ITestamente eNdala 2022
UCanzibe 16–22. Duteronomi 6–8; 15; 18; 29–30; 34: “Uzigcine, Hleze Umlibale uYehova”


“UCanzibe 16–22. Duteronomi 6–8; 15; 18; 29–30; 34: ‘Uzigcine, Hleze Umlibale uYehova,’” Uze, Undilandele—Eyabantu Ngabanye kunye Neentsapho: iTestamente eNdala 2022 (2021)

“UCanzibe 16–22. Duteronomi 6–8; 15; 18; 29–30; 34,” Uze, Undilandele—Eyabantu Ngabanye kunye Neentsapho: 2022

Umfanekiso
UMoses eme phezu kwentaba

Umzobo kaMoses Ephezu Kwentaba yeNebho, © Providence Collection/imvume ivela kwi-goodsalt.com

UCanzibe 16–22

Duteronomi 6–8; 15; 18; 29–30; 34

“Uzigcine, Hleze Umlibale uYehova”

UMoses waye wayalela abantwana bakaSirayeli ukuba bafundise amazwi eNkosi ebantwaneni babo (bona Duteronomi 6:7). Njengoko ufunda incwadi yeDuteronomi kule veki, fumana iindlela zokwabelana ngoko ukufundayo namalungu osapho lwakho.

Bhala Iimvakalelo Zakho

Ulungiselelo lukaMoses lwasemhlabeni lwaye lwaqala entabeni, xa uThixo wayethetha naye kwityholo elivuthayo (bona Eksodus 3:1–10). Kwaye lwaye lwaphelela entabeni, emva kweminyaka engama–40, xa uThixo wayekrobisa uMoses kwilizwe lesithembiso phezu kwentaba yeNebho (bona Duteronomi 34:1–4). UMoses wayechithe ubomi bakhe elungiselela abantwana bakaSirayeli ukuba bangene kwilizwe lesithembiso, kwaye incwadi yeDuteronomi ibhalwe imiyalelo yakhe yokugqibela, nezikhumbuzo, nenkuthazo, nemibongozo kubantwana bakaSirayeli. Ukufunda amazwi akhe kwenza kucace okokuba injongo yokwenene yolungiselelo lukaMoses—ukulungiselelwa kwabantu ababekudinga—kwakungekho malunga nokuphila entlango, nokoyisa izizwe, okanye ukwakha uluntu. Kwakumalunga nokufunda ukuthanda uThixo, ukumthobela Yena, kwakunye nokuhlala bethembekile kuYe. Lulo olo ulungiselelo thina sonke esiludingayo khon’ ukuze singene kwilizwe lesithembiso lobomi banaphakade. Ngoko ke nangona uMoses wayengazange abeke nyawo “ezweni elibaleka amasi nobusi” (Eksodus 3:8), ngenxa yokholo nokunyaniseka kwakhe, waye wangena kwilizwe lesithembiso elo uThixo wayelilungiselele bonke abo bamlandelayo Yena.

Ukufumana inkcazelo ngokubanzi ngencwadi yeDuteronomi, bona “Duteronomi” kwiSichazi-magama seBhayibhile.

Umfanekiso
umfanekiso wokuzifundela wedwa

Iingcebiso Zokuzifundela Izibhalo Wedwa

Duteronomi 6:4–7; 8:2–5, 11–17; 29:18–20; 30:6–10, 15–20

INkosi ifuna ndiyithande Yona ngentliziyo yam yonke.

Kwiimfundiso zakhe zokugqibela, uMoses waye wakhumbuza abantwana bakaSirayeli, “Le minyaka imashumi mane uYehova uThixo wakho unawe, akuswelanga nto,” nkqu nasentlango (Duteronomi 2:7). Ngoku njengokuba amaSirayeli ayengena kwilizwe lesithembiso, “enezixeko, [aba]ngazakhanga, nezindlu ezizele zizinto zonke ezintle, [aba]ngazizalisanga” (Duteronomi 6:10–11), uMoses wayenoloyiko lokokuba babeya kuqinisa iintliziyo zabo kwaye bayilibale iNkosi.

Cingisisa ngemeko yentliziyo yakho njengoko ufunda ngengcebiso kaMoses. Usenokufuna ukuqwalasela kule miqolo ilandelayo kwaye ubhale phantsi iimvakelelo zakho:

Yintoni ongayenza ukuthintela intliziyo yakho ekuqineni kwakunye nokokuba uthande iNkosi ngentliziyo yakho yonke? Loluphi unxibelelwano olubona phakathi kweDuteronomi 6:5–6 kunye noMateyu 22:35–40? (bona futhi Levitikus 19:18).

Bona futhi Dieter F. Uchtdorf, “A Yearning for Home,” Liyahona, Nkanga 2017, 21–24.

Duteronomi 6:4–12, 20–25

“Uzigcine, Hleze Umlibale uYehova.”

Uninzi lwesizukulwana lwamaSirayeli olwaluya kungena kwilizwe lesithembiso lwalungazange lubone izibetho eYiputa okanye luwele uLwandle oluBomvu. UMoses wayesazi ukuba zona—kunye nezizukulwana ezilandelayo—zaziya kudinga ukukhumbula imimangaliso kaThixo kunye nemithetho kaThixo ukuba kwakumele zihlale zingabantu bakaThixo.

Yingcebiso yini uMoses ayinika kwiDuteronomi 6:4–12, 20–25 engakunceda ukhumbule izinto ezinkulu uThixo akwenzele zona? Yintoni oziva uchukumiseke ukuba uyenze khon’ ukuze ilizwi leNkosi imihla ngemihla “libe sentliziyweni yakho”? (umqolo 6).

Ingaba uya kuludlulisela njani ukholo lwakho kwizizukulwana ezizayo?

Bona futhi Duteronomi 11:18–21; iSichazi-magama seBhayibhile, “Izikhumbuzo okanye amaqhaga ezikhumbuzo.”

Duteronomi 15:1–15:

Ukunceda abasweleyo kubandakanya izandla ezinesisa kunye neentliziyo ezizithandelayo.

Duteronomi 15:1–15 inika ingcebiso malunga nokunceda amahlwempu nabasweleyo, kuquka nezenzo ezithile ezingalandelwayo namhlanje. Kodwa qaphela oko le miqolo ikufundisayo malunga nokokuba kutheni kumele sincede amahlwempu kwakunye nokokuba impatho yethu ibaluleke kanjani eNkosini ekuncedeni. Yintoni oziva ukuba iNkosi ifuna uyifunde kule miqolo malunga nokunceda abanye?

Bona futhi Russell M. Nelson, “The Second Great Commandment,” Liyahona, Nkanga 2019, 96–100.

Duteronomi 18:15–19

UYesu Krestu unguye umProfeti oya kuvuswa njengoMoses.

UPetros, noNifayi, noMoronayi, kunye noMsindisi buqu bonke baye baphawula ngesi siprofeto esikwiDuteronomi 18:15–19 (bona Izenzo 3:20–23; 1 Nfayii 22:20–21; Imbali—kaJoseph Smith 1:40; 3 Nifayi 20:23). Yintoni oyifundayo malunga noMsindisi kule miqolo? Ingaba uMsindisi “unjengoMoses” kanjani? (Duteronomi 18:15).

Umfanekiso
UYesu eguqile ebambe indoda

UYesu Krestu unguye umprofeti onjengoMoses.

Duteronomi 34:5–8

Kwenzeka ntoni kuMoses?

Nangona i-Deuteronomy 34:5–8 ithi uMoses waye wasweleka, ukuqonda kwemihla yokugqibela kucacisa ukuba wenziwa kumila kumbi, okanye waye waguqulwa ukuze angavi intlungu okanye ukufa ade avuswe kwabafileyo (bona Alma 45:18–19; Isichazi-magama seBhayibhile, “Moses”; IsiKhokelo kwiZibhalo, “Ziqu ezenziwe kumila kumbi,” scriptures.ChurchofJesusChrist.org). Kwakuyimfuneko yokokuba uMoses enziwe kumila kumbi kuba wayedinga ukubanomzimba wenyama ukuze anike izitshixo zobubingeleli kuPetros, noYakobi, kunye noYohane kwiNtaba yoKwenziwa kuMila kuMbi (bona Mateyu 17:1–13).

Umfanekiso
umfanekiso wofundo losapho

Iingcebiso Zofundo Lwezibhalo Zosapho kunye Nomhlangano Wangorhatya Wosapho

Duteronomi 6:10–15.Le miqolo isenokuchukumisa amalungu osapho lwakho ukuba acinge ngeendlela usapho lwakho oluthe lwasikelelwa ngazo. Ingaba singayilandela kanjani ingcebiso yokuba “uzigcine, hleze umlibale uYehova”? (Duteronomi 6:12). Nisenokufuna ukubhala iimvakelelo zenu ezimalunga neentsikelelo zenu, mhlawumbi kwincwadana yembali okanye kwi–FamilySearch.

Duteronomi 6:13, 16; 8:3.Le miqolo yaye yanceda uMsindisi ngelixa elibalulekileyo ebomini baKhe; ukubona ukuba kanjani, fundani kunye Mateyu 4:1–10. Yeyiphi imihlathi yezibhalo ezingcwele ethe yasinceda emaxesheni kaxakeka?

Duteronomi 7:6–9. Yenzani okuthile ukunceda amalungu osapho lwenu azive ekhethekile, njengokufana nokulungisa ukutya okuyintandokazi. Ngoko ke ningafunda Duteronomi 7:6–9 kwaye nixoxe ngoko nikuva ukuba kuthetha ukuthini ukuba “ngabantu abayinqobo” (umqolo 6) eNkosini.

Duteronomi 29:12–13. Ukuthetha ngeDuteronomi 29:12–13 kubonelela ngethuba emalungwini osapho lwakho ukuba axoxe ngeminqophiso awaya kuyenza okanye awathe ayenza noBawo Osezulwini. Kuthetha ukuthini ukubangabantu bakaThixo? Ingaba iminqophiso yethu “[isi]misa … sibe ngabantu ku[Thixo] kanjani”? (umqolo 13).

Ngeengcebiso ezithe vetshe malunga nokufundisa abantwana, bona isishwankathelo saleveki kwi–Come, Follow Me—For Primary.

Iculo elicetyiswayo: “I Want to Live the Gospel,” Children’s Songbook, 148.

Ukuphucula Ukuzifundela Izibhalo Wedwa

Funa ukuqonda okungokwakho kwasemoyeni. Esi sishwankathelo sicebisa imihlathi kunye nemigaqo ongaqwalasela kuyo, kodwa ungavumeli oko kubekele ufundo lwakho imida. Njengoko ufunda, usenokufunda malunga nomgaqo ongakhankanywanga apha. Vumela uMoya ukukhokelele koko udinga ukufunda.

Umfanekiso
UMoses eme phezu kwentaba

The Lord Shewed Him All the Land , nguWalter Rane (UYehova Wambonisa lonke ilizwe)

Shicilela