ITestamente eNdala 2022
EyoKwindla 14–20. Genesis 42–50: “UThixo Wacinga Okulungileyo”


“EyoKwindla 14–20. Genesis 42–50:“UThixo Wacinga Okulungileyo” Uze, uNdilandele—Yabantu Ngabanye kunye Neentsapho: iTestamente eNdala 2022 (2021)

“EyoKwindla 14–20. Genesis 42–50,” Uze, uNdilandele—Yabantu Ngabanye kunye Neentsapho: 2022

Umfanekiso
UYosefu waseYiphuta

Umzekeliso kaYosefu waseYiphutha, nguRobert T. Barrett

EyoKwindla 14–20

Genesis 42–50

“UThixo Wacinga Okulungileyo”

Ukufunda izibhalo kumema uMoya. Mamela iimpembelelo zaWo xa ufunda, nokuba azibonakali zinxulumene ngqo noko ukufundayo.

Bhala Iimvakalelo Zakho

Kwakuyiminyaka engama-22 okoko uYosefu wathengiswa ngabantakwabo eYiphutha. Wayeve ubunzima obuninzi, kuquka ukumangalelwa ngobuxoki kunye nokuvalelwa entolongweni. Xa ekugqibeleni wabona kwakhona abantakwabo, uYosefu wayengumphathi wayo yonke iYiphutha, engowesibini kuphela kuFaro. Ngewayengaziphindezela ngokulula kubo, kwaye ukuqwalasela into ababeyenzile kuYosefu, kusenokubonakala kuqondeka. Kwaye ke uYosefu wabaxolela abantakwabo. Ayiphelelanga apho, kodwa wabanceda babona injongo esulungekileyo ekubandezelekeni kwakhe. “UThixo wacinga okulungileyo” (Genesis 50:20), yena wabaxelela, kuba wambeka endaweni yokusindisa “nendlu yonke kayise” (Genesis 47:12) kwindlala.

Ngeendlela ezininzi, ubomi bukaYosefu bufana nobo bukaYesu Krestu. Nokuba izono zethu zambangela Yena ukubandezeleka okukhulu, uMsindisi uyaxolela, usikhulula sonke kwingcamango ezimbi kakhulu kunendlala. Nokuba sifuna ukufumana uxolelo okanye sinikele ngalo—ngaxa lithile sonke kufuneka sizenze zombini—umzekelo kaYosefu usikhombisa kuMsindisi, owona mthombo wokuphiliswa kunye noxolelaniso.

Umfanekiso
umfanekiso wokuzifundela wedwa

Iingcebiso Zokuzifundela Izibhalo Wedwa

Genesis 45:1–8; 50:20

“UThixo wandithuma ngaphambi kwenu ukuba ndinisindise.”

Njengoko ufundile ngoYosefu, ukhe wabona ukuba kukho into efanayo phakathi kwebali lakhe kunye nomsebenzi wokucamagushela kaYesu Krestu? Unokucingisisa ukuba indima kaYosefu kusapho lwakhe ifana njani nendima yoMsindisi kusapho lukaThixo. Ufana ngantoni phakathi kwamava kaYosefu kunye nomsebenzi woMsindisi, owathunyelwa ukuba “asindise ubomi [bethu] ibe kukusinda okukhulu”? (Genesis 45:7).

Genesis 45; 50:15–21

Ukuxolelwa kuzisa ukuphiliswa.

Xa ufunda ngoYosefu exolela abantakwabo ngezinto ezimbi abazenzileyo kuye kunokukwenzeka ukuba ucinge ngomntu okwangoku osasokolayo ukuba umxolele. Okanye uvavanyo olunzima lokuxolela lukwikamva lakho. Ngayiphi na indlela, kunokunceda ukucingisisa ngesizathu sokuba uYosefu akwazi ukuxolela. Zeziphi iintluva malunga nesimo sikaYosefu kunye nempatho yakhe oyifumana kuyo Genesis 45; 50:15–21? Ingaba amava akhe amele ukuba amphembelela njani ukuba axolele ngakumbi? Umzekelo kaYosefu ucebisa ngantoni onokuthi wena uxolele ngakumbi ngoncedo loMsindisi?

Qaphela kwakhona iintsikelelo ezeza kusapho lukaYosefu ngenxa yoxolelo. Zeziphi iintsikelelo ozibonileyo ngoxolelo? Ingaba uziva uphenjelelwe ukuba ufikelele kumntu okonileyo?

Bona kwakhona Genesis 33:1–4; IMfundiso neMinqophiso 64:9–11; Larry J. Echo Hawk, “Even as Christ Forgives You, So Also Do Ye,” Liyahona, Canzibe 2018, 15–16.

Genesis 49

Ithetha ntoni intsingiselo yeentsikelelo zikaYakobi?

Iintsikelelo zikaYakobi kwinzala yakhe ziqulethe imifanekiso ebonakalayo, kodwa abanye abafundi banokufumana kunzima ukuyiqonda. Okuvuyisayo kukuba, ivangeli ebuyisiwe isinika ukuqonda okuthile okongezelelweyo. Xa ufunda intsikelelo kaYosefu kwiGenesis 49:22–26, funda nale miqolo ilandelayo, kwaye ubone ukuba zeziphi izinto ezifundisayo: 1 Nifayi 15:12; 2 Nifayi 3:4–5; Yakobi 2:25; IMfundiso neMinqophiso 50:44.

Njengoko ufunda ngentsikelelo kaYuda kuGenesis 49:8–12, khumbula ukuba bobabini uKumkani uDavide noYesu Krestu bayinzala kaYuda. Ngawaphi amagama namabinzana kule miqolo awakukhumbuza ngoMsindisi? Xa ufunda ngentsikelelo kaYuda, kunganceda ukuba ufunde kwakhona IsiTyhilelo 5:5–6, 9; 1 Nifayi 15:14–15; IMfundiso neMinqophiso 45:59; 133:46–50.

Ukuba ungathanda ukufunda ngakumbi ngoonyana bakaYakobi kunye nezizwe zakwaSirayeli ezibe ziphuma kubo, kukho ungeno lwento nganye kwi–Isikhokelo kwiZibhalo (scriptures.ChurchofJesusChrist.org).

Genesis 50:24–25; Inguqulelo kaJoseph Smith, Genesis 50:24–38 (ikwiziHlomelo zeBhayibhile)

“INkosi, uThixo wam, iya kuphakamisa imboni.”

Ngamaphupha kaYosefu (bona Genesis 37:5–11) kunye nokutolikwa kwamaphupha abanye (bona Genesis 40–41), iNkosi yatyhila izinto ezaziza kwenzeka kwiintsuku okanye kwiminyaka ekwixesha elizayo. Kodwa ke iNkosi yamtyhilela uYosefu oko kwakuza kwenzeka kwiinkulungwane ezizayo. Ngokukodwa, waye wafunda malunga nomsebenzi wesiprofeto kaMoses kunye noJoseph Smith. Njengoko ufunda amazwi kaYosefu kwiGenesis 50:24–25 nakwi–Inguqulelo kaJoseph Smith, Genesis 50:24–38 (kwiziHlomelo zeBhayibhile), zibuze ukuba ukwazi ezi zinto kunokuba kwamsikelela njani uYosefu nabantwana bakwaSirayeli. Kutheni ucinga ukuba kwakubalulekile kwiNkosi ukubuyisela esi siprofetho ngoJoseph Smith? (bona kwakhona 2 Nifayi 3).

UJoseph Smith uzizalisekise njani iziprofetho ezikwiNguqulelo kaJoseph Smith, Genesis 50: 27–28, 30–33? (bona IMfundiso neMinqophiso 1:17–23; 20:7–12; 39:11; 135:3).

Umfanekiso
UYosefu waseYiphutha ubona umbono kaJoseph Smith efumana amacwecwe egolide

Umfanekiso kaYosefu waseYiphutha, nguPaul Mann

Umfanekiso
umfanekiso wofundo losapho

Iingcebiso Zofundo Lwezibhalo Zosapho kunye noMhlangano Wangorhatya Wosapho

Genesis 42–46.Usapho lwakho lungakonwabela ukudlala ibali likaYosefu lokuhlangana kwakhona nabantakwabo. (“UYosefu neNdlala,” kwi–Amabali eTestamente eNdala linganceda.) Lonwabele—sebenzisa iimpahla kunye nezixhasi ukuba uyafuna. Khuthaza amalungu osapho ukuba azame ukuqonda iimvakalelo kunye nembono yabalinganiswa. Unokujolisa ikakhulu kwiimvakalelo zikaYosefu ngabantakwabo nakwindlela ababenokuziva ngayo xa wayebaxolela. Oku kungakhokelela kwingxoxo malunga nokuba ukuxolela kungalusikelela njani usapho lwakho.

Xa uYosefu wayephinda edibana nabantakwabo emva kweminyaka emininzi, babonisa njani ukuba babeguqukile ukusukela ngoko wayegqibela ukubabona? Yintoni esinokuyifunda ngoguquko kumava abo?

Genesis 45:3–11; 50:19–21.UYosefu waqonda ukuba nangona amava akhe eYiphutha ayenzima, “UThixo wacinga okulungileyo” (Genesis 50:20). Ingaba usapho lwakho lukhe lwahlangabezana naziphi na iimvavanyo ezathi zajika zaba ziintsikelelo?

Ingoma malunga nokulunga kukaThixo ngexesha lokulingwa (njenge “How Firm a Foundation” [Amaculo, no. 85]) ingayiphucula le ngxoxo. Zithini iinkcukacha kumava kaYosefu ezibonakalisa oko kufundiswa liculo?

Genesis 49:9–11, 24–25.Sifumana ntoni kule miqolo esifundisa ngendima nangomsebenzi kaYesu Krestu? (Uncedo lokuqonda amabinzana kule miqolo, bona izixhobo malunga Genesis 49 kwi- “Iingcebiso Zokuzifundela Izibhalo Wedwa.”)

Ngezimvo ezithe vetshe malunga nokufundisa abantwana, bona isishwankathelo saleveki kwi-Come, Follow Me—For Primary.

Ingoma ecetyiswayo: “How Firm a Foundation,” Hymns, no. 85.

Ukuphucula Ukufundisa Kwethu

Sebenzisa umculo. Nceda amalungu osapho afumane iinyaniso zevangeli kumagama eengoma kunye nakwiingoma zabantwana. Khangela iindlela zokwenza umculo oyingcwele ube yinxalenye yesiqhelo kufundisiso lwakho lwevangeli.

Umfanekiso
UYakobi esikelela oonyana bakhe

UYakobi ESikelela ooNyana Bakhe, nguHarry Anderson

Shicilela