ITestamente eNdala 2022
UTshazimpuzi 25–UCanzibe 1. Eksodus 24; 31–34: “Ubuso Bam Bohamba Nawe”


“UTshazimpuzi 25–UCanzibe 1. Eksodus 24; 31–34: ‘Ubuso Bam Bohamba Nawe,’” Uze, Undilandele—Eyabantu Ngabanye kunye Neentsapho: ITestamente eNdala 2022 (2021)

“UTshazimpuzi 25–UCanzibe 1. Eksodus 24; 31–34,” Uze, Undilandele—Eyabantu Ngabanye kunye Neentsapho: 2022

Umfanekiso
UYehova evela kuMoses kunye nakubadala bakaSirayeli

Umzobo kaYehova evela kuMoses kunye nakubadala bakaSirayeli abangama–70, nguJerry Harston

UTshazimpuzi 25–uCanzibe 1

Eksodus 24; 31–34

“Ubuso Bam Bohamba Nawe”

Ayiyiyo yonke imigaqo enentsingiselo enokuqaqanjiswa kwezi zishwankathelo. Mamela uMoya ukuze ukuncede uqwalasele kwiinyaniso ozidingayo.

Bhala Iimvakalelo Zakho

Kwakukho isizathu sokuzala lithemba lokokuba abantwana bakaSirayeli babeya kuhlala benyanisekile kuThixo emveni kokuba ebatyhilele umthetho waKhe (bona Eksodus 20–23). Nkqu nangona babekhalazile kwaye baxengaxenga kwixesha elagqithayo, ngelixa uMoses efunda umthetho emazantsi weNtaba yeSinayi, benza lo mnqophiso: “Yonke into ayithethileyo uYehova, soyenza siyive” (Eksodus 24:7). UThixo waye wabizela uMoses phezulu entabeni, emxelela ukuba akhe umnquba ukuze ”ndihlale phakathi kwabo” (Eksodus 25:8; bona izahluko 25–30).

Kodwa xeshikweni uMoses wayephezulu entabeni efunda ngendlela amaSirayeli aweyenokuba nabo ubukho bukaThixo phakathi kwabo, amaSirayeli ayesemazantsi wentaba esenza ithole legolide endaweni yoko ukuzokulinqula. Babesanda ukuthembisa “ungabi nathixo bambi,” kanti “batyeke msinya” emithethweni kaThixo (Eksodus 20:3; 32:8; bona futhi Eksodus 24:3). Kwakuyinguqu emangalisayo, kodwa thina sazi ngamava okokuba ukholo nembophelelo ngamanye amaxesha zingoyiswa kukungabi namonde, luloyiko, okanye yintandabuzo. Njengoko sifuna ubukho beNkosi ebomini bethu, kuyakhuthaza ukwazi ukuba iNkosi ayizange inikezele kuSirayeli wamandulo kwaye Yona ayisayi kunikezela kuthi—kuba Yena “unemfesane unobabalo, uzeka kade umsindo, umninzi ngenceba nenyaniso” (Eksodus 34:6).

Umfanekiso
umfanekiso wokuzifundela wedwa

Iingcebiso Zokuzifundela Izibhalo Wedwa

Eksodus 24:1–11

Iminqophiso yam ibonisa ukuzimisela kwam ekuthobeleni umthetho kaThixo.

Njengoko ufunda kwi–Eksodus 24:3–8 malunga namaSirayeli enqophisela ukuthobela umthetho kaThixo, iingcinga zakho zisenokujikela kwiminqophiso othe wayenza wena noThixo. Umnqophiso kaSirayeli wawuquka amasiko awohlukileyo koko uThixo akufunayo namhlanje, kodwa usenoqaphela izinto ezithile ezifanayo, ngakumbi ukuba wena ucingisisa ngeenyaniso zanaphakade eziphawulwa ngala masiko.

Ngokomzekelo, imiqolo 4, 5, kunye no 8 ikhankanya isibingelelo, amadini wezilwanyane, kunye negazi. Ingaba ezi zinto zingamela ntoni, kwaye ingaba zinxulumene kanjani neminqophiso yakho? Ingaba iminqophiso yakho ingakunceda njani ukwenza “yonke into ayithethileyo uYehova”? (umqolo 7).

Bona futhi Moses 5:4–9.

Eksodus 32–34

Isono kukufulathela uThixo, kodwa Yena unikela ngendlela yokubuya.

Ngokucinga ngendlela amaSirayeli “onakalisile” kamsinya (Eksodus 32:7) ngokophula iminqophiso yawo, nathi singathintela iimpazamo ezikwafanayo. Njengoko ufunda Eksodus 32:1–8, zama ukuzifaka kwindawo yamaSirayeli—usentlango, uMoses uhambile iintsuku ezingama–40, awazi okokuba ukuba okanye uya kubuya nini na, kwaye ungquzulwano namaKanan ngenxa yelizwe lesithembiso lukwikamva lakho (bona futhi Eksodus 23:22–31). Kutheni ucinga ukuba amaSirayeli ayefuna ithole legolide? Kutheni isono samaSirayeli sasiqatha kangaka? Le miqolo isenokukuchukumisa ukuba ucinge nzulu ngeendlela ongahendwa ngazo ukuba ubeke ithemba lakho kumntu othile okanye kwinto ethile kunangaphandle koMsindisi. Ingaba kukhona nantoni na oziva uphenjelelwe ukuba uyenze ukuze ubenokubeka uThixo kuqala ebomini bakho? Yintoni ekuphembelelayo malunga nesicelo sikaMoses kwiNkosi kwi–Eksodus 33:11–17?

Nangona isono samaSirayeli sasiqatha, eli bali likwaquka nomyalezo kaThixo wenceba kunye nowoxolelo. Yintoni Eksodus 34:1–10 ekufundisa yona malunga noMsindisi? Ingaba izenzo zikaMoses ezenzelwa amaSirayeli zikukhumbuza njani ngako uYesu Krestu wakwenzela bonke abantu? (bona Eksodus 32:30–32; Mozaya 14:4–8; 15:9; IMfundiso neMinqophiso 45:3–5).

Eksodus 34:1–2

Yintoni umehluko phakathi kweentlobo ezimbini zamacwecwe amatye uMoses awenzayo?

Xa uMoses wayesehla entabeni, waye wazisa umthetho owawubhalwe emacwecweni amatye. Emveni kokufumana okokuba amaSirayeli ayewuphulile umnqophiso, uMoses waye wophula amacwecwe (bona Eksodus 31:18; 32:19). Kamva, uThixo waye wayalela uMoses ukuba enze olunye uluhlu lwamacwecwe amatye kwaye awathathe awase entabeni (bona Eksodus 34:1–4). Inguqulelo kaJoseph Smith, Eksodus 34:1–2 (kwisihlomelo seBhayibhile) icacisa okokuba uluhlu lwamacwecwe amatye lwaluquka imimiselo kaThixo “yocwangco olungcwele” okanye uBubingeleli bukaMelkitsedeke. Uluhlu lwesibini lwaluquka “umyalelo womthetho ongowenyama.” Lo yayingumthetho onganeno owawulawulwa “bububingeleli obunganeno” (bona IMfundiso neMinqophiso 84:17–27), owawenzelwe ukulungiselela amaSirayeli umthetho ophezulu kunye nobubingeleli obuphezulu ukuze akwazi ukungena kubukho bukaThixo ngokupheleleyo.

Umfanekiso
umfanekiso wofundo losapho

Iingcebiso Zofundo Lwezibhalo Ezingcwele Zosapho kunye Nomhlangano Wangorhatya Wosapho

Eksodus 31: 12–13, 16–17.Emveni kokufunda le miqolo, mhlawumbi usapho lwakho lungaxoxa ngombuzo kaMongameli Russell M. Nelson omalunga nempatho yethu ngeSabatha: “Loluphi uphawu oya kulunika iNkosi ukubonisa uthando lwakho kuYo?” (“The Sabbath Is a Delight,” Liyahona, Canzibe 2015, 130). Usapho lwakho lungenza ezinye iimpawu ezinokubekwa ekhayeni lakho ukunikhumbuza iindlela eningabonisa ngazo uthando kwiNkosi ngeSabatha. (Bona nayo ingqokelela yemifanekiso bhanyabhanya “Sabbath Day—At Home” [ChurchofJesusChrist.org].)

Umfanekiso
abantu behamba phambi kwebandla

Ngokuhlonipha iSabatha, sibonisa uthando lwethu eNkosini.

Eksodus 32:1–8. Ukunceda usapho lwakho luxoxe ngendlela amaSirayeli atyeka ngayo kuThixo, cingisisani ngokwenza indlela phantsi emgangathweni (okanye nifumane enye ekufutshane nekhaya lenu). Xeshikweni sihamba phezu kwendlela, amalungu osapho angathetha malunga nezihendo esijongana nazo njengoko sityeke “endleleni [iNkosi] esiwisele yona.” Thina singahlala kanjani endleleni? Ukuba sithe saphambuka, ingaba singabuyela kanjani kuyo? Ingaba uMsindisi usinceda kanjani?

Eksodus 32:26. Emveni kokuba amaSirayeli ayefunyenwe enqula isithixo, uMoses waye wabuza, “Ngubani ongakwicala leNkosi?” Sibonisa njani ukuba sikwicala leNkosi?

Eksodus 33:14–15. Amalungu osapho angabelana ngamava awo xa ayethe eva oko uThixo wayekuthembise uMoses: “Ubuso bam bohamba nawe, ndikunike ukuphumla.” Nisenokucula iculo malunga nokuxhomekeka kwethu kuThixo, njengo“ Abide with Me!” (Hymns, no. 166).

Ngeengcebiso ezithe vetshe malunga nokufundisa abantwana, bona isishwankathelo saleveki kwi-Come, Follow Me—For Primary.

Iculo elicetyiswayo: “Who’s on the Lord’s Side?Hymns, no. 260

Ukuphucula Ukufundisa Kwethu

Mema uMoya. Cingisisa ngendlela umculo ongcwele, nomsebenzi wobugcisa, kunye novakaliso lothando oluphembelela ngayo indawo yokomoya ekhayeni lenu njengoko ufundisa usapho lwakho (bona Teaching in the Savior’s Way, 15).

Umfanekiso
UMoses esophula amacwecwe

Worship of the Calf, nguW. C. Simmonds (Ukonqulwa Kwethole)

Shicilela