2016
Iintsapho Zingunaphakade
Agasti 2016


Abantwana

Iintsapho Zingunaphakade

Ngenxa yeNtlawulelo kaYesu Krestu kunye nobuyiso lwezitshixo zobubingeleli, thina singaphila neentsapho zethu ngonaphakade! Yintoni oyithandayo ngosapho lwakho? Landela le miyalelo ukwenza eli tyathanga lephepha lokuvuyisana nosapho lwakho.

  1. Songa intwana yephepha embindini kabini khon’ ukuze ubenecala elinye elide.

  2. Zoba umntu onezandla ezifikelela kulamacala asongiweyo.

  3. Msike lo mntu aphume. Ungasiki apho izandla zibamba khona amacala asongiweyo.

  4. Lolule. Bhala okanye uzobe into oyithandayo ngelungu ngalinye losapho.

  5. Ngciba amatyathanga amaninzi kunye ukuba unosapho olukhulu!

Shicilela