ITestamente eNdala 2022
UTshazimpunzi 18–24. Eksodus 18–20: “Konke Akuthethileyo uYehova Sokwenza”


“UTshazimpunzi 18–24. Eksodus 18–20: “Konke Akuthethileyo uYehova Sokwenza” Uze, Undilandele—Yabantu Ngabanye kunye Neentsapho: iTestamente eNdala 2022 (2021)

“UTshazimpunzi 18–24. Eksodus 18–20,” Uze, Undilandele—Yabantu Ngabanye kunye Neentsapho: 2022

Umfanekiso
intaba

Intaba eseYiphutha ngokwesiko ekukholelwa ukuba yiNtaba yeSinayi.

UTshazimpunzi 18–24

Eksodus 18–20

“Konke Akuthethileyo uYehova Sokwenza”

UDade uMichelle Craig wafundisa, “Njengaye [okaYesu Krestu] othembekileyo umfundi, unokufumana impembelelo kunye nokutyhilelwa, okuhambelana nemithetho yaKhe, eyenzelwe wena” (“Spiritual Capacity,” Liyahona, EyeNkanga 2019, 21). Bhala kwaye wenze intshukumo kwimpembelelo oyifumanayo njengoko ufunda Eksodus 18–20.

Bhala Iimvakalelo Zakho

Uhambo lwamaSirayeli ukusuka eYiphutha ukuya emazantsi eNtaba yeSinayi lwaluzaliswe yimimangaliso—ukubonakaliswa okungaphikisekiyo kwamandla, nothando kunye nenceba yeNkosi. Nangona kunjalo, iNkosi yayineentsikelelo eyayizigcinele abo bagqithela ngaphandle kokubakhulula eYiphutha kunye nokwanelisa indlala yabo kunye nokunxanwa kwenyama. Wayefuna ukuba babe ngabantu baKhe bomnqophiso, “ubuncwane baKhe obahlukileyo,” kunye “nesizwe esingcwele” (Eksodus 19:5–6). Namhlanje, iintsikelelo zalo mnqophiso zidlulela ngaphaya kwesizwe esinye okanye abantu abanye. UThixo ufuna bonke abantwana baKhe babe ngabantu bomnqophiso waKhe, “bathobele ilizwi [laKhe] ngokwenene, kwaye bagcine umnqophiso [waKhe]” (Eksodus 19:5), kuba Yena ubonakalisa inceba yaKhe “kumawaka abo bamthandayo [Yena], kwaye bagcine imiyalelo yakhe” (Eksodus 20:6).

Umfanekiso
umfanekiso wokuzifundela wedwa

Iingcebiso Zokuzifundela Izibhalo Wedwa

Eksodus 18:13–26

Ndinganceda “ukuthwala umthwalo” wokwenza umsebenzi weNkosi.

Njengoko ufunda isiluleko uMoses awasifumana kutatazala wakhe, uJetro, cinga nzulu ngendlela onokuthi ube “njengamadoda enyaniso” (ngamanye amaxesha iye iguqulelwe njengamadoda “athembekileyo”) awachazwe kumqolo 21. Unganceda njani “ukuthwala umthwalo” weenkokeli zeBandla lakho? (umqolo 22). Umzekelo, ungayisebenzisa njani le ngcebiso kwimizamo yakho yokulungiselela?

Usenokucinga kwakhona ukuba, ngamanye amaxesha, ufana noMoses, uzama ukwenza okukhulu kakhulu. Ingcebiso kaJetro ingasebenza njani kuwe?

Bona kwakhona Mozaya 4:27; Henry B. Eyring, “The Caregiver,” Liyahona, EyeNkanga. 2012, 121–24.

Umfanekiso
indoda ixhawula izandla kunye nebhinqa

Ukulungiselela abanye yenye yeendlela esinokuthi sithathe inxaxheba kuyo emsebenzini weNkosi.

Eksodus 19:3–6

Abantu bomnqophiso weNkosi baligugu kuYe.

Cinga ukuba kuthetha ntoni kuwe ukuba “ububuncwane obungaqhelekanga” beNkosi (Eksodus 19:5). UMongameli uRussell M. Nelson wanika enye ingcaciso ngeli binzana: “KwiTestamente eNdala, igama lesiHebhere elingaqhelekanga eliguqulelwe ngalo segullah, elithetha ‘ibango lexabiso,’ okanye ‘indyebo.’’ … Ukuze sichongwe zizicaka zeNkosi njengabantu bakhe abangaqhelekanga yimbonakalo yeyona nto iphakamileyo” (“Children of the Covenant,” Ensign, Canzibe 1995, 34). Ukwazi ukuba ukugcina iminqophiso yakho kukwenza “ubuncwane obungaqhelekanga” kuyichaphazela njani indlela ophila ngayo?

Eksodus 19:10–11, 17

Amava angcwele afuna ukulungiselelwa.

INkosi yaxelela uMoses ukuba abantwana bakwaSirayeli kufuneka balungiswe ngaphambi kokuba “bahlangane noThixo” (Eksodus 19:10–11, 17) kwaye bagcine umnqophiso naYe (bona Eksodus 19:5). Wenza ntoni ukulungiselela amava angcwele ebomini bakho, njengokuya etempileni okanye ukuxhamla kumthendeleko? Yintoni onokuyenza ukuze uwalungiselele ngokupheleleyo la mava? Cinga eminye imisebenzi yokomoya efuna ulungiselelo, kwaye ucinge ngendlela ukulungiselela kwakho okunokuthi kuchaphazele ngayo uhlobo lwamava onawo.

Eksodus 20

UThixo unenceba.

Njengoko ufunda Eksodus 20, cinga ukujonga ukuba yeyiphi kule Mithetho Elishumi oziva uyithobela kwaye uziva ngathi unokuyithobela ngokuthembekileyo ngakumbi. Unokukhetha umyalelo omnye ukuba usebenze kuwo kwaye ufundisise wona ngakumbi ngokufunda izibhalo ezinxulumene noko (bona Isikhokelo kwiZibhalo kwi–scriptures.ChurchofJesusChrist.org) okanye imiyalezo yenkomfa (bona icandelo lezihloko kwi–conference.ChurchofJesusChrist.org). Cinga ngokubandakanya kufundisiso lwakho ngeentsikelelo ezifunyanwa ngabo bathobela umthetho. Ezi ntsikelelo zikubonisa njani ukuba uThixo unenceba nothando ngawe?

 

Eksodus 20:1–7

Kubalulekile ukubeka iNkosi kwindawo yokuqala ebomini bam.

Ukufunda Eksodus 20:1–7 kunokukushukumisela ukuba ucinge ngezinto eziza kuqala ebomini bakho—unokuzibhala phantsi kuluhlu. Zeziphi ezinye “izithixo” okanye “umfanekiso oqingqiweyo” (Eksodus 20:3–4) onokuba uhendwe kukuzibeka ngaphambili kunoThixo? Ukubeka iNkosi kwindawo yokuqala kunokukunceda njani kwezinye izinto ezibalulekileyo ebomini bakho? Yintoni ophenjelelwe ukuba uyenze ukuze wandise ukugxila kwakho kuBawo waseZulwini nakuYesu Krestu?

Umfanekiso
umfanekiso wofundo losapho

Iingcebiso Zofundo Lwezibhalo Zosapho kunye noMhlangano Wangorhatya Wosapho

Eksodus 18:8–12.Kwaba nefuthe lini ubungqina bukaMoses bokuhlangulwa nguThixo kuJetro? Zeziphi izinto ezinkulu iNkosi ezenzele usapho lwethu? Ngubani esinokwabelana naye ngamava ethu? Singawagcinela njani loo mava izizukulwana ezizayo?

Eksodus 18:13–26.Le miqolo ingakhuthaza usapho lwakho ukuba lucinge ngenkonzo yeenkokeli zeBandla lakho lasekuhlaleni, ezinjengobhishophu, iinkokheli zolutsha, okanye ootitshala babantwana abancinane. Loluphi uxanduva abanalo olungahle lubonakale “lusinda kakhulu” (Eksodus 18:18) kumntu omnye ukuba aluthwale yedwa? Yintoni esingayenza ekuncediseni ukuphakamisa umthwalo wabo?

Eksodus 20:3–17.Cinga ngendlela enengqondo yokuxoxa iMithetho Elishumi njengosapho. Umzekelo, ungabhala imiyalelo kwi–Eksodus 20:3–17 kwimicwe elishumi yamaphepha. Amalungu osapho anokuzihlela ngokweendidi ezimbini: (1) ukuhlonela uThixo (2) nokuthanda abanye (bona kwakhona Mateyu 22:36–40). Cinga ngokukhetha umthetho okanye emimbini ngosuku ngalunye kule veki kwaye uxoxe ngayo ngakumbi. Umzekelo, ukuthobela lo mthetho kulomeleza njani usapho lwethu? Wawuthobela njani uMsindisi?

Eksodus 20:12.Ukuqonda ngcono Eksodus 20:12, kunganceda ukuba usapho lwakho lukhangela iinkcazo zegama elithi “imbeko.” Ke amalungu osapho angenza uluhlu lwezinto esinokuzenzela abazali bethu. Unokucula ingoma malunga nokuhlonipha abazali, njengo “Quickly I’ll Obey” (Children’s Songbook, 197), wandule usebenzise ezinye zezimvo ezikuluhlu lwakho ukubhala imiqolo emitsha kwingoma.

Ngezimvo ezithe vetshe malunga nokufundisa abantwana, bona isishwankathelo saleveki kwi-Come, Follow Me—For Primary.

Ukuphucula Ukuzifundela Izibhalo Wedwa

Fumana ixesha elikusebenzelayo. Kuhlala kulula ukufunda kwizibhalo xa unokuzifunda ungaphazanyiswa. Fumana ixesha elikusebenzelayo, kwaye wenze konke okusemandleni akho ukuze ufundisise ngokungagungqiyo ngelo xesha suku ngalunye.

Umfanekiso
UMoses ephethe amacwecwe amatye

Umzekeliso kaMoses obambe iMiyalelo Elishumi, nguSam Lawlor

Shicilela