Izibhalo
Iingcebiso Zokuphucula Ufundo Lwezibhalo Zosapho Lwakho


“Iingcebiso Zokuphucula Ufundo Lwezibhalo Zosapho Lwakho,” Iingcebiso Zokufunda Izibhalo (2021)

“Iingcebiso Zokuphucula Ufundo Lwezibhalo Zosapho Lwakho,” Iingcebiso Zokufunda Izibhalo

Umfanekiso
iintsapho zifunda izibhalo

Iingcebiso Zokuphucula Ufundo Lwezibhalo Zosapho Lwakho

Ukufundwa rhoqo kwezibhalo lusapho yindlela enamandla yokunceda usapho lwakho lufunde ivangeli. Ubungakanani nobude bexesha lokufunda njengosapho azibalulekanga njengeenzame zenu ezingaguqukiyo. Njengoko nisenza ufundo lwezibhalo lube yinxalenye ebalulekileyo yobomi bosapho lwenu, niya kunceda amalungu osapho lwenu asondele ngakumbi kuYesu Krestu kwaye okhele ubugqina bawo kwisiseko selizwi laKhe.

Cingisisa ngale mibuzo elandelayo:

  • Ungawakhuthaza njani amalungu osapho ukuba azifundele izibhalo ngokunokwawo?

  • Yintoni onakho ukuyenza ukukhuthaza amalungu osapho abelane ngoko akufundayo?

  • Unokuyigxininisa njani imigaqo oyifunda kwizibhalo kwimizuzu yemihla ngemihla yokufundisa?

Khumbula ukuba ikhaya yeyona ndawo ifanelekileyo yokufunda nokufundisa ivangeli. Ninako ukufunda nokufundisa ivangeli ekhaya ngeendlela ezingenako ukwenzeka kwigumbi lokufunda eBandleni. Yiba nobuchule njengoko ucinga ngeendlela zokunceda usapho lwakho lufunde kwizibhalo. Cingisisa ngezinye zeengcebiso ezilandelayo ukuphucula ufundo lwezibhalo zosapho lwakho.

Sebenzisa uMculo

Cula amaculo awanyanzelisa imigaqo efundiswa kwizibhalo ezingcwele.

Umfanekiso
indoda nentombazana bafunda izibhalo

Yabelana ngeZibhalo ezineNtsingiselo

Nika amalungu osapho ixesha lokwabelana ngemihlathi yezibhalo ezingcwele awazifumana zinentsingiselo kufundo lwawo.

Sebenzisani Awenu Amagama

Mema amalungu osapho ukuba ashwankathele ngamazwi awo oko akufundayo kwizibhalo enizifundayo.

Sebenzisani iZibhalo eziNgcwele Ebomini Benu

Emva kokufunda umhlathi kwizibhalo, cela amalungu osapho abelane ngeendlela umhlathi osebenza ngawo kubomi bawo.

Buza uMbuzo

Mema amalungu osapho ukuba abuze umbuzo wevangeli, nize nichithe ixesha nikhangela imiqolo enako ukunceda ukuphendula umbuzo.

Bonisa iSibhalo

Khetha umqolo owufumana unentsingiselo, kwaye uwubonise apho amalungu osapho aya kuwubona rhoqo. Mema amalungu osapho anikane amathuba ekhetha isibhalo sokubonisa.

Yenza uLuhlu lweZibhalo

Njengosapho, khethani imiqolo eliqela eningathanda ukuxoxa ngayo kule veki izayo.

Faka Entloko iZibhalo

Khethani umqolo wezibhalo onentsingiselo kusapho lwakho, kwaye umeme amalungu osapho awufake entloko ngokuwuphindaphinda rhoqo imihla ngemihla okanye ngokudlala umdlalo wokuzikhumbuza.

Yabelana ngeZifundo Zezinto

Fumana izinto ezihambelana nezihloko kunye nemiqolo eniyifundayo njengosapho. Mema amalungu osapho ukuba athethe malunga nendlela into nganye ehambelana ngayo kwiimfundiso ezikwizibhalo.

Umfanekiso
umfazi efundisa umntwana

Khetha iSihloko

Vumela amalungu osapho athathe amathuba ukukhetha isihloko usapho oluza kusifunda kunye. Sebenzisani ISikhokelo kwiZibhalo (scriptures.ChurchofJesusChrist.org) ukufumana imihlathi yezibhalo ezingcwele ezimalunga nesihloko.

Zoba uMfanekiso

Fundani imiqolo embalwa njengosapho, kwaye niphe amalungu osapho ixesha lokuba azobe okuthile okunxulumene noko nikufundayo. Chithani ixesha nixoxa ngemizobo yenu.

Linganisani iBali

Emveni kokufunda ibali, mema amalungu osapho ukuba alilinganise. Emva koko, thethani ngokuba ibali linxulumene njani nezinto ozivayo ngokwakho nanjengosapho.

UMdala uDavid A. Bednar wafundisa: “Umthandazo ngamnye wosapho, isiqendu ngasinye sofundo lwezibhalo zosapho, kwaye umhlangano wangokuhlwa ngamnye kwikhaya zonke zilugalelo kwinto esiyiyo. Akukho siganeko sinye sinokubonakala sinomtsalane kakhulu okanye sikhumbuleke. Kodwa kanye njengokuba imivumbo etyheli negolide nemdaka yepeyinti incedisana kwaye ivelise umsebenzi wobugcisa omangalisayo, ukungaguquguquki kwethu ekwenzeni izinto ezibonakala ngathi zincinci kunokukhokelela kwiziphumo ezincomekayo zokomoya” (“More Diligent and Concerned at Home,” Liyahona, Nkanga. 2009, 19–20).

Shicilela