ITestamente eNdala 2022
EyoMdumba 21–27. Genesis 24–27: UMnqophiso uVuselelwe


“EyoMdumba 21–27. Genesis 24–27: UMnqophiso uuselelwe” Uze, uNdilandele—Yabantu Ngabanye kunye Neentsapho: iTestamente eNdala 2022 (2021)

“EyoMdumba 21–27. Genesis 24–27,” Uze, uNdilandele—Yabantu Ngabanye kunye Neentsapho: 2022

Umfanekiso
URebheka

Umzekeliso kaRebheka nguDilleen Marsh

EyoMdumba 21–27

Genesis 24–27

UMnqophiso uVuselelwe

Njengoko ufunda Genesis 24–27, nika ingqalelo kwiingcinga zokomoya ozifumanayo. Thandaza ukuze wazi ukuba imigaqo oyifumanayo ihambelana njani nobomi bakho.

Bhala Iimvakalelo Zakho

Umnqophiso kaThixo no-Abraham wawuquka isithembiso sokuba ngo-Abraham nenzala yakhe “ziya kusikelelwa zonke iintsapho zomhlaba” (Abraham 2:11). Eso ayisosithembiso esinokuthi sizalisekiswe kwisizukulwana esinye: ngeendlela ezininzi, iBhayibhile libali lokuzalisekiswa okuqhubekayo kwesithembiso sikaThixo. Waqala ke ngokuhlaziya umnqophiso nosapho luka-Isake noRebheka. Ngamava abo, sifunda okuthile ngokuba yinxalenye yomnqophiso. Imizekelo yabo isifundisa ngobubele, ngomonde, kunye nangokuthembela kwiintsikelelo ezithenjisiweyo zikaThixo. Kwaye sifunda ukuba kufanelekile ukuyeka nakuphi na okwehlabathi “okuyingqombela” (Genesis 25:30) ukuze sizikhusele iintsikelelo zikaThixo thina nabantwana bethu kwizizukulwana ezizayo.

Umfanekiso
umfanekiso wokuzifundela wedwa

Iingcebiso Zokuzifundela Izibhalo Wedwa

Genesis 24

Umtshato ubalulekile kwisicwangciso sikaThixo sanaphakade.

Namhlanje abantu abaninzi bawujonga njengento ephantsi umtshato okanye bade bawubone njengoxanduva. U-Abraham wayenembono eyahlukileyo—kuye, umtshato wonyana wakhe u-Isake wawubaluleke kakhulu. Kutheni ucinga ukuba wawubalulekile kuye? Njengoko ufunda Genesis 24, cinga ngokubaluleka komtshato kwicebo losindiso likaThixo. Usenokufunda umyalezo kaMdala D. Todd Christofferson “Why Marriage, Why Family” (Liyahona, UCanzibe 2015, 50–53) kwaye ujonge ukuba kutheni “usapho olwakhelwe emtshatweni wendoda nomfazi lubeka ezona zicwangciso zibalaseleyo ukuze icebo likaThixo liphumelele” (iphepha 52).

Imibuzo efana nale ilandelayo inokukunceda uqaphele eminye imigaqo ebalulekileyo kwesi sahluko:

Genesis 24:1–14. Wenza ntoni u-Abraham kunye nesicaka sakhe ukubandakanya iNkosi kwimizamo yabo yokufunela u-Isake umfazi?

Genesis 24:15–28, 55–60. Zeziphi iimpawu ozifumana kuRebheka ongathanda ukuzilinganisa?

Loluphi olunye ulwazi olufumanayo?

Bona kwakhona IMfundiso neMinqophiso 131:1–4; “USapho: Isibhengezo KwiHlabathi,” ChurchofJesusChrist.org.

Genesis 25:29–34

Ndingakhetha phakathi kokuzanelisa kwangoko kunye nezinto zexabiso elikhulu.

Kwinkcubeko ka-Abraham, unyana olizibulo kusapho wayefumana isikhundla sobunkokeli kunye nelungelo, elibizwa ngokuba lilungelo lobuzibulo. Lo nyana wayefumana ilifa elikhulu ngakumbi kubazali bakhe, kunye noxanduva olukhulu kakhulu lokukhathalela usapho lonke.

Njengoko ufunda Genesis 25:29–34, cinga ngesizathu sokuba u-Esawu abekulungele ukuncama ilungelo lakhe lobuzibulo ngenxa yokutya. Zeziphi izifundo ozifundelayo kule ngxelo? Umzekelo, ingaba kukhona “ingqombela” ekuphazamisayo kwiintsikelelo ezixabiseke kakhulu kuwe? Wenza ntoni ukugxila kwaye nokuxabisa ezi ntsikelelo?

Bona kwakhona Mateyu 6:19–33; 2 Nifayi 9:51; M. Russell Ballard, “What Matters Most Is What Lasts Longest,” Liyahona, EyeNkanga. 2005, 41–44.

Genesis 26:1–5

Umnqophiso ka-Abraham wahlaziywa ngo-Isake.

Umnqophiso owenziwa nguThixo no-Abraham wawenzelwe ukuba uqhubeke kwizizukulwane ezininzi, ngoko ke ilifa lika-Abraham noSara lokugcina umnqophiso laliya kudluliselwa ku-Isake, nakuYakobi, nabanye abafazi abathembekileyo kunye namadoda enzala yabo. Njengoko ufunda Genesis 26:1–5, khangela ezinye zeentsikelelo zomnqophiso azakhankanywa nguThixo. Yintoni oyifundayo malunga noThixo kule miqolo?

Genesis 26:18–25, 32–33

UYesu Krestu uliqula lamanzi aphilayo.

Usenokuqaphela ukuba amaqula kunye nemithombo kunye neminye imithombo yamanzi idlala indima ebalulekileyo kumabali eTestamente eNdala. Ayothusi le nto, kuba uninzi lwala mabali lwenzeka kwiindawo ezomileyo kakhulu. Njengoko ufunda kuGenesis 26 malunga namaqula ka-Isake, cingisisa ngokuba la manzi anokufuzisela ntoni kwizibhalo. Yintoni oyifumanayo malunga namaqula okomoya “amanzi aphilayo”? (bona Yohane 4:10–15). Uwemba njani amaqula okomoya ebomini bakho? UMsindisi ufana njani namanzi aphilayo kuwe? Qaphela ukuba amaFilisti “awavingca” amaqula (bona Genesis 26:18). Ingaba ikhona into esebomini bakho evingca amaqula akho amanzi aphilayo?

Umfanekiso
iqula lamandulo

Iqula laseBher-shebha yakudala, apho u-Abraham no-Isake bemba khona amaqula.

Genesis 27

Ingaba uRebheka noYakobi babengalunganga ngokukhohlisa u-Isake?

Asizazi izizathu zendlela uRebheka noYakobi abayisebenzayo ukufumana intsikelelo kaYakobi. Kuyanceda ukukhumbula ukuba iTestamente eNdala njengoko sinayo ngoku ayigqitywanga (bona Moses 1:23, 41). Kusenokubakho ulwazi olungekhoyo kumaxwebhu akuqala awangasichazela into enokubonakala ngathi inokusikhathaza. Nangona kunjalo, thina siyazi ukuba kwakuyintando kaThixo okokuba uYakobi afumane intsikelelo ku-Isake ngenxa yokuba uRebheka waba nesityhilelo sokuba uYakobi wayeya kumlawula u-Esawu (bona Genesis 25:23). Emva kokuba u-Isake evumile ukuba usikelele uYakobi endaweni ka-Esawu, waqinisekisa ukuba uYakobi “uya kusikelelwa” (Genesis 27:33)— ebonisa ukuba intando kaThixo yayenziwe.

Umfanekiso
umfanekiso wofundo losapho

Iingcebiso Zofundo Lwezibhalo Ezingcwele Zosapho noMhlangano Wangorhatya Wosapho

Genesis 24:2–4, 32–48.U-Abraham wacela isicaka esithembakeleyo ukuba sifumanele u-Isake umfazi, kwaye nesicaka sakhe sanqophisa no-Abraham ukuba sasiya kwenza njalo. Isicaka sika-Abraham sakubonisa njani ukuthembeka ekugcineni umnqophiso waso? Sinokuwulandela njani umzekelo waso?

Genesis 24:15–28, 55–60.Usapho lwakho lungakhangela kule miqolo iimpawu ezenza ukuba uRebheka abe liqabane lanaphakade elifanelekileyo lika-Isake. Khuthaza amalungu osapho ukuba akhethe enye yezi mpawu awavakalelwa ukuba kufuneka aziphuhlise.

Genesis 25:19–3427.Ukujonga amabali wendlela ilungelo lobuzibulo lika-Esawu kunye neentsikelelo zeza ngayo kuYakobi endaweni yoko, ungabhala izivakalisi eziphuma ku“Yakobi noEsawu” (kwiAmabali eTestamente eNdala) kwimizila eyahlukeneyo yephepha. Amalungu osapho anokusebenzisana kunye ukubeka izivakalisi ngokulandelelana kwazo.

Njengoko nixoxa ngokuthengisa kwelungelo lakhe lobuzibulo nguEsawu, ningathetha nangezinto ezibaluleke kakhulu kusapho lwenu, njengobudlelwane benu noBawo waseZulwini kunye noYesu Krestu. Mhlawumbi amalungu osapho anokufumana izinto okanye imifanekiso ebonisa oko bakujonga njengexabisekileyo yanaphakade. Mawacacise ukuba kutheni ekhethe ezo zinto.

Genesis 26:3–5.Ukunceda usapho lwakho ukuba luqonde umnqophiso ka-Abraham, ungabacela ukuba bafumane izithembiso ezichazwe kule miqolo. Kutheni kubalulekile ukuba sazi ngezi zithembiso namhlanje? (bona “Iingcinga Onokuzigcina eNgqondweni: UMnqophiso,” kwesi sixhobo).

Genesis 26:18–25, 32–33.Kutheni ebalulekile amaqula? Ufana njani uYesu Krestu nequla lamanzi?

Ngezimvo ezithe vetshe malunga nokufundisa abantwana, bona isishwankathelo saleveki kwi-Come, Follow Me—For Primary.

Iculo elicetyiswayo: “Choose the Right,” Hymns, no. 239.

Ukuphucula Ukuzifundela Izibhalo Wedwa

Gcina isibhalo esingcwele engqondweni. UMdala Richard G. Scott ufundisile, “Isibhalo esingcwele esigcinwa engqondweni siba ngumhlobo onyamezelayo ongatyhafiswa kukuhamba kwexesha” (“The Power of Scripture,” Liyahona, EyeNkanga. 2011, 6).

Umfanekiso
U-Esawu noYakobi

U-Esawu uThengisa ngoBuzibulo Bakhe kuYakobi, nguGlen S. Hopkinson

Shicilela