ITestamente eNdala 2022
EyoMdumba 28–EyoKwindla 6. Genesis 28–33: “Kunjenje Ke, uYehova Ukho Kule Ndawo”


“EyoMdumba 28–EyoKwindla 6. Genesis 28–33: “Kunjenje Ke, uYehova Ukho Kule Ndawo” Uze, Undilandele—Yabantu Ngabanye kunye Neentsapho: iTestamente eNdala 2022 (2021)

“EyoMdumba 28–EyoKwindla 6. Genesis 28–33,” Uze, Undilandele—Yabantu Ngabanye kunye Neentsapho: iTestamente eNdala 2022

Umfanekiso
ITempile yaseTijuana eMexico

EyoMdumba 28–EyoKwindla 6

Genesis 28–33

“Kunjenje Ke, uYehova Ukho Kule Ndawo”

Njengoko ufunda Genesis 28–33, cinga nzulu ngezinto ozifunda kumzekelo kaYakobi nakusapho lwakhe. Bhala phantsi naziphi na iimvakalelo ozifumanayo.

Bhala Iimvakalelo Zakho

Izahluko 28 kunye 32 kwiGenesis zibalisa ngamava amabini okomoya awaba nawo umprofeti uYakobi. Zombini zenzeka entlango kodwa phantsi kweemeko ezahlukeneyo kakhulu. Kumava okuqala, uYakobi wayehambela kwilizwe lakulonina esiya kufuna inkosikazi, kwaye endleleni, wachitha ubusuku kumqamelelo wamatye. Kusenokwenzeka ukuba wayengalindelanga ukuba ayifumane iNkosi kule ndawo iyinkangala, kodwa ke uThixo wazityhila kuYakobi ngephupha eliguquka ubomi, kwaye uYakobi wabhengeza. “Kunjenje ke, uYehova ukho kule ndawo, kanti mna bendingazi” (Genesis 28:16). Kwiminyaka yakamva, uYakobi waphinda wazifumana esentlango kwakhona. Ngeli xesha, wayesendleleni ebuyela eKanan, ejongene nendibano eyayinombulala kunye nomntakwabo owayenomsindo, u-Esawu. Kodwa uYakobi wayesazi ukuba xa wayefuna intsikelelo, wayengayifuna iNkosi, nokuba kusentlango (bona Genesis 32).

Usenokuzifumana ngokwakho kwintlango yakho ufuna intsikelelo evela kuThixo. Mhlawumbi intlango yakho bubudlelwane bosapho obunzima, njengobufana nobo uYakobi wayenabo. Mhlawumbi uziva ukude noThixo okanye uziva ufuna intsikelelo. Ngamanye amaxesha intsikelelo iza ngokungalindelekanga; ngamanye amaxesha yandulelwa yimbambano. Nokuba yeyiphi na into oyifunayo, ungafumanisa ukuba kwintlango yakho, “iNkosi ikho kule ndawo.”

Umfanekiso
Learn More image
Umfanekiso
umfanekiso wokuzifundela wedwa

Iingcebiso Zokuzifundela Izibhalo Wedwa

Genesis 28; 29:1–18

Ndithenjiswa iintsikelelo zika-Abraham etempileni.

Endleleni yakhe eya kwaHaran ukuya kufuna umfazi, uYakobi waphupha ngeleli esuka emhlabeni ukuya ezulwini, emi uThixo ngaphezulu. Ephupheni, uThixo wahlaziya kunye noYakobi iminqophiso awayenzayo no-Abraham no-Isake (bona Genesis 28:10–17; bona kwakhona Genesis 12:2–3; 26:1–4). UMongameli Marion G. Romney wabelane ngale ngcinga malunga noko ileli inokuthi ikumele: “Wabona ke uYakobi ukuba iminqophiso ayenzileyo neNkosi, yayikho imiqolo eqongeni, eya kuthi ngokwakhe ayikhwele ukuze ayifumane intsikelelo—iintsikelelo ezaziza kumlungiselela ukuba angene ezulwini aze azidibanise neNkosi. … Iitempile kuthi zikuko oko iBhetheli yayikuko kuYakobi” (“Temples—The Gates to Heaven,” Ensign, EyoKwindla. 1971, 16).

Ngawaphi amanye amagama kunye namabinzana kwiGenesis 28:10–22 acebisa kuwe unxibelelwano phakathi kwamava kaYakobi kunye neentsikelelo zetempile? Njengoko ufunda le miqolo, cinga ngeminqophiso oyenzileyo; zithini iimvakalelo eziza kuwe?

Njengoko ufunda Genesis 29:1–18, cinga nzulu ngendlela umtshato kaYakobi noRakeli obaluleke ngayo kumnqophiso wokuvuselelwa kukaThixo noYakobi eBhetheli (“indlu kaThixo”; bona Genesis 28:10–19). Gcina la mava engqondweni xa uqhubeka ufunda ngobomi bukaYakobi kwiGenesis 29–33. Indlu yeNkosi ikusondeze njani kuThixo?

Bona kwakhona uYoon Hwan Choi, “Don’t Look Around, Look Up!Liyahona, UCanzibe 2017, 90–92.

Genesis 29:31–35; 30:1–24

INkosi iyandikhumbula ezilingweni zam.

Nangona uRakeli noLeya babephila ngexesha kunye nenkcubeko eyahlukileyo kweyethu, sonke siyakwazi ukuqonda ezinye zeemvakalelo ababenazo. Njengoko ufunda Genesis 29:31–35 kunye 30:1–24, khangela amagama kunye namabinzana awachaza inceba kaThixo kuRakeli noLeya. Cinga nzulu ngendlela uThixo “uzibonile ngayo iintsizi [zakho],” kwaye “wakukhumbula” (Genesis 29:32; 30:22).

Kubalulekile ukukhumbula ukuba nangona uThixo esiva, kubulumko baKhe, Yena akasoloko esinika oko sikucelayo. Cingisisa ngeendlela ezahlukeneyo athe uBawo Osezulwini wayiphendula ngayo imithandazo yakho, ukuquka ukuthi “hayi”.

Ukuze wazi ngokubanzi ngesithebe esandulela eli bali, bona Old Testament Student Manual: Genesis–2 Samuweli (2003), 86–88.

Umfanekiso
UYakobi no-Esawu bewongana

Umzekeliso kaYakobi no-Esawu bewongana, nguRobert T. Barrett

Genesis 32–33

UMsindisi unokusinceda ukuba soyise ukungaboni ngasonye kwiintsapho zethu.

Njengoko uYakobi wayebuyele kwaKanan, “woyika kunene kwaye wabandezeleka” ngendlela awayeza kumamkela ngayo u-Esawu (Genesis 32:7). Njengoko ufunda kwiGenesis 32–33 malunga nokudibana kukaYakobi no-Esawu neemvakalelo zakhe ezikhokelela kuyo, unokucinga nzulu ngobudlelwane bakho bosapho—mhlawumbi obufuna ukuphiliswa. Mhlawumbi eli bali lingakukhuthaza ukuba ufikelele komnye umntu. Imibuzo efana nale inokunceda ekukhokeleni ukufunda kwakho:

  • Wakulungiselela njani uYakobi ukudibana no-Esawu?

  • Yintoni egqamileyo kuwe malunga nomthandazo kaYakobi ofumaneka kwiGenesis 32:9–12?

  • Ufunda ntoni malunga nokuxolelwa kumzekelo ka-Esawu?

  • UMsindisi unokusinceda njani siphilise ubudlelwane bosapho?

Bona kwakhona Luka 15:11–32; Jeffrey R. Holland, “The Ministry of Reconciliation,” Liyahona, Nov. 2018, 77–79.

Umfanekiso
umfanekiso wofundo losapho

Iingcebiso Zofundo Lwezibhalo Zosapho kunye noMhlangano waNgorhatya Wosapho

Genesis 28–33.Serbenzisa “uYakobi Kunye Nosapho Lwakhe” (kwiAmabali eTestamente eNdala) ukunceda abantwana bazi iziganeko eziwezi zizahluko. Mhlawumbi amalungu osapho anganqumama kumfanekiso ngamnye kwaye achonge oko kufundiswayo, njengokubaluleka komtshato, neminqophiso, nomsebenzi, kunye noxolelo.

Genesis 28:10–22.Ungasebenzisa ileli (okanye umfanekiso wenye) ukuba uthethe ngendlela iminqophiso yethu ifana neleli. Yeyiphi iminqophiso esiyenzileyo, kwaye isisondeza njani kuThixo? Amalungu osapho angakonwabela ukuzoba iphupha likaYakobi, elichazwe kwiGenesis 28:10–22.

Iculo “Nearer, My God, to Thee” (Hymns, no. 100) laphenjelelwa liphupha likaYakobi. Usapho lwakho lungacula le ngoma ze luxoxe oko kufundiswa kumqolo ngamnye.

Genesis 32:24–32.Usenokuba namalungu osapho awathanda ukuzamana. Kutheni le nto “ukuzamana” kuyindlela elungileyo yokuchaza ukufuna iintsikelelo kwiNkosi? Ingaba Enoshe 1:1–5; Alma 8:9–10 bacebisa ntoni malunga nento ethethwa “kukuzamana … phambi koThixo”?

Genesis 33:1–12.Emva kweminyaka emininzi yeemvakalelo ezinzima, uYakobi no-Esawu baphinde bamanyana. Ukuba uYakobi no-Esawu banokuthetha nathi namhlanje, banokuthini na ukusinceda xa kukho imbambano kusapho lwethu?

Ngezimvo ezithe vetshe malunga nokufundisa abantwana, bona isishwankathelo saleveki kwi-Come, Follow Me—For Primary.

Iculo elicetyiswayo: “Dearest Children, God Is Near You,” Hymns, no. 96.

Ukuphucula Ukuzifundela Izibhalo Wedwa

Khangela uYesu Krestu. ITestamente eNdala ingqina ngoYesu Krestu ngamabali ayo nangeempawu zayo. Cinga ukuqaphela okanye ukuphawula imiqolo ekhomba uMsindisi kwaye enentsingiselo kuwe.

Umfanekiso
UYakobi uphupha ngeengelosi kwizitepsi

Iphupha likaYakobi eBheteli, nguJ. Ken Spencer

Shicilela