ITestamente eNdala 2022
EyoKwindla 28–uTshazimpunzi 3. Eksodus 7–13: “Yikhumbuleni Le Mini Niphume Ngayo eYiphuta”


“EyoKwindla 28–uTshazimpunzi 3. Eksodus 7–13: “Yikhumbuleni Le Mini Niphume Ngayo eYiputa” Uze, uNdilandele—Yabantu Ngabanye kunye Neentsapho: iTestamente eNdala 2022 (2021)

“EyoKwindla 28–uTshazimpunzi 3. Eksodus 7–13,” Uze, uNdilandele—Yabantu Ngabanye kunye Neentsapho: 2022

Umfanekiso
UMoses, no–Aron, kunye noFaro

Umfanekiso kaMoses no–Aron kwinkundla kaFaro, nguRobert T. Barrett

EyoKwindla 28–uTshazimpunzi 3

Eksodus 7–13

“Yikhumbuleni Le Mini, Naphuma Ngayo eYiphuta”

Njengoko ufunda kwaye ucingisisa Eksodus 7–13, bhala iimvakalelo eziza kuwe. Njengoko usenza rhoqo oku, amandla akho okuqonda usebezo loMoya oyiNgcwele aya kukhula.

Bhala Iimvakalelo Zakho

Isibetho emva kwesibetho sathwaxa iYiphutha, kodwa uFaro wala ukukhulula amaSirayeli. Kodwa ke uThixo waqhubeka ebonisa amandla aKhe kwaye wanika uFaro amathuba okwamkela “ukuba ndiyiNkosi” kwaye “akukho unjengam emhlabeni wonke” (Eksodus 7:5; 9:14). Ngeli xesha, uMoses kunye namaSirayeli babebukele ngamehlo ezi mpawu zamandla kaThixo ezazenzelwa bona. Ngokuqinisekileyo le miqondiso iqhubekayo yayiqinisekisa ukholo lwabo kuThixo kwaye yayisomeleza ukuzimisela kwabo ekulandeleni umprofeti kaThixo. Ke, emva kokuba izibetho ezisithoba zohlulekile ukukhulula abantwana bakwaSIrayeli, yayisisibetho seshumi—ukubulawa kwamazibulo, kubandakanya nelizibulo likaFaro—okwathi ekugqibeleni kwaphelisa ukuthinjwa kwabo. Oku kubonakala kufanelekile kuba kuzo zonke iimeko zokuthinjelwa ngokomoya, inye kuphela indlela yokuqhwesha. Nokuba yeyiphi enye into esinokuthi sizame ngayo ngaphambili, ikuko kuthi njengoko yayinjalo kubantwana bakwaSirayeli. Lidini likaYesu Krestu kuphela, iZibulo—igazi leMvana engenasiphako—eliya kusisindisa.

Umfanekiso
umfanekiso wokuzifundela wedwa

Iingcebiso Zokuzifundela Izibhalo Wedwa

Eksodus 7–11

Ndingakhetha ukuthambisa intliziyo yam.

Ngethemba lokuba intando yakho ayinakuze iphikise ngokuchaseneyo nentando kaThixo njengoko yayinjalo eyakaFaro. Okwangoku, sonke sinamaxesha apho iintliziyo zethu zingathambile njengoko befanele ukuba zinjalo, ngoko kukho into ekufuneka siyifundile kwizenzo zikaFaro ezibhaliweyo kwi–Eksodus 7–10. Njengoko ufunda malunga nezibetho kwezi zahluko, yintoni egqamayo kuwe ngeempendulo zikaFaro? Ingaba uyaluphawula naluphi na utyekelo olufanayo lokuba lukhuni kuwe? Cingisisa ngezinto ozifunda kwezi zahluko malunga nokuba kuthetha ukuthini ukuba nentliziyo ethambileyo.

Qaphela ukuba inguqulelo kaJoseph Smith ye–Eksodus 7:3, 13; 9:12; 10:1, 20, 27; 11:10 icacisa ukuba iNkosi zange yenze lukhuni intliziyo kaFaro—uFaro wayenza lukhuni intliziyo yakhe (jonga umbhalo osemazantsi kumqolo ngamnye).

Ufunda ntoni kwezi zibhalo zilandelayo malunga nokuba nentliziyo ethambileyo? 1 Nifayi 2:16; Mozaya 3:19; Alma 24:7–8; 62:41; Etere 12:27.

Bona kwakhona Michael T. Ringwood, “An Easiness and Willingness to Believe,” Liahona, Nkanga. 2009, 100–102.

Eksodus 12:1–42

IPasika ibonakalisa iNtlawulelo kaYesu Krestu.

Ekuphela kwendlela amaSirayeli anokuhlangulwa ngayo kwisibetho seshumi, esichazwe ku–Eksodus 11:4–5, yayikukulandela ngqo imiyalelo uYehova awayinika uMoses kwiEksodus 12, isiko elaziwa ngokuba yiPasika. IPasika isifundisa ngemiqondiso yokuba kanye njengokuba iNkosi yahlangula amaSirayeli kubukhoboka baseYiputa, unokusikhulula nathi kubukhoboka besono. Ufumana ntoni kwimiyalelo kunye nemiqondiso yePasika ezikukhumbuza ngoYesu Krestu kunye nangeNtlawulelo yaKhe? Ingaba ezi mpawu nemiyalelo ziphakamisa ntoni kuwe malunga nendlela yokufumana iintsikelelo zeNtlawulelo yaKhe? Umzekelo, ukuqaba igazi lexhwane emigubasini yeminyango kumele ntoni? (umqolo 7). Kuthetha ntoni kuwe ukuba ube “neembadada ezinyaweni zenu, ninentonga esandleni senu”? (umqolo 11).

Bona futhi IMfundiso neMinqophiso 89:21.

Umfanekiso
abantu bathabatha umthendeleko

Umthendeleko usinceda ukuba sikhumbule uMhlanguli wethu, uYesu Krestu.

Eksodus 12:14–17, 24–27; 13:1–16

Umthendeleko uyandinceda ukuba ndikhumbule ukuhlangulwa kwam ngoYesu Krestu.

UMsindisi wayefuna ukuba amaSirayeli ahlale ekhumbula ukuba Yena wayewahlangule, nkqu nasemva kokuba ukuthinjwa kwawo kwakuyinkumbulo ekude. Yiyo loo nto Yena wabayalela ukuba benze isidlo sePasika minyaka le. Xa ufunda imiyalelo yaKhe kwi–Eksodus 12:14–17, 24–27; 13:1–16, cinga ngento oyenzayo ukukhumbule iintsikelelo zikaThixo kuwe. Ungasigcina kanjani eso sikhumbuzo “kwizizukulwana zakho”? (see Eksodus 12:14, 26–27).

Kukuphi ukufana okubonayo phakathi kweenjongo zesidlo sePasika kunye nomthendeleko? Ingaba ukufunda ngePasika kukukhumbuza njani ngomthendeeko kwaye kuzise intsingiselo engakumbi kuloo mmiselo? Cinga ngento onokuyenza ukuze uhlale “umkhumbula” uYesu Krestu (Moronayi 4:3; 5:2; bona kwakhona Luka 22:7–8, 19–20).

Unokucingisisa ngezinye izinto iNkosi ifuna ukuba uzikhumbule; bona, umzekelo, Hilamani 5:6–12; Moronayi 10:3; IMfundiso neMinqophiso 3:3–5, 10; 18:10; 52:40.

Bona futhi Yohane 6:54;

Umfanekiso
family study icon

Iingcebiso Zofundo Lwezibhalo Zosapho kunye noMhlangano Wangorhatya Wosapho

Eksodus 7–12.Mhlawumbi emva kokufunda ngezibetho iNkosi ezithumele kumaYiphutha njengemiqondiso yamandla aYo, usapho lwakho lunokwabelana ngeendlela iNkosi ewabonisa ngayo amandla aYo namhlanje.

Eksodus 8:2832; 9:27–28, 34–35.Le miqolo inokusetyenziselwa ukuqala ingxoxo malunga nokubaluleka kokugcina izwi lethu. Mhlawumbi amalungu osapho angabelana ngamava xa ayebone abanye besenza oko bebevumile ukukwenza.

Eksodus 12:1–42.Emva kokufunda Eksodus 12:1–42 kunye, ningabhala kumaphepha izinto eninokuzenza njengosapho ukukhumbula iNtlawulelo kaYesu Krestu. Kuba igazi lemvana kwimigubasi yeminyango (bona umqolo 23) lalimele uMsindisi, ningawabeka la maphepha ajikeleze ucango lwekhaya lenu. Ninokutya okunye ukutya okuvela kwiPasika, okufana nesonka esingenagwele (i-crackers okanye i-tortillas) okanye imifuno ebukrakra (iparsley okanye i-horseradish), kwaye nixoxe ngendlela iPasika esinceda ngayo ukukhumbula indlela uThixo abahlangula ngayo abantu baKhe. Umzekelo, isonka esingenagwele sasibakhumbuza ukuba lalingekho ixesha lokuba isonka sabo siphakame ngaphambi kokuba babaleke ekuthinjweni. Imifuno ekrakra yayibakhumbuza ngobukrakra bokuthinjwa.

Eksodus 12:14, 24–27.Mhlawumbi unokuyijonga le miqolo njengosapho ngaphambi kwentlanganiso yenu elandelayo yomthendeleko. Ingaba le miqolo inxibelelana njani nomthendeleko? Singenza njani ngokugqibeleleyo umthendeleko ukuba ube “sisikhumbuzo” sento asenzele yona uMsindisi?

Ngezimvo ezithe vetshe malunga nokufundisa abantwana, bona isishwankathelo saleveki kwi-Come, Follow Me—For Primary.

Ingoma ecetyiswayo: “In Memory of the Crucified,” Hymns, no. 190.

Ukuphucula Ukufundisa Kwethu

Yabelana ngezifundo ezinenjongo. Cela amalungu osapho ukuba afumane izinto eziwanceda aqonde imigaqo kwizibhalo ozifundayo. Umzekelo, izinto ezithambileyo nezilukhuni zinokunceda amalungu osapho ukuba axoxe ngumahluko phakathi kwentliziyo ethambileyo kunye nentliziyo elukhuni.

Umfanekiso
Usapho lwesiHebhere ngesidlo sePasika

Umzekeliso wesidlo sangokuhlwa sePasika, nguBrian Call

Shicilela