2016
Ithemba Lothando Losapho Lwanaphakade
Agasti 2016


UMyalezo woBongameli Bokuqala, eyeKhala 2016

Ithemba Lothando Losapho Lwanaphakade

Kuzo zonke izipho uBawo wethu Osezulwini onothando athe wazipha abantwana baKhe, esona sikhulu bubomi banaphakade (bona Iimfundiso & Neminqophiso 14:7). Eso sipho kukuphila kubukho bukaThixo uBawo kunye noNyana waKhe oyiNtanda ngonaphakade ngokweentsapho. Kobona bukumkani buphezulu kubumkani bukaThixo kuphela, izulu eliphezulu, apho amaqhina othando wobomi bosapho aya kuqhubeka khona.

Sonke sithembela kuvuyo lokuphila kwiintsapho ezinothando. Kwabanye bethu, luluvo esingekabinamava walo—uluvo esilwaziyo ukuba lungenzeka kodwa asikaluqapheli. Kusenokwenza ukuba sikhe salubona ebomini babanye. Kwabanye bethu, uthando losapho lubonakale luyinyani ngaphezulu kwaye luluhle xa ukufa kuye kwasahlukanisa kumntwana, kumama, kutata, kubhuti, kusisi, okanye kukhokho onothando okanye oyintanda.

Sonke sikhe saliva ithemba lokuba ngenye imini singaluva futhi uthando olufudumeleyo weloolungu lesapho ebesilithanda kakhulu kwaye ngoku siyaqaqanjelwa ukuba simwole futhi.

UBawo wethu Osithandayo uyazazi iintliziyo zethu. Injongo yaKhe kukusipha ulonwabo (bona 2 Nifayi 2:25). Kwaye ke Yena wanikela isipho soNyana waKhe ukwenza uvuyo lwamaqhina weentsapho ukuba luqhubeke ngonaphakade. Ngenxa yokuba uMsindisi waqhawula amakhamandela wokufa, thina siyakuvuswa. Kuba Yena wahlawulela izono zethu, thina, ngokholo lwethu kunye nenguquko, singalungela ubukumkani basezulwini, apho iintsapho zibotshelelwe kunye ethandweni ngonaphakade.

UMsindisi wathumela uEliya kuJoseph Smith ukuba abuyisele izitshixo zobubingeleli (bona D& C 110). Nezo zitshixo kweza amandla wotywino, enikeza ngesipho esikhulu sikaThixo kubantwana baKhe—ubomi obungunaphakade ezintsatsheni zibotshelelwe ngonaphakade.

Sona singumnikelo wokuba wonke umntwana kaThixo othi aze emhlabeni angasibanga. Isithathu seyinge sabantwana bomoya baKhe sawala umnikelo waKhe kwilizwe lemimoya. Ngokusilela kukholo olwaneleyo kunye nemvukelo yokuchasana, bona bakhetha ukuba bangaze bazi uvuyo lwesipho sikaBawo Osezulwini seentsapho zangonaphakade.

Kwabo bethu bathe baphumelela kuvavanyo olwalubalulekile kwilizwe lemimoya langaphambili kwaye salungela ukufumana isipho semizimba yenyama, ukhetho olukhulu lobomi banaphakade luselolwethu ukuba silwenze. Ukuba sisikelelekile ukufumana ivangeli ebuyisiweyo, singakhetha ukwenza kwaye nokugcina iminqophiso noThixo ethi isilungiselele thina ubomi banaphakade. Njengoko sinyamezela koko kunyaniseka, uMoya oyiNgcwele uya kuqinisekisa ithemba lethu kunye nokuzithemba kokuba thina sikwindlela eya kubomi banaphakade, nokuphila kwiintsapho ngonaphakade kubukumkani bezulu eliphezulu.

Kwabanye, olo vuyo lwanaphakade lungabonakala ngathi luluzizi okanye nkqu kwa ithemba ngathi liyanyamalala. Abazali, abantwana, abantakwe, kunye noodade kusenokwenzeka ukuba benze ukhetho olubonakala lubakhabela kude kubomi banaphakade. Mhlawumbi nawe ungaxhalaba ukuba wena sewenziwe wabulungela ngeNtlawulelo kaYesu Krestu.

Umprofethi kaThixo wakhe wandinika ingcebiso ethi indinike uxolo. Ndandixhalabile ngokuba ukhetho lwabanye lungabanga ubunzima bokuba usapho lwethu lube kunye ngonaphakade. Yena wathi, “Uzikhathaza ngengxaki egwenxa. Wena kufuneka ngokufanelekileyo uphilele ubukumkani bezulu eliphezulu, kwaye iziseko zosapho ziya kukumangaza ngaphezulu kokuba ucinga.”

Kwabo bonke abamava wabo okanye imitshato yabo kunye nabantwana—okanye ukungabiko koko—bawisela isithunzi phezu kwamathemba wabo, ndinikela ngobungqina bam: UBawo Osezulwini uyakwazi kwaye uyakuthanda njengomntwana waKhe womoya. Xeshikweni wawunaYe kunye noNyana waKhe oyiNtanda ngaphambili kobu bomi, Bona babeka entliziyweni yakho ithemba onalo lobomi banaphakade. Ngamandla weNtlawulelo kaYesu Krestu esebenza kwaye nangoMoya oyiNgcwele ukukhokela, ungeva ngoku kwaye nakwilizwe elizayo uthando losapho uBawo wakho kunye noNyana waKhe oyiNtanda abafuna kakhulu ukuba wena ulufumane.

Ndiyangqina ukuba njengoko uphila ngokufanele ubukumkani bezulu, isithembiso sesiprofetho sokuba “iziseko zosapho ziya kukumangaza ngaphezulu kokuba ucinga” sizoba sesakho.

Ukufundisa Ngalo Myalezo

Cingisisa ngokuqala ngokuxelela abo ubafundisayo ngelixa wawubulelela ithemba leentsapho zanaphakade. Bameme ukuba bacinge nzulu ngamaxa xa nabo beva umbulelo weentsapho zanaphakade. Babuze ukuba bangathanda ukwaba. Ubungabamema ukuba bacinge ngeendlela zokuphucula kunye nokuphila ngokufanele ubukumkani bezulu eliphezulu ukuze isithembiso sesiprofetho “seziseko zosapho … zimangaza ngaphezulu kokuba wena ungacinga” singaba sesabo.

Shicilela