngaphaya koko Yena wakuthethayo nowakwenzayo kubunguYe yaye nendima anqwenela ukuyidlala ebomini bethu. Njengokuba nifunda kunye ngesimilo soMsindisi neempawu, uMoya oyiNgcwele uyakwenza nzulu ukuqonda kwenu ngaso kwakunye nokumthanda Yena.

Khangela iMiqondiso Engqina ngoYesu Krestu

“Zonke izinto,” yatsho iNkosi, “zidalelwe kwaye zenzelwe ukunika ubungqina ngam” (Moses 6:63; bona naye 2 Nifayi 11:4). Ngaloo nyaniso engqondweni, sinokufunda ukubona inkitha yemiqondiso kwizibhalo engqina ngoMsindisi. Le miqondiso iquka izinto ezifana nesonka, amanzi kunye nokukhanya. Sakuba siqonda ukuba ezi zinto zinxulumana njani noMsindisi, zingasifundisa ngamandla neempawu zaKhe. Unako nokufumana uthelekiso kubomi boMsindisi kubomi babaprofeti namanye amadoda nabafazi abathembekileyo kwizibhalo. Ukujonga iimpawu kuveza iinyaniso malunga noMsindisi kwindawo obusenako ukungaziqapheli.

Shicilela