ITestamente eNdala 2022
UCanzibe 23–29. Yoshuwa 1–8; 23–24: “Womelele, Ukhaliphe”


“UCanzibe 23–29. Yoshuwa 1–8; 23–24: ‘Womelele, Ukhaliphe,’” Uze, Undilandele—Eyabantu Ngabanye kunye Neentsapho: iTestamente eNdala 2022 (2021)

“UCanzibe 23–29. Yoshuwa 1–8; 23–24,” Uze, Undilandele—Eyabantu Ngabanye kunye Neentsapho: 2022

Umfanekiso
UMoses umisela uYoshuwa

Umzobo kaMoses emisela uYoshuwa, nguDarrell Thomas

UCanzibe 23–29

Yoshuwa 1-8; 23–24

“Womelele, Ukhaliphe”

Njengoko ufunda incwadi kaYoshuwa, cingisisa ngendlela izinto ozifunda ngayo ngamaSirayeli ezinokulwandisa ngayo ukholo lwakho kuYesu Krestu.

Bhala Iimvakalelo Zakho

Kwakuthathe izizukulwana ezininzi, kodwa isithembiso seNkosi sasiseza kuzalisekiswa: abantwana bakwaSirayeli babesecicini lokuzuza njengelifa ilizwe lesithembiso. Kodwa endleleni yabo kwakumi uMlambo iYordan, iindonga zeYeriko, kunye nabantu abakhohlakeleyo kodwa abanamandla abalahlile iNkosi (bona 1 Nifayi 17:35). Ngaphezu koko, inkokheli yabo ethandekayo uMoses yayingasekho. Le meko kusenokwenzeka ukuba yayenze amaSirayeli azive buthathaka, esoyika, kodwa iNkosi yathi: “Womelele, ukhaliphe.” Kutheni bemele bazive ngolu hlobo? Hayi ngenxa yamandla abo—okanye nkqu kaMoses okanye kaYoshuwa—kodwa ngokuba “uYehova uThixo wakho unawe, apho sukuba usiya khona” (Yoshuwa 1:9). Xa sinemilambo yethu ekumele siyiwele kunye neendonga ekumele siziwise, izinto ezimangalisayo zingenzeka ebomini bethu, kuba nguye “uYehova [yena] uya kwenza imisebenzi ebalulekileyo phakathi [kwethu]” (Yoshuwa 3: 5).

Ukufumana isishwankathelo sencwadi kaYoshuwa, bona “Yoshuwa, incwadi ka” kwiSichazi–magama seBhayibhile.

Umfanekiso
Learn More image
Umfanekiso
umfanekiso wokuzifundela wedwa

Iingcebiso Zokuzifundela Izibhalo Wedwa

Yoshuwa 1:1–9

UThixo uya kuba nam ukuba ndithembekile kuYe.

Khawufane ucinge ukuba kwakunjani ukubizwa kukaYoshuwa endaweni kaMoses. Qaphela into eyathethwa yiNkosi kuYoshuwa 1:1–9 ukumkhuthaza. Cinga ngemingeni enzima ojamelana nayo; yintoni kule miqolo ekunika inkalipho?

Kunokuba nomdla ukuqhaphela ukuba igama elithi Yoshuwa (Yehoshua okanye Yeshua ngesiHebhere) kuthetha ukuba “uYehova uyasindisa.” Kwaye igama Yesu liphuma kuYeshua. Ngoko ke xa ufunda ngoYoshuwa, cingisisa indlela umsebenzi wakhe wokukhokelela abantwana bakwaSirayeli kwilizwe lesithembiso okukhumbuza ngayo ngomsebenzi woMsindisi.

Bona futhi uAnn M. Dibb, “Be of a Good Courage,” Liyahona, Canzibe 2010, 114–16.

Yoshuwa 2

Zombini ukholo nemisebenzi ziyimfuneko kusindiso.

AmaKrestu okuqala ayembona uRahabhi njengomzekelo wamandla okholo kunye nemisebenzi (bona AmaHebhere 11:31; Yakobi 2:25). Njengoko ufunda Yoshuwa 2, cingisisa ngendima yokholo nemisebenzi kaRahabhi ekuzisindiseni, nosapho lwakhe, neentlola zakwaSirayeli. Oku kukufundisa ntoni ngendlela ukholo lwakho kuKrestu nemisebenzi yakho enokuba nempembelelo ngayo kuwe nakwabanye?

Usenokuba nomdla wokwazi ukuba uRahabhi wayengukhokho kaKumkani uDavide kunye noYesu Krestu (bona Mateyu 1:5). Zeziphi izifundo esinokwenzeka sizifunde koku?

Umfanekiso
URahabhi

URahabhi efestileni yakhe. Waiting for the Promise, ngu-Elspeth Young. (Ukulindela iSithembiso)

Yoshuwa 3–4

Ndiyakwazi ukubanamava “emimangaliso” kaThixo ukuba ndinokholo kuYesu Krestu.

INkosi inqwenela ukuba “zonke izizwe zehlabathi zisazi isandla sikaYehova ukuba somelele” (Yoshuwa 4:24). Njengoko ufunda Yoshuwa 3–4, cinga nzulu ngendlela owazi ngayo ukuba isandla seNkosi somelele. INkosi iyenze njani “imimangaliso” ebomini bakho? (Yoshuwa 3:5). Ungayiva—okanye uyiqaphele—njani loo mimangaliso rhoqo? (umzekelo, bona Yoshuwa 3:17).

Kutheni ucinga ukuba amaSirayeli kwakufuneka azingcwalise ngaphambi kokuba awele uMlambo iYordan? Kokuphi ukubaluleka okufumanayo kwinyani yokuba umlambo wohlukana kuphela emva kokuba “zithi xumbu elunxwemeni lwamanzi … iinyawo zababingeleli” ? (Yoshuwa 3:13, 15).

Ngezinye iziganeko ezibalulekileyo ezenzekayo kuMlambo iYordan, bona 2 OoKumkani 2:6-15; 5:1–14; kunye Marko 1:9–11. Njengokuba ucinga nzulu ngezi zibhalo, loluphi unxibelelwano olubonayo phakathi kwezi ziganeko?

Bona futhi uGérald Caussé, “Is It Still Wonderful to You?Liyahona, Canzibe 2015, 98–100; “Exercise Faith in Christ” (umboniso bhanyabhanya), ChurchofJesusChrist.org.

Yoshuwa 6–8

Intobeko izisa amandla kaThixo ebomini bam.

Ezi zahluko zithetha ngamadabi kwimihlaba yaseYeriko nase-Ayi. Njengokuba uzifunda, qaphela indlela olwisa ngayo isihendo ebomini bakho (umzekelo, bona Yoshuwa 7:10–13). Ufunda ntoni ngendlela uThixo angakunceda ngayo kunye nento ekufuneka uyenzile ukufikelela emandleni aKhe? Umzekelo, yintoni ekuchukumisayo ngemiyalelo yeNkosi yokuthatha iYeriko? (bona Yoshuwa 6:1–5). Mhlawumbi ingxelo kuYoshuwa 7 ingakuphembelela ukuba ubone ukuba “kukho nto isingelwe phantsi” ebomini bakho ekufuneka uyisusile (Yoshuwa 7:13).

Yoshuwa 23–24

“Ninamathela kuYehova uThixo wenu.”

Emva kokwahlulahlula ilizwe lesithembiso phakathi kwezizwe ezilishumi elinambini zakwaSirayeli (bona Yoshuwa 13–21), uYoshuwa wabanika iimfundiso zakhe zokugqibela. Njengoko ufunda ezi mfundiso kuYoshuwa 23–24, ungagcina uluhlu lwezilumkiso, lwengcebiso, kunye neezentsikelelo ezithenjisiweyo ozifumanayo. Ukujonga yonke into amaSirayeli ayedlula kuyo, ucinga ukuba kwakutheni ukuze uYoshuwa akhethe ukubaxelela ezi zinto ekupheleni kobomi bakhe? Yintoni oyifumanayo ekhuthazayo ukuba “unamathele eNkosini”? (Yoshuwa 23:8).

Umfanekiso
umfanekiso wofundo losapho

Iingcebiso Zofundo Lwezibhalo Zosapho kunye Nomhlangano Wangorhatya Wosapho

Yoshuwa 1:8.Yintoni lo mqolo oyicebisayo ngendlela esimele ukusondela ngayo kufundo lwethu lwezibhalo ezingcwele, kumntu ngamnye kunye nanjengosapho? Izibhalo ezingcwele zenza njani ukuba “nokuphumelela ngendlela” yethu kwaye zisizisele “nengqiqo”?

Yoshuwa 4:3, 6–9.Emva kokufunda into iNkosi eyayifuna amaSirayeli ayenze ngamatye oMlambo iYordan, usapho lwakho lungathetha ngezinto ezinkulu enenzele zona iNkosi. Emva koko unganikeza ilungu ngalinye losapho ilitye kwaye uwameme ukuba abhale okanye azobe kulo into ethile iNkosi ewenzele yona.

Yoshuwa 6:2–5.Usapho lwakho lunokonwabela ukulinganisa imiyalelo iNkosi eyayinika amaSirayeli ukuze oyise iYeriko. INkosi ifuna ukuba sifunde ntoni kweli bali?

Yoshuwa 24:15.Emva kokufunda lo mqolo, amalungu osapho angabelana ngamava apho ayekhethe ukukhonza iNkosi nangona kwakunzima. Kutheni le nto kubalulekile ukwenza ukhetho lokuMkhonza “ngalo mhla” endaweni yokulinda ukuthatha isigqibo de kuvele imeko ethile? Singawaxhasa njani amalungu “endlu” yethu njengoko sizabalazela “ukukhonza uYehova”?

Ngeengcebiso ezithe vetshe malunga nokufundisa abantwana, bona isishwankathelo salevekikwi–Come, Follow Me—For Primary.

Iculo elicetyiswayo: “Choose the Right,” Hymns, no. 239.

Ukuphucula Ukufundisa Kwethu

Nika ubungqina bakho rhoqo. Ubungqina bakho obunyanisekileyo benyaniso bunokuba nefuthe elinamandla kusapho lwakho. Akufuneki ukuba bube liciko okanye bube bude. Ubungqina bunamandla kakhulu xa buthe ngqo kwaye busuka entliziyweni. (Bona Teaching in the Savior’s Way, 11.)

Umfanekiso
Iindonga zeYeriko ziyawa

The Lord caused the walls of Jericho to fall. © Providence Collection/imvume ivela kwigoodsalt.com

Shicilela