ITestamente eNdala 2022
EyoMqungu 31–EyoMdumba 6. Genesis 6–11; Moses 8: “UNowa Wafumana Ubabalo Emehlweni ENkosi”


“EyoMqungu 31–EyoMdumba 6. Genesis 6–11; Moses 8: “UNowa Wafumana Ubabalo Emehlweni ENkosi” Uze, uNdilandele—Yabantu Ngabanye kunye Neentsapho: iTestamente eNdala 2022 (2021)

“EyoMqungu 31–EyoMdumba 6. Genesis 6–11; Moses 8:” Uze, uNdilandele—Yabantu Ngabanye kunye Neentsapho 2022

Umfanekiso
UNowa, nosapho lwakhe, nezilwanyana, nomkhombe kunye nomnyama

Umzekeliso kaNowa ephuma emkhombeni, nguSam Lawlor

EyoMqungu 31–EyoMdumba 6

Genesis 6–11; Moses 8

UuNowa Wafumana Ubabalo Emehlweni eNkosi”

Amabali kwizibhalo ezingcwele angasifundisa rhoqo izifundo zokomoya. Njengoko ufunda ngeSikhukhula esiKhulu kunye neNqaba yaseBhabheli, funa ukwazi malunga nokuba zisebenza njani ezi ngxelo kuwe.

Bhala Iimvakalelo Zakho

Izizukulwana ngezizukulwana zabafundi beBhayibhile ziye zaphenjelelwa libali likaNowa noNogumbe. Kodwa thina esiphila kwimihla yokugqibela sinesizathu esikhethekileyo sokunikela ingqalelo kulo. Xa uYesu Krestu wafundisa ukuba masilinde njani ukuBuya kwaKhe okweSibini, Yena wathi, “Njengoko kwakunjalo ngemihla kaNowa, kuya kubanjalo ekuzeni koNyana woMntu” (Joseph Smith—Mateyu 1:41). Ukongeza koko, amabinzana awachaza usuku lukaNowa, anjengokuthi “wawonakele” kwaye “wawuzele lugonyamelo,” anokulichaza nje ngokulula ixesha lethu. (Genesis 6:12–13; Moses 8:28). Ibali leNqaba yaseBhabheli livakaleleka ukuba liyasebenza kumhla wethu, kunye nenkcazo yekratshi elandelwa sisiphithiphithi nokwahlukana phakathi kwabantwana bakaThixo.

Ezi ngxelo zakudala zibalulekile kungekuphela nje kuba zisibonisa ukuba ubungendawo buyaziphindaphinda kuyo yonke imbali. Okubaluleke ngakumbi, zisifundisa ukuba senze ntoni ngayo. UNowa “wafumana ubabalo emehlweni eNkosi” (Moses 8:27) nangona ububi babumngqongile. Iintsapho zikaYerode kunye nomntakwabo zaphendukela eNkosini zaze zakhokelelwa ekudeni kubungendawo baseBhabheli (bona Etere 1:33–43). Ukuba siyazibuza ukuba singazigcina njani sikhuselekile kunye neentsapho zethu ngeli xesha lethu lenkohlakalo kunye nobundlobongela, amabali aqhelekileyo kwezi zahluko anokuninzi okungasifundisa kona.

Umfanekiso
umfanekiso wokuzifundela wedwa

Iingcebiso Zokuzifundela Izibhalo Wedwa

Genesis 6; Moses 8

Kukho ukhuseleko lokomoya ngokulandela umprofeti weNkosi.

Ngenxa yevangeli ebuyiselweyo, sazi okuninzi ngoNowa kunoko kufumaneka kwiTestamente eNdala. Uguqulelo oluphenjelelweyo lukaJoseph Smith lweGenesis 6, olufumaneka kuMoses 8, lubonisa ukuba uNowa wayengomnye wabaprofeti abakhulu bakaThixo. Wayemiselwe kwaye wathunyelwe ukuba ashumayele ivangeli kaYesu Krestu, wayehamba kwaye wayethetha noThixo, kwaye wakhethwa ukuba abuyiselele abantwana bakaThixo emhlabeni emva kweSikhukula. bona futhi Teachings of Presidents of the Church: Joseph Smith [2007], 104, 201). Ufunda ntoni ngabaprofeti kumava kaNowa?

Njengoko ufunda malunga nomhla kaNowa, usenokubona izinto ezifanayo nomhla wethu. Umzekelo:

Yintoni abaprofeti abayifundisayo namhlanje malunga nevangeli kaYesu Krestu enokukugcina ukhuselekile kwihlabathi lanamhlanje? Njengoko ufunda ngamava kaNowa, yintoni ekukhuthaza ukuba ulandele abaprofeti beNkosi namhlanje?

Bona futhi Mozaya 13:33; IMfundiso neMinqophiso 21:4–7.

Genesis 9:8–17

Iimpawu okanye imiqondiso isinceda ukuba sikhumbule iminqophiso yethu neNkosi.

Iminqophiso yevangeli inokumelwa luphawu, nguphawu, okanye “ngumqondiso” (Genesis 9:12). Umzekelo, cinga ngendlela isonka kunye namanzi womthendeleko okanye amanzi obhaptizo akukhumbuza ngayo iinyaniso ezingcwele ezinxulumene neminqophiso yakho. Ngoku kaGenesis 9:8–17, umnyama unokuzisa ntoni engqondweni yakho? Yintoni Inguqulelo kaJoseph Smith, kaGenesis 9:21–25 (kwiziqulatho zeBhayibhile) ethi iyongeze kumqondo wakho? Kutheni le nto iNkosi ifuna ukuba uyikhumbule Yona kunye neminqophiso oyenzileyo?

Bona futhi Gerrit W. Gong, “Always Remember Him,” Liyahona, Canzibe 2016, 108–11.

Genesis 11:1–9

Ukuphela kwendlela yokufikelela ezulwini kukulandela uYesu Krestu.

IBhabheli yakudala, okanye iBhabhiloni, kudala isetyenziswa njengophawu lobungendawo kunye nehlabathi (bona IsiTyhilelo 18:1–10; IMfundiso neMinqophiso 133:14). Njengoko ufunda Genesis 11:1–9, khawucinge ngokuqonda okunikwe ngumprofeti uMormoni, owabhala ukuba nguSathana “owathi wayifaka ezintliziyweni zabantu ukuba bakhe inkcochoyi ephakame ngokwaneleyo ukuze babe nokufikelela ezulwini.” (Hilamani 6:28; bona kwakhona imiqolo 26–27). Zilumkiso zini ngakuwe ezikwibali leNqaba yeBhabheli?

Bona kwakhona IiNdumiso 127:1.

Umfanekiso
inqaba yaseBhabheli

Umzekeliso weNqaba yeBhabheli, nguDavid Green

Umfanekiso
umfanekiso wofundo losapho

Iingcebiso Zofundo Lwezibhalo Zosapho kunye noMhlangano waNgorhatya Wosapho

Genesis 6–8.Ungalisebenzisa njani ibali lomkhumbi kaNowa ukufundisa usapho lwakho ukuba ukulandela umprofeti kusigcina elukhuselweni ngokwasemoyeni? (bona “UNowa noSapho Lwakhe,” kwi–Amabali eTestamente eNdala). Mhlawumbi usapho lwakho lunokusebenza kunye ukwakha isikhephe sokudlala esilula ngamaphepha okanye ngezitena. Njengoko ufunda Genesis 6–7, ungathelekisa ukhuseleko olunikelwa sisikhephe kukhuseleko esilufumana ngokulandela umprofeti. Usenokufuna ukuxoxa ngengcebiso yakutshanje evela kumprofeti kwaye ubhale amazwi akhe esiluleko kwisikhephe sakho.

Yintoni enye asinike yona uThixo enokufaniswa nomkhombe owasindisa usapho lukaNowa? Ezi zixhobo zicebisa ezinye iimpendulo, nangona zininzi ezinye: 2 Nefayi 9:7–13; IMfundiso neMinqophiso 115:5–6; kunye nowukaMongameli Russell M. Nelson umyalezo “Ukuba Ngabangcwele Bemihla Yamva Abangumzekelo” (Liyahona, Nov. 2018, 113–14).

Moses 8:17.Kuthetha ukuthini “ukuzamana” nathi koMoya weNkosi? (bona 1 Nifayi 7:14; IMfundiso neMinqophiso 1:33). Kunini apho besikhe sanamava oMoya esizama?

Genesis 9:8–17.Abantwana abancinci banokonwabela ukuzoba okanye ukufakela imibala kubumnyama ngelixa uthetha ngento emele yona (bona futhi Inguqulelo kaJoseph Smith, Genesis 9:21–25 [kwiziqulatho zeBhayibhi]e). Unokuxoxa ngezinto ezisinceda ukuba sikhumbule iminqophiso yethu, efana nomthendeleko, osinceda ukuba sikhumbule umnqophiso wethu wobhaptizo wokulandela uYesu Krestu (bona IMfundiso neMinqophiso 20:75–79).

Genesis 11:1–9.Kunokuba luncedo ukufunda Etere 1:33–43 njengko usapho lwakho lufunda Genesis 11 kwaye lufunda ngeNqaba yaseBhabheli. Yintoni esiyifundayo kwiintsapho zikaYerede nomntakwabo ezinokuthi zincede usapho lwethu ukuba lukhuseleke ngokomoya nangona kukho ububi emhlabeni? Sifunda ntoni kuNowa nakusapho lwakhe njengoko babejamelene nengxaki efanayo? (bona Moses 8:13, 16–30).

Ngezimvo ezithe vetshe malunga nokufundisa abantwana, bona isishwankathelo saleveki kwi-Come, Follow Me—For Primary.

Ingoma ecetyiswayo: “Follow the Prophet,” Children’s Songbook, 110–11 (umqolo 3).

Ukuphucula Ukuzifundela Izibhalo Wedwa

Yabelana ukuqonda kwakho. Xa usabelana ngezinto ozifunda kwizibhalo, awongezi nje kuphela iintsikelelo zabanye, kodwa ukwandisa ukuqonda kwakho. Yintoni oyivayo ukuba iphenjelelwe ukuba wabelane ngayo ephuma kwisibhalo nosapho lwakho, nezihlobo, okanye namalungu wesebe?

Umfanekiso
Umkhumbi kaNowa

Ukubonakaliswa komkhombe kaNowa, nguAdam Klint Day

Shicilela