2016
Ukubonisa uThando
Septemba 2016


Abantwana

Ukubonisa uThando

UYesu wachaza ibali lotata kunye noonyana bakhe ababini. Loo tata wayesebenza kwisidiliya kwaye wacela oonyana bakhe ababini ukuba bancedise. Unyana wokuqala wathi hayi ekuqaleni kodwa ethubeni waza ezokuncedisa esidiliyeni. Unyana wesibini wathi uzakuncedisa, kodwa akazange akwenze oku. UYesu wafundisa ukuba unyana wokuqala wabonisa uthando ngakumbi kuyise ngokuba athobeke.

Dlalani eli bali! Nize nibhale okanye nizobe izinto ezintathu eninokuzenza ukubonisa uthando lwenu kuBawo oseZulwini.

Shicilela