2016
Ukugcina Imiyalelo Nokuthanda Abanye
Septemba 2016


Ulutsha

Ukugcina Imiyalelo Nokuthanda Abanye

Xa sicinga ngothando, kuvame ukuba izinto zokuqala ukufika kwingqondo yethu kube yimiboniso bhanyabhanya yothando, itshokolethi, kunye neentyatyambo. Kodwa uthando – olokwenyaniuthando – lunzulu kakhulu kwaye luzinikela ngakumbi kunoko. UYesu Krestu wasiphilela kwaye wasifela ngenxa yothando lwaKhe kuthi. Ngokwenene, eyona miyalelo mibini mikhulu kukuthanda uThixo kunye nokuthanda abanye (bona Mateyu 22:36-40 Kodwa thina singabonisa kanjani abanye ukuba siyabathanda?

UMongameli Uchtdorf wabelana ngomzekeliso kaKrestu woonyana ababini, omnye osebenzela uyise nomnye ongenzi njalo. UMsindisi wenza inqaku lokuba ngulo wamthobelayo kuphela oyena nyana wayemthanda ngokwenyani uyise. Ngokufanayo, xa sithobela imiyalelo kaThixo, sibonisa ukuba siyamthanda Yena kwaye sifuna ukubuyela kuYe.

Kodwa ke sikubonisa njani ukuba siyabathanda abanye? UMongameli Uchtdorf ucacisa nako oko: “Ukuba sibathanda ngokwenene abanye abantu, sizinikela ekuncedeni ‘amahlwempu nabasweleyo, abagulayo nababandezelekileyo.’ Ngoba abo benza ezizenzo zingenamona zemfesane kunye nokunceda, kwabona bangabafundi bakaYesu Krestu.”

Ngoko kwixesha elizayo xa ubona umzali wakho, umntwana wakowenu, okanye umhlobo, cinga ngokubanceda ukubonisa uthando lwakho ngabo. Akuyi kwenza bona bodwa kunye nawe ukuba bonwabe, kodwa kuyakwenza noBawo oseZulwini onwabe ngokunjalo.

Shicilela