Izibhalo
Iingcebiso Zokuphucula Ukuzifundela Izibhalo Wedwa


“Iingcebiso Zokuphucula Ukuzifundela Izibhalo Wedwa,” Iingcebiso Zokufunda Izibhalo (2021)

“Iingcebiso Zokuphucula Ukuzifundela Izibhalo Wedwa,” Iingcebiso Zokufunda Izibhalo

Umfanekiso
owasetyhini efunda izibhalo

Iingcebiso Zokuphucula Ukuzifundela Izibhalo Wedwa

Nazi ezinye iindlela ezilula zokuphucula ufundo lwakho lwelizwi likaThixo kwizibhalo.

Thandazela Impembelelo

Izibhalo ziqulathe ilizwi likaThixo. Ngelixa uzifundayo, cela uBawo waseZulwini ngenkokhelo yaKhe kwaye ufumane uMoya waKhe ukuba akuncede uziqonde.

Khangela iiNyaniso ezimalunga noYesu Krestu

Izibhalo ezingcwele zisifundisa ukuba zonke izinto ziyangqina ngoKrestu (bona 2 Nifayi 11:4; Moses 6:63), ke khangelani Yena kwiziganeko, emabalini, kunye nakwiimfundiso zezibhalo. Cinga ngokuqaphela okanye ukuphawula imiqolo efundisa ngoMsindisi kunye nendlela yokumlandela Yena.

Khangela Amagama kunye naMabinzana Aphembelelayo

Usenokufumana ukuba amagama namabinzana athile kwizibhalo ayakuchukumisa, ngokungathi ayebhalelwe wena ngqo. Angavakala ekufanele ngenkqu kwaye akuphembelele kwaye akukhuthaze. Cingisisa ngokuwaphawula kwizibhalo zakho okanye ukubhala ngawo kwincwadana yakho yembali yokufunda.

Khangela iiNyaniso zeVangeli

Ngamanye amaxesha iinyaniso zevangeli (ixesha elininzi zibizwa iimfundiso okanye imigaqo) zibekwe ngqo, kwaye ngamanye amaxesha zibekwa njengomzekelo okanye njengebali. Zibuze, “Zeziphi iinyaniso zevangeli ezifundiswayo kule miqolo?”

Mamela kuMoya OyiNgcwele

Qwalasela iingcinga kunye neemvakalelo zakho, nokuba zibonakala zinganxulumelenanga noko ukufundayo. Ezo mvakalelo ingazizo kanye izinto uBawo oseZulwini afuna ukuba uzifunde kwaye uzive.

Umfanekiso
owasetyhini efunda izibhalo 2

Fanekisa Izibhalo Nobomi Bakho

Cingisisa ngendlela amabali kunye neemfundiso ozifundayo ezisebenza ngayo ebomini bakho. Umzekelo, ungazibuza, “Ngawaphi amava endikhe ndanawo afanayo noku ndikufundayo?” okanye “Ndingawulandela kanjani umzekelo walo mntu ukwizibhalo?”

Buza Imibuzo

Ukubuza imibuzo malunga nevangeli kunokukunceda uthathe isigqibo sokuba uza kufunda ntoni. Njengoko ufunda izibhalo, imibuzo ingafika engqondweni. Le mibuzo inganxulumelana noko ukufundayo okanye nobomi bakho jikelele. Cinga nzulu ngale mibuzo, kwaye ukhangele iimpendulo njengoko uqhubeka ufunda izibhalo. Emva kwesifundo sakho, buza ukuba yeyiphi enye into uThixo angathanda ukuba uyifunde, kwaye ujonge iimpendulo kwiiyure nakwiintsuku ezizayo.

Sebenzisa Uncedo lweZifundo Lwezibhalo

Ukuzuza iimbono ezongezelelekileyo kwimiqolo oyifundayo, sebenzisa imibhalo engezantsi, ISikhokelo kwiZibhalo (scriptures.ChurchofJesusChrist.org), kunye nolunye uncedo lwezifundo.

Cingisisa Ngokwemeko Yezibhalo

Ungafumana izimvo ezinentsingiselo malunga nesibhalo ukuba ucinga ngokwemeko yaso—iimeko okanye imo yesibhalo. Umzekelo, ukwazi imvelaphi kunye neenkolelo zabantu umprofeti athethe nabo kungakunceda uqonde ngcono injongo yemiyalezo yakhe.

Umfanekiso
indoda ifunda izibhalo

Bhala Iingcinga kunye neeMvakalelo Zakho

Zininzi iindlela zokubhala uchukumiso oluzayo njengoko ufunda. Umzekelo, ungaphawula igama okanye ibinzana elinentsingiselo kwaye ubhale iingcinga zakho njengesikhumbuzo kwizibhalo zakho. Ungagcina ingxelo yemihla ngemihla yeengcinga, yeemvakalelo, kunye neyochukumiso olufumanayo. Okanye unokubhala umbuzo obuze wona ngaphambi kokuba uqalise isifundo sakho, uze ulandelwe ziimpendulo obukhokelelwe kuzo.

Funda Amazwi abaProfeti nabaPostile beMihla yokuGqibela

Funda into abaprofeti nabapostile bemihla yokugqibela abayifundisayo ngemigaqo oyifumana kwizibhalo. Imiyalezo yabo iyafumaneka “kwiNkomfa yaJikelele,” “Iincwadi,” nakwezinye iingqokelela kwiThala leeNcwadi zeVangeli.

Funda Amabali

Funda amabali kwizibhalo, ufuna ukuqonda imo yawo (ixesha, indawo, isithethi, nabaphulaphuli). Amabali ezibhalo azotyiweyo anezinto eziluncedo kakhulu koku, ngakumbi kubantwana kunye namalungu angaqhelananga kakhulu nezibhalo.

Yabelana ngeeMbono

Ukuxoxa ngeembono ezisuka kufundo lwakho buqu yindlela elungileyo yokufundisa abanye kwaye inceda ukomeleza ukuqonda kwakho ngako oko ukufundileyo.

Phila Ngoko Ukufundayo

Ufundo lwezibhalo kungasiphembelela kwaye kusikhokele kutshintsho lwendlela esiphila ngayo. Mamela oko uMoya okuchukumisela ukwenze njengoko ufunda, kwaye uzibophelele ukwenza intshukumo ngolo chukimiso.

Shicilela