Abantwana
Iintsapho Zingunaphakade
Ngenxa yeNtlawulelo kaYesu Krestu kunye nobuyiso lwezitshixo zobubingeleli, thina singaphila neentsapho zethu ngonaphakade! Yintoni oyithandayo ngosapho lwakho? Landela le miyalelo ukwenza eli tyathanga lephepha lokuvuyisana nosapho lwakho.
-
Songa intwana yephepha embindini kabini khon’ ukuze ubenecala elinye elide.
-
Zoba umntu onezandla ezifikelela kulamacala asongiweyo.
-
Msike lo mntu aphume. Ungasiki apho izandla zibamba khona amacala asongiweyo.
-
Lolule. Bhala okanye uzobe into oyithandayo ngelungu ngalinye losapho.
-
Ngciba amatyathanga amaninzi kunye ukuba unosapho olukhulu!