2016
Emva koThando, Kuba yiNtoni?
Septemba 2016


UMyalezo woBongameli Bokuqala, eyoMsintsi 2016

Emva koThando Kuba yiNtoni?

Owethu othandekayo umprofethi, uMongameli Thomas S. Monson, ufundise ngokuba “uthando nguwona mnombo wevangeli.”1

UThando lubalulekile kangangokuba uYesu walubiza “owokuqala nomkhulu umthetho” kwaye wathi naliphina inqaku lomthetho kunye namazwi abaprofethi lixhomekeke kuwo.2

Uthando lusesona sizathu singundoqo sako konke esikwenzayo kweli Bandla. Nkqubo nganye, ntlanganiso nganye, nasenzo ngasinye esiyinxalenye yaso thina njengabafundi bakaYesu Krestu kumele sivele kolu phawu – ngokuba ngaphandle kothando lokwenene, “uthando olumsulwa lukaKrestu,” thina asiyonto.3

Xa sikuqonda oku ngengqondo kunye nentliziyo yethu, xa sibhengeza uthando lwethu ngoThixo nangabanye abantu – kulandela ntoni?

Ingaba ukuva imfesane kunye nothando ngabanye kwanele na? Ingaba ukubhengeza ngothando lwethu ngoThixo kunye nommelwane wethu kuyalanelisa uxanduva esinalo kuThixo?

Umzekeliso wooNyana Ababini

Etempileni eYerusalem, ababingeleli abakhulu kunye nabadala bamaYuda baya kuYesu bezama ukumthiyela kumazwi waKhe. UMsindisi, kodwa, waguqulela iitafile kubo ngokubaxelela ibali.

“Umntu wayenabantwana ababini,” Yena waqalisa. Lo tata waya kowokuqala waze wamcela ukuba ayekusebenza esidiliyeni. Kodwa lo nyana wala. Ethubeni loo nyana “wazohlwaya, [waze] waya”

Lo tata waye waya kunyana wakhe wesibini waze wamcela ukuba ahambe ayokusebenza esidiliyeni. Lo nyana wesibini wamqinisekisa ukuba wayezokuya, kodwa akazange aye.

Waze uMsindisi wabhekisa kubabingeleli kunye nabadala kwaye wabuza, “Nguwuphi na kwabo bobabini owenza intando kayise?”

Kwakunyanzelekile ukuba bavume ukuba yayingunyana wokuqala – lo wathi yena akazokuya waza ethubeni wazohlwaya kwaye wayokusebenza esidiliyeni.4

UMsindisi wasebenzisa eli bali ukugxininisa umthetho obalulekileyo – ngabo bathobela imiyalelo abona bamthanda ngokwenene uThixo.

Mhlawumbi kungenxa yoku uYesu wacela abantu ukuba bamamele kuwo kwaye bawalandele amazwi wabafarasi kunye nababhali kodwa bangawulandeli umzekelo wabo.5 Aba bafundisi benkolo babengayenzi into abayithethayo. Bona babethanda ukuthetha ngenkolo, kodwa ngokungekuhlanga bawuphosa umnombo wayo.

Izenzo kunye noSindiso Lwethu

Kwesinye kwezokugqibela iimfundiso zoMsindisi kubafundi baKhe, wathetha nabo ngomgwebo wokugqibela. Abangalunganga kunye nabalungileyo babeya kohlulwa. Abalungileyo babeya kufumana indlalifa yobomi banaphakade; abangalunganga babeyakusiwa kwisohlwayo sanaphakade.

Wayeyintoni umahluko phakathi kwalamaqela mabini?

Abo balubonisa ngezenzo uthando lwabo basindiswa. Abo bangazange benze njalo bagwetywa.6 Inguquko yokwenyani kwivangeli kaYesu Krestu nokuxatyiswe yiyo kunye nemithetho yayo iyakungqinwa zizenzo zethu kubomi bethu bemihla ngemihla.

Ekugqibeleni, isibhengezo nje sothando kuThixo kunye nabanye abantu asinako ukusenza silulungele usindiso olubaseleyo. Ngoba, njengoko uYesu wafundisa, “Asingabo bonke abathi kum, Nkosi, Nkosi abaya kungena ebukumkanini bamazulu; kodwa abo benza intando kaBawo osemazulwini.”7

Yintoni eza emva koThando?

Impendulo kulombuzo “Emva kothando, kuba yintoni?” isenokubalula kwaye ithi ngqo. Ukuba simthanda ngokwenyani uMsindisi, singqamanisa iintliziyo zethu kuYe kwaye sihambe kumkhondo wobufundi. Xa simthanda uThixo, siyakuzama ukugcina imiyalelo yaKhe.8

Ukuba sibathanda ngokwenyani abanye abantu, sizinikela ekuncedeni “amahlwempu nabasweleyo, abagulayo nababandezelekileyo.”9 Ngoba abo benza ezi zenzo zingenamona zemfesane kunye nokunceda,10 kwabona bangabafundi bakaYesu Krestu.

Oku kuko okuza emva kothando.

Lo ngumnombo wevangeli kaYesu Krestu.

Ukufundisa ngalo Myalezo

UMongameli Uchtdorf ucacisa abafundi bokwenyani bakaYesu Krestu njengabo babonisa uthando lwabo ngoThixo nabanye abantu ngezenzo zabo. Yena usifundisa ngokuba “ukuba simthanda ngokwenene uMsindisi, singqamanisa iintliziyo zethu kuYe kwaye sihamba kumkhondo wobufundi.” Cingisisa ngokubuza abo ubafundisayo ukuba kungeziphi iindlela uthando olwabakhuthaza ngazo ekuhambeni kumkhondo wobufundi. Wena ungawaba amava wakho nabo ngokunjalo. Wena usenokucingisisa ngokubamema ukuba baluthandazele olungakumbi uthando lokwenene kunye namandla wokwenza okuphuma ethandweni.

Shicilela