2016
Ukwabelana Ngolonwabo Lwanaphakade
Agasti 2016


Ulutsha

Ukwabelana Ngolonwabo Lwanaphakade

Enye yezinto ezingundoqo ngevangeli lulwazi lwecebo losindiso. Thina sinethuba elihle lokuba nosapho lwethu ngonaphakade. Olo lwazi lusinceda ukuba sibenethemba nanini na xa siziva sigutyungelwa lihlabathi. UMongameli Eyring ufundisa, “UBawo wethu Osithandayo uyazazi iintliziyo zethu. Injongo yaKhe kukusinika ulonwabo (bona 2 Nifayi 2:25). Kwaye ke Yena wanikela isipho soNyana waKhe ukwenza uvuyo lwamaqhina weentsapho ukuba luqhubeke ngonaphakade. … Sona singumnikelo wokuba wonke umntwana kaThixo othi aze emhlabeni abe nokusibanga.”

Loo ntsikelelo isebenza kwabo bethu baphila okwangoku kunye nakwabo sebasandulelayo—kodwa ngoncedo lwethu kuphela. Izinyanya zethu zikwilizwe lomoya njenga ngoku, zilindele thina ukuba silungiselele amagama wazo siwalungiselela imimiselo yasetempileni ukuba ziyenzelwe. Kodwa ngamanye amaxesha kungaba nzima ukubenzela umsebenzi. Mhlawumbi singaxakeka kakhulu, okanye sihlala kude kakhulu netempile ukuze siye rhoqo.

Ngethamsanqa, kukho ezinye iindlela esinganceda ngazo izinyanya zethu, ezifana nokwenza umsebenzi wembali yosapho, ukukhangela amagama, okanye ukugcinela abazali bethu abantwana xa baye etempileni. Ngokunceda, sinceda iNkosi kwaye sizisa ithemba leentsapho zanaphakade kwabo bakwelinye icala lobomi.

Shicilela