ITestamente eNdala 2022
EyoMdumba 7–13. Genesis 12–17; Abraham 1–2: “Ukuba nguMlandeli Omkhulu Ngakumbi woBulungisa”


“EyoMdumba 7–13. Genesis 12–17; Abraham 1–2: “Ukuba nguMlandeli Omkhulu Ngakumbi woBulungisa’” Uze, uNdilandele—Yabantu Ngabanye kunye Neentsapho: iTestamente eNdala 2022 (2021)

“EyoMdumba 7–13. Genesis 12–17; Abraham 1–2,” Uze, uNdilandele—Yabantu Ngabanye kunye Neentsapho: 2022

Umfanekiso
UAbraham noSara

Umfanekiso kaAbraham noSara, nguDilleen Marsh

EyoMdumba 7–13

Genesis 12–17; Abraham 1–2

“Ukuba nguMlandeli Omkhulu Wobulungisa”

Njengoko ufunda ngoAbram noSarayi (kamva ababizwa ngokuba nguAbraham noSara) kunye nangosapho lwabo, cinga ngendlela imizekelo yabo ekukukhuthaza ngayo. Bhala phantsi izinto onokuthi uzenze ukuze ube “ngumlandeli omkhulu ngakumbi wobulungisa,” (Abraham 1:2).

Bhala Iimvakalelo Zakho

Ngenxa yomnqophiso awenziwa nguThixo kunye naye, u-Abraham wabizwa ngokuba “nguyise wabathembekileyo” (IMfundiso neMinqophiso 138:41) kunye “noMhlobo kaThixo” (Yakobi 2:23). Izigidi ngezigidi namhlanje zimhlonipha njengokhokho wazo ngqo, kwaye abanye baye bamkelwa kusapho lwakhe ngokuguqukela kwivangeli kaYesu Krestu. Ukanti yena ngokwakhe uAbraham wayevela kusapho olwalunengxaki—utata wakhe, owayelushiyile unqulo oluyinene lukaThixo, wazama ukuba u-Abraham anikelwe koothixo bobuxoki. Ngaphandle kwako konke oku, umnqweno kaAbraham yayikukuba “ngumlandeli omkhulu ngakumbi wobulungisa” (Abraham 1:2), kwaye ingxelo yobomi bakhe ibonisa ukuba uThixo wawenza umnqweno wakhe. Ubomi bukaAbraham bume njengobungqina bokuba nokuba injani na imbali yosapho, ikamva lingazaliswa lithemba.

Umfanekiso
Learn More image
Umfanekiso
umfanekiso wokuzifundela wedwa

Iingcebiso Zokuzifundela Izibhalo Wedwa

Abraham 1:1–19

UThixo uya kundisikelelela ukholo lwam kunye neminqweno elungileyo.

Njengabaninzi kuthi, uAbraham wayehlala kwindawo engendawo, ukanti wayenqwenela ukuba lilungisa. UMongameli Dallin H. Oaks wafundisa ngokubaluleka kokuba neminqweno elungileyo: “Nangona kubaluleke kakhulu ukuphulukana nawo wonke umnqweno wesono, ubomi banaphakade bufuna ngaphezulu. Ukufezekisa ikamva lethu elingapheliyo, siya kunqwenela kwaye sisebenzele kunye neempawu ezifunekayo ukuze sibe yinto engonaphakade. … Ukuba oku kubonakala kunzima kakhulu—kwaye ngokuqinisekileyo akukho lula nakubani na kuthi—ngokoke kuya kufuneka siqale ngomnqweno weempawu ezinjalo kwaye sibize uBawo wethu waseZulwini onothando ngoncedo lweemvakalelo zethu [bona Moronayi 7:48]” (“Desire,” Liyahona, UCanzibe 2011, 44–45). Njengoko ufunda Abraham 1:1–19, cingisisa ukuba le miqolo ibonisa njani okoa kufundiswe nguMongameli Oaks. Imibuzo efana nale inganceda:

  • Yintoni awayeyinqwenela u-Abraham kwaye eyifuna? Wenza ntoni ukubonisa ukholo lwakhe?

  • Ithini iminqweno yakho? Ingaba ikhona into oziva ukuba kufuneka uyenze ukucoca iminqweno yakho?

  • Yeyiphi imicelimngeni awayejamelane nayo u-Abraham ngenxa yeminqweno yakhe elungileyo? Wamnceda njani uThixo?

  • Ngowuphi umyalezo le miqolo eyiphethele abo abanamalungu osapho awanganqweneli ubulungisa?

Bona kwakhona Mateyu 7:7; “Deliverance of Abraham” (umboniso bhanyabhanya), ChurchofJesusChrist.org.

Abraham 2:10–11

Ngubani obandakanywayo kumnqophiso ka-Abraham?

Xa iNkosi yenza umnqophiso waYo no-Abraham, Yona yathembisa ukuba lo mnqophiso uya kuqhubeka kwinzala ka-Abraham, okanye “imbewu,” kwaye ukuba “bonke abayamkelayo le Vangeli baya … kubalelwa kwimbewu yakho” (Abraham 2:10–11). Oku kuthetha ukuba izithembiso zomnqophiso ka-Abraham ziyasebenza kumalungu eBandla namhlanje, nokuba ayinzala ka-Abraham ngqo okanye ayamkelwa kusapho yakhe ngobhaptizo nangokuguqukela kwivangeli kaYesu Krestu (bona AmaGalati 3:26–29; IMfundiso neMinqophiso 132:30–32). Ukubalwa njengembewu kaAbraham, umntu kufuneka athobele imithetho nemimiselo yevangeli.

Genesis 12:1–3; 13:15–16; 15:1–6; 17:1–8, 15–22; Abraham 2:8–11

Umnqophiso kaAbraham uyandisikelela mna kunye nosapho lwam.

Ngenxa yokuba onke amalungu eBandla ebandakanyiwe kumnqophiso ka-Abraham, ungafuna ukuchitha ixesha ucinga nzulu ngokuba kutheni lo mnqophiso unentsingiselo ebomini bakho. Bhala phantsi iingcinga zakho ngale mibuzo ilandelayo:

Zingandisikelela njani mna nosapho lwam izithembiso eziku-Abraham 2:8–11 ? (bona kwakhona Genesis 12:1–3; 13:15–16).

Ndifunda ntoni kumnqophiso ka-Abraham kwiGenesis 15:1–6; 17:1–8, 15–22?

Yintoni endiziva ukuba iphenjelelwe ukuba ndiyenze ukuzalisekisa isithembiso sokuba “zonke iintsapho zomhlaba ziya kusikelelwa”? (Abraham 2:11).

Unokuthatha ingqalelo yokuba ezinye zeentsikelelo zasemhlabeni ezathenjiswa ku-Abraham noSara, njengokufumana umhlaba othenjisiweyo nokuba ngabazali bezizukulwana ezinkulu, ziyafana ngokwasephakadeni. Oku kubandakanya nelifa kubukumkani beselestiyali (bona IMfundiso neMinqophiso 132:29) kunye nomtshato wanaphakade kwakunye nenzala yanaphakade (bona IMfundiso neMinqophiso 131:1–4; 132:20–24, 28–32). “Kusetempileni,” uMongameli uRussel M. Nelson wafundisa, apho “sifumana iintsikelelo zethu zokugqibela, njengembewu ka-Abraham, ka-Isake, nekaYakobi” (“The Gathering of Scattered Israel,” Liyahona, EyeNkanga. 2006, 80).

Bona kwakhona “Iingcinga EzinokuGcinwa eNgqondweni: Umnqophiso,” kwesi sixhobo.

Umfanekiso
umfanekiso wofundo losapho

Iingcebiso Zofundo Lwezibhalo Ezingcwele Zosapho noMhlangano Wangorhatya Wosapho

Genesis 13:5–12.Wenza ntoni uAbraham ukudala uxolo kusapho lwakhe? Mhlawumbi amalungu osapho lwakho anokuziqhelanisa nokudala uxolo njengo-Abraham ngokudlala indima ekusombululeni iingxabano ezinokubakho kusapho lwakho.

Genesis 13:16; 15:2–6; 17:15–19.Ungalunceda njani usapho lwakho ukuba luqonde isithembiso seNkosi esikule miqolo—ukuba nangona u-Abraham noSara babengekabi nabantwana, izizukulwane zabo zaziya kuba ninzi njengothuli lomhlaba, nanjengeenkwenkwezi zezulu, okanye intlabathi elunxwemeni lolwandle? (bona kwakhona Genesis 22:17). Mhlawumbi usenokubonisa amalungu osapho isikhongozeli sesanti, nijonge phezulu kwiinkwenkwezi, okanye nisebenzise umfanekiso ohamba kunye nesi sishwankathelo. Singazithemba njani izithembiso zikaThixo kwanaxa zibonakala zingenakwenzeka?

Genesis 14:18–20.Sifunda ntoni ngoMelkitsedeke kwiInguqulelo kaJoseph Smith, Genesis 14:25–40? (kwizihlomelo zeBhayibhile; bona futhi Alma 13:13–19). “[Singabenza] njani ubulungisa” njengoko wenzayo uMelkitsedeke? (umqolo 36). Yintoni enye malunga nenkonzo kaMelkitsedeke esisikhuthaza ngayo?

Umfanekiso
UMelkitsedeke usikelela uAbram

UMelkitsedeke Usikelela uAbram, nguWalter Rane

Genesis 16.Ukufunda ngoHagare kungaba lithuba lokuxoxa ngendlela iNkosi esinceda ngayo xa siziva sonile. Unokutsho ukuba “u-Ishmayeli” uthetha “uThixo uyeva.” Sivile nini ukuba iNkosi yeva kwaye yasinceda xa saziva sonile? (bona Genesis 16:11).

Ngezimvo ezithe vetshe malunga nokufundisa abantwana, bona isishwankathelo saleveki kwi-Come, Follow Me—For Primary.

Ingoma ecetyiswayo: “I Want to Live the Gospel,” Children’s Songbook, 148.

Ukuphucula Ukufundisa Kwethu

Fumaneka kwaye ufikeleleke. Amanye wawona maxesha okufundisa angundoqo aqala njengemibuzo okanye ngenjeenkxalabo ezintliziyweni zamalungu osapho. Yazisa amalungu osapho ngamazwi akho kunye nezenzo zakho ukuba unomdla wokubava. (Bona Teaching in the Savior’s Way, 16.)

Umfanekiso
USara ujonge isibhakabhaka esizaliswe ziinkwenkwezi

UThixo wathembisa ukuba inzala kaAbraham noSara yayiya kuba “njengeenkwenkwezi zezulu” (Genesis 22:17). Pondering God’s Promise nguCourtney Matz.

Shicilela