Izibhalo
Kutheni Ufunda Izibhalo?


“Kutheni Ufunda Izibhalo?” Iingcebiso Zokufunda Izibhalo (2021)

“Kutheni Ufunda Izibhalo?” Iingcebiso Zokufunda Izibhalo

Umfanekiso
UKrestu umisela umthendeleko phakathi kwamaNifayithi, ngu-Andrew Bosley

Kutheni Ufunda Izibhalo?

Xa sifunda ngenkuthalo izibhalo, sisondela kufuphi kuYesu Krestu kwaye size siyiqonde ngcono ivangeli yaKhe nedini lentlawulelo. Umprofeti uNifayi wasikhuthaza ngale ndlela:

“Ngako oko, kufuneka nifunzele phambili ninenzondelelo kuKrestu, ninethemba eliqaqambe ngokugqibeleleyo, nothando lukaThixo nolwabantu bonke. Ngako oko, ukuba niya kufunzela phambili, nizondla ngelizwi likaKrestu, nize ninyamezele kude kube sekupheleni, qaphelani, utsho njalo uYise: Niya kufumana ubomi obungunaphakade” (2 Nifayi 31:20).

Umfanekiso
usapho lufunda izibhalo

Iimfundiso ezivela kwizibhalo ziya kusinceda sibuyela kuBawo wethu waseZulwini. Abaprofeti bethu bemihla yokugqibela basicelile ukuba sizifunde rhoqo ngokwabantu ngabanye kwaye, apho kufanelekileyo, njengosapho. Basimemile ukuba sifunde kumava abo bakwizibhalo ezingcwele kwaye sisebenzise iingxelo zezibhalo kunye neemfundiso kubomi bethu namhlanje, njengoko uNifayi ecebisa ku-1 Nifayi 19:23. Bonke abaprofeti bamandulo nabamaxesha angoku basimemile ukuba sifunde izibhalo ezingcwele kwaye “sizondleni ngamazwi kaKrestu” (2 Nifayi 32:3)

Umfanekiso
indoda ifunda izibhalo

UMongameli uRussell M. Nelson wafundisa le nyaniso ibalulekileyo malunga “nokuzondla” kwizibhalo:

“Ukuzondla kuthetha okungaphezulu kokungcamla. Ukuzondla kuthetha ukuva incasa. Siva incasa kwizibhalo ngokuzifunda ngomoya wokufumanisa okumnandi nokuthobela ngokuthembekileyo. Xa sizondla ngamazwi kaKrestu, azinziswa ‘ emacwecweni angawenyama entliziyo’ [2 AbaseKorinte 3:3]. Ziba yinxalenye ebalulekileyo yendalo yethu” (“Living by Scriptural Guidance,” Ensign, Nkanga. 2000, 17).

Xa sithatha inxaxheba rhoqo kufundo lwezibhalo lobuqu nolosapho, thina kunye neentsapho zethu singakhokelwa, sikhuselwe, kwaye somelezwe ngokuchasene nemiceli mngeni emininzi yomhla wethu.

Shicilela