ITestamente eNdala 2022
EyoMdumba 14–20. Genesis 18–23: “Ngaba Ikho Into eNzima Kakhulu kuThixo?”


“EyoMdumba 14–20. Genesis 18–23: “Ngaba Ikho Into eNzima Kakhulu kwiNkosi?”” Uze, Undilandele—Yabantu Ngabanye kunye Neentsapho: iTestamente eNdala 2022 (2021)

“EyoMdumba 14–20. Genesis 18–23,” Uze, Undilandele—Yabantu Ngabanye kunye Neentsapho: iTestamente eNdala 2022

Umfanekiso
USara ubambe umntwana uIsake

USara no-Isake, nguScott Snow

EyoMdumba 14–20

Genesis 18–23

“Ngaba ikhona into eNzima Kakhulu kwiNkosi?”

Funda kwaye ucingisisise Genesis 18–23, kwaye ubhale iimvakalelo zakho. Ungasebenzisa izimvo ezikolu luhlu ukukunceda ukuba ufunde ezi zahluko, kwaye unokuphenjelelwa ukuba ukhangela eminye imiyalezo kwizibhalo iNkosi ekukhethela zona.

Bhala Iimvakalelo Zakho

Ubomi buka-Abraham, obuzele ziziganeko ezihlasimlisa umzimba kunye nezibangela imincili, bubungqina benyani awayifundayo uAbraham embonweni—ukuba silapha emhlabeni ukuba sizokuhlolwa, “sibone ukuba [siya] kuzenza zonke izinto naziphina iNkosi uThixo [wethu] aya kusiyalela zona” (Abraham 3:25). Ingaba uAbraham ngokwakhe wayeza kuzibonakalisa ethembekile? Ingaba wayeya kuqhubeka enokholo kwisithembiso sikaThixo senzala enkulu, nokuba yena noSara babengekabi namntwana ebudaleni babo? Kwaye nje ukuba uIsake azalwe, ngaba ukholo luka-Abraham lwaluya kunyamezelana nokungacingekiyo—umyalelo wokunikela ngonyana uThixo awayethembise ngaye ukuwuzalisekisa loo mnqophiso? UAbraham wazibonakalisa ethembekile. U-Abraham wayemthemba uThixo, kwaye uThixo wayemthemba u-Abraham. KwiGenesis 18–23, sifumana amabali aphuma kubomi buka-Abraham nabanye anokusenza ukuba sicinge ngawethu amandla okukholelwa izithembiso zikaThixo, sibaleke ubungendawo kwaye singaze sijonge ngasemva, kwaye sikholose ngoThixo ngaphandle kwedini.

Umfanekiso
umfanekiso wokuzifundela wedwa

Iingcebiso Zokuzifundela Izibhalo Wedwa

Genesis 18:9–14; 21:1–7

INkosi izalisekisa izithembiso zaYo ngexesha laYo.

INkosi yenze izithembiso ezizukileyo kwabathembekileyo, kodwa ngamanye amaxesha iimeko zobomi bethu zinokusenza sizibuze ukuba zinokwenzeka njani na ezo zithembiso. U-Abraham noSara kusenokwenzeka ukuba babevakalelwa njalo maxa wambi. Yintoni onakho ukuyifunda kumava wabo? Kungaluncedo ekuqaliseni isifundo sakho ngokujonga kwakhona oko iNkosi yayithembise uAbraham kuyo Genesis 17:4, 15–22. Basabela njani u-Abraham noSara? (bona futhi Inguqulelo kaJoseph Smith, Genesis 17:23 [ Genesis 17:17, kumbhalo osezantsi b]; Genesis 18:9–12). Iphendule njani iNkosi ukubanceda ukuba babe nokholo ngakumbi kwizithembiso zaYo? (bona Genesis 18:14).

Ufumana ntoni kule miqolo eyakha ukholo lwakho? Ngawaphi amanye amava—ebomini bakho okanye bomnye umntu—awaqinise ukholo lwakho ukuba iNkosi iya kuzizalisekisa izithembiso zaYo ngexesha laYo nangendlela yaYo?

Bona futhi IMfundiso neMinqophiso 88:68.

Genesis 19:12–29

INkosi iyalela ukuba sibushiye ububi.

Ufunda ntoni wena ngokubaleka ubungendawo njengoko ufunda ngoLote nangosapho lwakhe? Umzekelo, yintoni ekuchukumisayo ngento ethethwe yingelosi yaza yenzayo ukuze incede uLote nosapho lwakhe basinde kwintshabalalo? (bona Genesis 19:12–17). INkosi ikunceda njani wena kunye nosapho lwakho ukuba nibaleke okanye nifumane ukhuseleko kwiimpembelelo ezimbi zehlabathi?

Ngokuthe vetshe ngezono zeSodom neGomora, bona Hezekile 16:49–50 kunye noYuda 1:7–8.

Bona kwakhona Inguqulelo kaJoseph Smith, Genesis 19:9–15 (kwisihlomelo seBhayibhile).

Umfanekiso
Umzekeliso kaLote nosapho lwakhe bebaleka eSodom naseGomora

Ukubaleka iSodom neGomora, nguJulius Schnorr von Carolsfeld

Genesis 19:26

Yintoni awayenza kakubi umfazi kaLote?

UMdala Jeffrey R. Holland wafundisa:

“Ngokucacileyo, into eyayingalunganga kumfazi kaLote kukuba wayengajonganga mva kuphela; entliziyweni yakhe wayefuna ukuya emva. Kuya kubonakala ukuba kwanangaphambi kokuba adlule kwimida yesixeko, wayesele ekhumbula lento wayeyinikwa yiSodom neGomora. … Wayengenalo ukholo. Wayethandabuza amandla eNkosi ukumnika into engconoe kunoko ebevele enako. …

“Kubo bonke [abantu] bazo zonke izizukulwana, ndiyakhwaza, ‘Khumbula umkaLote’ [Luka 17:32]. Ukholo lolwekamva. Ukholo lwakhela phezu kokudlulileyo kodwa soze lunqwenele ukuhlala apho. Ukholo luyathemba ukuba izinto ezintle zigcinelwe umntu ngamnye kuthi kwaye ukuba uKrestu ngokunyanisekileyo ‘ngumbingeleli omkhulu wazo izinto ezilungileyo eziza kubakho’ (AmaHebhere 9:11)” (“Eyona nto ilungileyo Iseza kubakho,” Ensign, EyoMqungu. 2010, 24, 27).

IGenesis 22:1–19

Ukuvuma kuka-Abraham ukunikezela ngo-Isake ngumfanekiso kaThixo noNyana waKhe.

Asizazi zonke izizathu zokuba uThixo ayalele u-Abraham ukuba anikele ngo-Isake njengedini; siyazi ukuba yayiluvavanyo lokukholelwa kwakhe kuThixo (bona Genesis 22:12–19). Njengoko ufunda Genesis 22:1–19, ufunda ntoni kumava ka-Abraham?

Ukuvuma kuka-Abraham ukunikezela ngonyana wakhe “engumfuziselo kaThixo nalowo oKuphela koZelweyo uNyana” (Yakobi 4:5). Xa ucinga ngokufana phakathi kovavanyo luka-Abraham noThixo ukuba uYise anikele ngoNyana waKhe njengedini kuthi, yintoni oyiivayo ngoBawo wakho waseZulwini?

Kukho ukufana phakathi kuka-Isake noMsindisi. Cinga ngokufunda Genesis 22:1–19 kwakhona, ukhangele oku kufanayo.

Bona futhi “Akedah (The Binding)” (umboniso bhanyabhanya), ChurchofJesusChrist.org.

Umfanekiso
family study icon

Iingcebiso Zofundo Lwezibhalo Ezingcwele Zosapho noMhlangano Wangorhatya Wosapho

Genesis 18:14.Ingaba amabali akhona awavela kwizibhalo, awaphuma kwimbali yosapho lwakho, okanye kubomi bakho ongabelana ngawo akufundise ukuba akukho nto inzima kakhulu kwiNkosi?

Genesis 18:16–33.Sifunda ntoni ngempatho ka-Abraham kule miqolo? Sinokuwulandela njani umzekelo wakhe? (Bona futhi Alma 10:22–23.)

Genesis 19:15–17.Le miqolo inokunceda amalungu osapho lwakho ukuba alungiselele amaxesha xa kufuneka ebaleke kwiimeko ezimbi. Inokuba zeziphi ezinye zezi meko? Umzekelo, usenokuba nengxoxo malunga nemithombo yeendaba engalunganga okanye isilingo sokuhleba. Singabalekela njani kwezi meko?

Genesis 21:9–20.Yintoni echukumisayo kusapho lwakho malunga nendlela uThixo awaphatha ngayo uHagare no-Ishmayeli emva kokuba uSara no-Abraham babagxothayo?

Genesisi 22:1–14.Ungalunceda njani usapho lwakho ukuba lubone ukunxibelelana phakathi kwebali likaThixo lokuyalela u-Abraham ukuba enze amadini ngo-Isake kunye nomnikelo wokucamagushela woMsindisi? Unokubonisa imifanekiso ka-Abraham no-Isake kunye noKubethelelwa eMnqamlezweni (bona “Abraham and Isaac,” kwi–Amabali eTestamente eNdala) ngelixa amalungu osapho exoxa ngezinto ezifanayo akubonayo phakathi kwezi ziganeko. Ningacula kwakhona iculo okanye ingoma engedini loMsindisi, efana no–“He Sent His Son” (Children’s Songbook, 34–35), kwaye nikhangele amabinzana awachaza ngedini loMsindisi.

Yintoni esiceliwe ukuba sinikele ngayo njengosapho? Ingaba la madini asisondeze njani kuThixo?

Ngezimvo ezithe vetshe malunga nokufundisa abantwana, bona isishwankathelo saleveki kwi-Come, Follow Me—For Primary.

Iculo elicetyiswayo: “God Loved Us, So He Sent His Son,” Hymns, no. 187.

Ukuphucula Ukuzifundela Izibhalo Wedwa

Mamela uMoya. Njengoko ufunda, qwalasela iingcinga kunye neemvakalelo zakho, nokuba azinxulumelenanga noko ukufundayo. Ezo mvakalelo kungazezona zinto uThixo afuna uzazi.

Umfanekiso
Ukuhamba kuka-Abraham no-Isake

Umfanekiso ka-Abraham no-Isake, nguJeff Ward

Shicilela