2016
Ubuzali bunguMsebenzi ONgcwele
Septemba 2016


UMyalezo waBaNdwendweli Makhaya, eyoMsintsi 2016

Ubuzali bunguMsebenzi ONgcwele

Funda ngokuthandaza ezi zinto kwaye uphandele impembelelo yokuba yintoni na onokuyaba. Ukuqonda kabanzi “USapho: ISibhengezo kulo iHlabathi” kuza kulwandisa njani ukholo lwakho kuThixo kwaye kubasikelele kanjani abo ubagadisiweyo ngokubafundisa ngokubandwendwela? Ngenkcukacha ethe vetshe, yiya ku reliefsociety.lds.org.

Umfanekiso
Istempu soMbutho wamaNina

Ukholo, Usapho, Uncedo

UBawo wethu oseZulwini waseka iintsapho ukuze zisincede sifunde imithetho elungileyo kwindawo enothando. UMongameli Thomas S. Monson wathi: “Ncoma umntwana wakho kwaye umwole; uthi kuye Mna ndiyakuthanda ngokugqithisileyo; soloko uwubonakalisa umbulelo wakho. Ungaze uvumele ingxaki ekumele isonjululwe ukuba ibaluleke ngaphezulu komntu ekumele athandwe.”1

USusan W. Tanner, owayesakuba ngumongameli jikelele Wamanina Aselula, wafundisa: “UBawo wethu oseZulwini ungumzekelo wendlela ekumele siyilandele. Yena uyasithanda, uyasifundisa, unomonde ngathi, kwaye usithemba ngenkululeko yethu yokukhetha. … Ngamanye amaxesha ingqeqesho, ethetha ‘ukufundisa’ ibhidaniswa nokugxeka. Abantwana - ngokunjalo nabantu bobudala bonke - baphucula indlela yokuziphatha ngenxa yothando nenkuthazo ngaphezulu kunokufunyanwa kweempazamo.”2

“Ukuba ngokunyanisekileyo siba nomthandazo wosapho, ufundo lwezibhalo, urhatya lwasekhayeni losapho, iintsikelelo zobubingeleli, kunye nokugcina usuku lweSabatha,” watsho uMdala Quentin L. Cook weQumrhu labaPostile Abalishumi elinambini, “abantwana bethu baya … kulilungela ikhaya lanaphakade ezulwini, akukhathaliseki ukuba bahlelwa yintoni kwihlabathi elinzima.”3

Izibhalo Ezongezelelweyo

1Nifayi 8:37; 3Nifayi 22:13; Imfundiso neMinqophiso 93:40; 121:41

Amabali Wabaphilayo

“Mna ndandifunda iphepha-ndaba xa omnye wabazukulwana bam abangamakhwenkwe wazifaka kum,” watsho uMdala Robert D. Hales weQumrhu labaPostile Abalishumi elinambini. “Njengoko mna ndandifunda, ndonwaba kakhulu ukuva ilizwi lakhe elimnandi ngasemva. Yiba nomfanekiso-ngqondweni ngokumangaliseka kwam xa, kwimizuzwana nje emva koko, wazifaka phakathi kwam nephepha elo. Ebambe ubuso bam ezandleni zakhe kwaye ecinezela impumlo yakhe kweyam, wabuza, ‘Tatomkhulu! Ukhona apho?’

“… Ukubakho apho kuthetha ukuqondisisa iintliziyo zolutsha lwethu kunye nokuqhagamshelana nabo. Kwaye ukuqhakamshelana nabo akuthethi nje ukuncokola nabo kodwa nako nokwenza izinto nabo. …

“Thina kumele sicwangcise kwaye sithabathe amathuba okufundisa azivelelayo. …

“… Njengokuba ndiya ndiphila, ndiya ndiqaphela ngakumbi ukuba amathuba okufundisa ebutsheni bam, ingakumbi lawo anikezelwa ngabazali bam, abolulile ubomi bam kwaye andenza ndaba ngulomntu ndinguye.”4

Izikhumbuzo

  1. Thomas S. Monson, “Love at Home—Counsel from Our Prophet,” Liyahona, Thupha. 2011, 4.

  2. Susan W. Tanner, “Did I Tell You … ?” Liyahona Canzibe 2003, 74.

  3. Quentin L. Cook, “The Lord Is My Light,” Liyahona, Canzibe 2015, 64.

  4. Robert D. Hales, “Our Duty to God: The Mission of Parents and Leaders to the Rising Generation,” Liyahona, Canzibe 2010, 96, 95.

Cingisisa Ngoku

Kutheni ivangeli ifundiswa ngcono ngolwimi kunye nomzekelo wothando?

Shicilela