ITestamente eNdala 2022
EyoKwindla 21–27. Eksodus 1–6: “Ndawukhumbula Umnqophiso Wam”


“EyoKwindla 21–27. Eksodus 1–6: “Ndawukhumbula Umnqophiso Wam”Uze, uNdilandele—Yabantu Ngabanye kunye Neentsapho: iTestamente eNdala 2022 (2021)

“EyoKwindla 21–27. Eksodus 1–6,” Uze, uNdilandele—Yabantu Ngabanye kunye Neentsapho: 2022

Umfanekiso
UMoses kunye netyholo elivuthayo

UMoses kunye neTyholo Elivuthayo, nguHarry Anderson

EyoKwindla 21–27

Eksodus 1–6

“Ndawukhumbula Umnqophiso Wam”

Qala isifundo sakho ngomthandazo, kwaye ucele uncedo lokufumana imiyalezo ku–Eksodus 1–6 ehambelana nobomi bakho kunye nenkonzo yakho ebukumkanini bukaThixo.

Bhala Iimvakalelo Zakho

Isimemo sokuhlala eYiphutha sasindisa ngokoqobo usapho lukaYakobi. Kodwa emva kwamakhulu eminyaka, inzala yabo yathunyelwa ebukhobokeni kwaye boyikiswa nguFaro omtsha “owayengamazi uYosefu” (Eksodus 1:8). Kwakuza kuba yinto yemvelo kumaSirayeli ukuba azibuze ukuba kutheni uThixo evumele le nto ukuba yenzeke kubo, abantu baKhe bomnqophiso. Ingaba Yena wawukhumbula umnqophiso awawenzayo nabo? Ingaba babesengabantu baKhe? Ingaba Yena wayeyibona indlela ababebandezeleka ngayo?

Kunokubakho amaxesha apho uye uzive ngathi ufuna ukubuza imibuzo efanayo. Usenokubuza, Ingaba uThixo uyayazi into endikuyo? Uyaziva na izibongozo zam zoncedo? Ibali elikwi–Eksodus lokukhululwa kukaSirayeli eYiputa liphendula imibuzo enjalo ngokucacileyo: UThixo akabalibali abantu baKhe. Yena uyayikhumbula iminqophiso yaKhe nathi kwaye uya kuyizalisa ngexesha laKhe nangendlela yaKhe (bona IMfundiso neMinqophiso 88:68). “Ndiya kukukhulula ngengalo eyoluliweyo,” Yena utsho. “NdinguYehova uThixo wenu, onikhuphayo phantsi kwemithwalo [yenu]” (Eksodus 6:6–7).

Ukufumana isishwankathelo sencwadi ye–Eksodus, bona “Eksodus, incwadi ye” kwiSichazi–magama seBhayibhile.

Umfanekiso
umfanekiso wokuzifundela wedwa

Iingcebiso Zokuzifundela Izibhalo Wedwa

Eksodus 1–2

UYesu Krestu unguMsindisi wam.

Omnye wemixholo ekwincwadi yeEksodus kukuba uThixo unamandla okukhulula abantu baKhe kwingcinezelo. Ubukhoboka bamaSirayeli njengoko buchaziwe kwi–Eksodus 1 bunokubonwa njengophawu lokuthinjwa esijongene nako sonke ngenxa yesono nokufa (bona 2 Nifayi 2:26–27; 9:10; Alma 36:28). Kwaye uMoses, umhlanguli wamaSirayeli, unokubonwa njengohlobo, okanye umfuziselo, kaYesu Krestu (bona Duteronomi 18:18–19; 1 Nifayi 22:20–21). Funda Eksodus 1–2 ngolu thelekiso engqondweni. Umzekelo, unokuqaphela ukuba uMoses noYesu basindiswa ekufeni bengabantwana abancinci (bona Eksodus 1:222:10; Mateyu 2:13–16) nokokuba bobabini bachitha ixesha entlango phambi kokuqala ubulungiseleli babo (bona Eksodus 2:15–22; Mateyu 4:1–2). Yintoni enye oyifundayo kwi-Eksodus malunga nokuthinjwa ngokwasemoyeni? malunga nentlangulo yoMsindisi?

Bona futhi uD. Todd Christofferson, “Redemption,” Liyahona, Canzibe 2013, 109–12.

Umfanekiso
Usana uMoses engobozini

UMoses kwiiNgcongolo, © Providence Collection/imvume ivela goodsalt.com

Eksodus 3–4

UThixo ubanika amandla abo Yena ababizayo ukuba benze umsebenzi waKhe.

Namhlanje simazi uMoses njengomprofeti omkhulu kunye nenkokeli. Kodwa ke uMoses akazange azibone ngolo hlobo xa yaqala ukumbiza iNkosi. “Ndingubani na,” wazibuza uMoses, “ukuba ndiye kwaFaro?” (Eksodus 3:11). INkosi, nangona kunjalo, yayisazi ukuba uMoses wayengubani kanye—kwaye ukuba wayenokuba ngubani na. Njengoko ufunda Eksodus 3–4, qaphela ukuba iNkosi yamqinisekisa njani uMoses kwaye yaphendula njani kwiinkxalabo zakhe. Yintoni oyifumanayo kwezi zahluko enokukhuthaza xa uziva ungafaneleki? INkosi izisikelela njani izicaka zaYo ngamandla awandayo ukuze zenze intando yaYo? (bona Moses 1:1–10, 24–39; 6:31–39, 47). Ukhe wambona nini uThixo esenza umsebenzi waKhe ngawe okanye ngabanye?

Ukufumana okuninzi ngobomi kunye nobulungiseleli bukaMoses, bona “Moses” kwi- Isichazi-magama seBhayibhile okanye Isikhokelo kwiZibhalo.

Eksodus 5–6

Iinjongo zeNkosi ziya kuzalisekiswa ngexesha laYo.

Nangona uMoses ngenkalipho waya kuFaro, kanye njengoko wayeyalelwe nguThixo, wamxelela ukuba makakhulule amaSirayeli, uFaro wala. Eneneni, wabenza nzima kakhulu ubomi bamaSirayeli. Kusenokwenzeka ukuba uMoses namaSirayeli babezibuza ukuba kutheni izinto zingahambi kakuhle ngoku uMoses wayesenza le nto ayicelwe nguThixo (bona Eksodus 5:22–23).

Ukhe waziva usenza intando kaThixo kodwa wangaboni mpumelelo ubuyilindele? Phinda ujonge Eksodus 6:1–8, ujonge into eyathethwa yiNkosi ukuba incede uMoses anyamezele. INkosi ikuncede njani ukuba uqhubeke wenze intando yaYo?

Eksodus 6:3

Ngubani uYehova?

UYehova lelinye lamagama kaYesu Krestu kwaye ubhekisa kuMsindisi wakubomi bangaphambili. Inguqulelo kaJoseph Smith icacisa ukuba abaprofeti u–Abraham, no–Isake, noYakobi babesazi iNkosi ngalo eli gama (bona Eksodus 6:3, umbhalo osemazantsi c). Ngokwesiqhelo, xa ibinzana elithi “iNkosi” livela kwiTestamente eNdala, libhekisa kuYehova. Kwi–Eksodus 3:13–15, igama elithi “NDINGUYE” likwabhekisa kuYehova (bona kwakhona IMfundiso neMinqophiso 38:1; 39:1).

Umfanekiso
umfanekiso wofundo losapho

Iingcebiso Zofundo Lwezibhalo Zosapho kunye noMhlangano Wangorhatya Wosapho

Eksodus 1–2.Abafazi abaliqela badlala iindima ezibalulekileyo kwisicwangciso sikaThixo sokuphakamisa umhlanguli kumaSirayeli. Njengosapho, ninokufunda malunga nababelekisi uShifra noPuwa (Eksodus 1:15–20); umama kaMoses, uYokebhede, kunye nodade wabo, uMiriyam (Eksodus 2:2–9; Numeri 26:59); intombi kaFaro (Eksodus 2:5–6, 10); kunye nangomfazi kaMoses uZipora (Eksodus 2:16–21). Aba bafazi basiqhubekisa njani isicwangciso sikaThixo? Amava abo asikhumbuza njani umsebenzi kaYesu Krestu? Unokuqokelela imifanekiso yezalamane kunye nookhokho basetyhini kwaye wabelane ngamabali wabo. Sisikeleleke njani ngabafazi abalungileyo? Umyalezo kaMongameli uRussell M. Nelson “A Plea to My Sisters” (Liyahona, Nov. 2015, 95–98) ungongeza kwingxoxo yenu.

Eksodosi 3:1–6.Xa uMoses wayesondela etyholweni elitshayo, iNkosi yamxelela ukuba asuse izihlangu zakhe njengophawu lokuhlonela. Singayibonisa njani intlonelo kwiindawo ezingcwele? Umzekelo, singenza ntoni ukwenza ikhaya lethu libe yindawo engcwele apho anokuhlala khona uMoya weNkosi? Singayibonisa njani intlonipho ngakumbi kwezinye iindawo ezingcwele?

Eksodosi 4:1–9.INkosi yanika uMoses amandla okwenza imimangaliso emithathu njengemiqondiso ukubonisa abantwana bakwaSirayeli ukuba Yona yayithumele uMoses. Isifundisa ntoni le miqondiso ngoYesu Krestu?

Eksodus 5:2.Ingaba kuthetha ntoni kuthi “ukuyazi” iNkosi? Senza njani ukuba siyazi Yona? (umzekelo, bona Alma 22:15–18). Ubudlelwane bethu kunye naYo buwuchaphazela njani umnqweno wethu wokuba siyithobele Yona? (bona kwakhona Yohane 17:3; Mozaya 5:13).

Ngezimvo ezithe vetshe malunga nokufundisa abantwana, bona isishwankathelo saleveki kwi-Come, Follow Me—For Primary.

Ingoma ecetyiswayo: “Reverence Is Love,” Children’s Songbook, 31.

Ukuphucula Ukufunda Kwethu

Gcina incwadana yembali yofundo. Ungakufumana kuluncedo ukusebenzisa incwadana yembali okanye incwadi yezikhumbuzo ukubhala phantsi iingcinga, izimvo, imibuzo, okanye imizwa ekufikelayo xa ufunda.

Umfanekiso
Intombi kaFaro efumana umntwana uMoses

UMoses Wafunyanwa kwiiNgcongolo yiNtombi kaFaro, nguGeorge Soper

Shicilela