2016
Ukulondoloza Iintsapho Kunye
Agasti 2016


UMyalezo waBaNdwendweli Makhaya, eyeKhala 2016

Ukulondoloza Iintsapho Kunye

Funda ngokuthandaza ezi zinto kwaye ucele ukwazi ukuba yintoni na onokuyaba. Ukuqonda kabanzi “Usapho: Isibhengezo Kulo Ihlabathi” kuza kulukhulisa kanjani ukholo lwakho KuYe kwaye kuza kubasikelela kanjani abo ubagadisiweyo ngokubafundisa ngokubandwendwela? Ngenkcukacha ethe vetshe, yiya ku reliefsociety.lds.org.

Ukholo, Usapho, Uncedo

“Umyeni kunye nenkosikazi banoxanduva olumisiweyo lokuthandana nokukhathalelana kwakunye nokuthanda nokukhathalela abantwana babo.”1 “Ikhaya kumele libeligumbi lokuphonononga likaThixo lothando kunye noncedo,” watsho uMongameli Russell M. Nelson, uMongameli weQumrhu LabaPostile Abalishumi Elinambini.

“UBawo wethu Osezulwini ufuna abayeni kunye namakhosikazi banyaniseke omnye komnye kwaye baxabise kwaye baphathe abantwana babo njenge lifa eliphuma eNkosini.”2

Kwincwadi kaMormoni, uYakobi wathi uthando abayeni abanalo kubafazi babo, uthando abafazi abanalo kubayeni babo, kunye nothando bona bobabini ababenalo kubantwana babo lwaluyinxalenye yezizathu zokuba amaLeymenayithi ayelunge ngelinye ixesha ngaphezulu kwamaNifayithi (bona Yakobi 3:7).

Enye yeendlela ezingundoqo zokumema uthando kunye nemvisiswano kumakhaya wethu kukuthetha ngobubele namalungu weentsapho zethu. Ukuthetha ngobubele kuzisa uMoya oyiNgcwele. UDade Linda K. Burton, uMongameli jikelele woMbutho wamaNina wasicela ukuba sicingisise: “Ingaba sizimisele ukuwathetha kangaphi amazwi obubele omnye komnye’?”3

IziBhalo Ezongezelelweyo

AbaseRoma 12:10; Mozaya 4:15; Imfundiso & Neminqophiso 25:5

Amabali Wabaphilayo Namhlanje

UMdala D. Todd Christofferson weQumrhu LabaPostile Abalishumi Elinambini wabelana ngamava wobuntwana awathi achukumisa kuye ukubaluleka kosapho olunothando. Xa yena nabantakwabo babengamakhwenkwe, umama wabo wabanotyando lwesifo somhlaza esasimandla olwathi lwenza kwababuhlungu kakhulu ukuba asebenzise ingalo yakhe yasekunene. Nosapho lwamakhwenkwe, kwakukho uku-ayina okuninzi, kodwa njengoko umama wakhe waye-ayina, yena wayemana ukuma rhoqo aye kwigumbi lokulala ayokukhala kude intlungu ithomalale.

Xa utata kaMdala Christofferson wakuqaphelayo oko kwakusenzeka, yena wayemana engadli sidlo sasemini phantse unyaka wonke ngenjongo yokonga imali yokuba athenge umatshini owathi wenza uku-ayina kwabalula. Kuthando awayenalo kwinkosikazi yakhe, yena waseka umzekelo wokulondoloza kwiintsapho zamakhwenkwe akhe. Ngolu hlobo lokuziphatha lothando, uMdala Christofferson wathi.”Ndandingazi ngedini likatata wam kunye nangesenzo sothando kumama wam ngelo xesha, kodwa ngoku ndiyazi, ndiyatsho kum, ‘Nantso indoda.’”4

Izikhumbuzo

  1. “Isibhengezo kulo iHlabathi,” Liyahona, EyeNkanga 2010, 129.

  2. Russell M. Nelson, “Salvation and Exaltation,” Liyahona, uCanzibe 2008, 8.

  3. Linda K. Burton, “We’ll Ascend Together,” Liyahona, uCanzibe 2015, 31.

  4. D. Todd Christofferson, “Let Us Be Men,” Liyahona, eyeNkanga 2006, 46.

Cingisisa Ngoku

Ingaba ukuthandana kunye nokukhathalelana kuwumemela kanjani uMoya kumakhaya wethu?

Shicilela