ITestamente eNdala 2022
UCanzibe 30–EyeSilimela 5. AbaGwebi 2–4; 6–8; 13–16: “Wabavelisela UYehova uMsindisi”


“UCanzibe 30–EyeSilimela 5. AbaGwebi 2–4; 6–8; 13–16: ‘Wabavelisela UYehova uMsindisi,’” Uze, Undilandele—Eyabantu Ngabanye kunye Neentsapho: iTestamente eNdala 2022 (2021)

“UCanzibe 30–EyeSilimela 5. AbaGwebi 2–4; 6–8; 13–16,” Uze, Undilandele—Eyabantu Ngabanye kunye Neentsapho: ITestamente eNdala 2022

Umfanekiso
UDebhora kunye nemikhosi

Umzobo kaDebhora ekhokela imikhosi kaSirayeli, © Lifeway Collection/imvume ivela ku goodsalt.com

UCanzibe 30–EyeSilimela 5

AbaGwebi 2–4; 6–8; 13–16

“UYehova Wabavelisela uMsindisi”

Izibhalo ezingcwele zingqina ngoYesu Krestu. Cinga nzulu ngendlela amabali owafunda kubaGwebi awakunceda ngayo ukuba usondele ngakuYe.

Bhala Iimvakalelo Zakho

Sonke siyazi ukuba kunjani ukwenza impazamo, ukuphatheka kakubi ngayo, kwakunye nokuguquka kunye nokugqiba kwelokutshintsha iindlela zethu. Kodwa kwezinye iimeko siye silibale izigqibo zethu zangaphambili, kwaye, xa sijongene nesihendo, sisenokuzifumana sisenza la mpazamo kwakhona. Le ndlela ibuhlungu iqhelekile emaveni wamaSirayeli achazwa kwincwadi yabaGwebi. Bephenjelelwe ziinkolelo kunye neentshukumo zonqulo lwamaKanan—lawo kwakumele bawaqhubele ngaphandle kwelizwe—amaSirayeli aye ophula iminqophiso yawo kunye neNkosi aze ayeka ukuyinqula Yona. Isiphumo soko, aye aphulukana nokhuseleko lwaYo kwaye awela ekuthinjweni. Kwaye ngalo lonke ixesha oku kwakusenzeka, iNkosi yayiwanika ithuba lokuba aguquke kwaye yayiwavusela umkhululi, inkokeli yomkhosi eyayibizwa “ngomgwebi.” Akungabo bonke abagwebi abakwincwadi yabaGwebi ababelungile, kodwa abanye babo baye basebenzisa ukholo olukhulu ekukhululeni abantwana bakaSirayeli kwaye bababuyisela ebudlelwaneni bomnqophiso kunye neNkosi. La mabali asikhumbuza ukuba nokuba yintoni na ethe yasisusa kuYesu Krestu, Yena unguMkhululi wakwaSirayeli kwaye usoloko efuna ukusikhulula kwaye asamkelele kuYe.

Ngesishwankathelo sencwadi yabaGwebi, bona “AbaGwebi, incwadi ye kwiSichazi–magama seBhayibhile.

Umfanekiso
umfanekiso wokuzifundela wedwa

Iingcebiso Zokuzifundela Izibhalo Wedwa

AbaGwebi 2:1–19; 4:1–16

INkosi inikela ngentlangulo xa ndiphambuka.

Incwadi yabaGwebi inganceda njengesilumkiso kuthi: nkqu nasemva kokuva amandla eNkosi ebomini bethu, kusoloko kunokwenzeka ukuba siwe. Incwadi ingabonelela ngenkuthazo kwabo baye bakreqe, kuba iNkosi inikela ngendlela yokubuya. Umzekelo, njengoko ufunda AbaGwebi 2:1–19, khangela izenzo ezathi zakhokelela amaSirayeli ekubeni asuke eNkosini kwakunye nendlela iNkosi eyathi yawahlangula ngayo. Ikufundisa ntoni le miqolo malunga neNkosi? Yintoni onokuyenza ukuze uhlale unyaniseke ngakumbi kuYo?

Uya kufumana uhlobo lobuvukeli mbuso, losizi, kunye nelohlangulo luphindaphindwe kuyo yonke eyabaGwebi (bona ngokukodwa izahluko 3, 4, 6, kunye no 13). Njengoko ufunda incwadi yabaGwebi, cinga nzulu ngoko abagwebi bathi bakwenza ukuhlangula uSirayeli kunye nangendlela uMsindisi akunceda ngayo xa udinga uhlangulo.

Owona mzekelo umnye oqaphelekayo womntu owathi wanceda ngokuhlangula uSirayeli ngulowo kaDebhora. Funda ngaye kubo AbaGwebi 4:1–16, kwaye uqaphele ifuthe awayenalo ebantwini ababemngqongile. Ngawaphi amazwi okanye zeziphi izenzo zikaDebhora ezikubonisa ukuba wayenokholo eNkosini? Yintoni ovakalelwa ukuba uDebhora wayeyitsho ngombuzo wakhe okuwo umqolo 14: “Akaphumi yini na uYehova phambi kwakho?”

Bona futhi Alma 7:13; IMfundiso neMinqophiso 84:87–88.

AbaGwebi 2:13

Yayingoobani ooBhahali noAshtaroti?

UBhahali wayenguthixo wesaqhwithi wamaKanan, uAshtaroti wayenguthixokazi wokuchuma wamaKanan. Unqulo lwaba thixo babini lubonakalisa ukuba kwakubaluleke kangakanani ukuchuma komhlaba nokwabantu kumaKanan. Iindlela abantu ababenqula ngazo aba thixo kunye nabanye oothixo bobuxoki—kuquka, ngamanye amaxesha, nokuziphatha kakubi ngokwesini kunye namadini wabantwana—zazikhubekisa ngakumbi eNkosini.

AbaGwebi 6–8

INkosi ingenza imimangaliso xa ndithembela kwiindlela zaYo.

Ukufumana imimangaliso yeNkosi ebomini bethu, kufuneka sithembele kwiindlela zaYo, nkqu naxa iindlela zaYo zibonakala zingaqhelekanga. Ibali likaGidiyon elifumaneka kubo AbaGwebi 6–8, lingumzekelo omhle woku. Ingaba iNkosi yawenza njani ummangaliso owawungenakwenzeka xa umkhosi kaGidiyon wawusoyisa amaMidiyan? Yintoni oyiva ukuba iNkosi izama ukukufundisa? Ukhe wayibona njani iNkosi isenza umsebenzi waYo ngeendlela ezazibonakala ngathi azinakukwenzeka?

Bona futhi uRussell M. Nelson, “With God Nothing Shall Be Impossible,” Ensign, Canzibe 1988, 33–35.

AbaGwebi 13–16

Amandla avela ekunyanisekeni kwiminqophiso yam noThixo.

USamson waye waphulukana namandla akhe enyama kunye nawomoya ngenxa yokuba wayephule iminqophiso yakhe noThixo, kubandakanya naleyo yayisebenza kwabo Bazihlulileyo, (ngolwazi oluthe vetshe malunga naBazihlulileyo, bona Numeri 6:1–6; AbaGwebi 13:7). Njengoko ufunda ibali likaSamson ku–AbaGwebi 13–16, cinga nzulu ngomnqophiso ngamnye othe wawenza. Ingaba usikelelwe njani ngamandla ngenxa yokuba uthe wagcina lo minqophiso? Yintoni oyifunda kwibali likaSamson ethi ikuphembelelele ukuba uhlale unyanisekile kwiminqophiso yakho noThixo?

Umfanekiso
USamson etyhala iintsika

Samson Puts Down the Pillars, nguJames Tissot kunye nabanye (USamson Uwisa Phantsi Iintsika)

Umfanekiso
umfanekiso wofundo losapho

Iingcebiso Zofundo Lwezibhalo Ezingcwele Zosapho kunye Nomhlangano Wangorhatya Wosapho

AbaGwebi 2:10.Emva kokusweleka kukaYoshuwa, isizukulwana esilandelayo samaSirayeli “sasingamazi uYehova.” Thetha nosapho lwakho malunga nokokuba luyazi kanjani iNkosi kunye “nomsebenzi ebawenzele [wona].” Ingaba uya kuqinisekisa njani ukuba olu lwazi lugcinelwa izizukulwana ezizayo?

AbaGwebi 3:7–10.Le miqolo ishwankathela indlela ethi yenzeke rhoqo kuyo yonke incwadi yabaGwebi. Njengoko amalungu osapho lwakho efunda le miqolo, asenokuchonga oko amaSirayeli ayekwenza ukuphambuka eNkosini noko iNkosi yathi yakwenza kuwo ukuwahlangula. Yintoni enokusikhokelela ekulibaleni iNkosi? Ingaba Yona ingasihlangula kanjani? Ingaba sinokuhlala kanjani sinyanisekile ngakumbi kuYo?

AbaGwebi 6:13–16, 25–30.UGidiyon wabonisa inkalipho enkulu ekuthobeleni iNkosi, nkqu nangona izenzo zakhe zazingadumanga. Yintoni iNkosi ethe yasicela kuba siyenze leyo abanye basenokungavumelani nayo? Ingaba amazwi eNkosi kuGidiyon kuyo imiqolo 13–16 ingasiphembelela kanjani ukuba senze into elungileyo?

AbaGwebi 7.Ungabasebenzisa umdlalo wolinganiso okanye omnye umdlalo oqwetywayo ukunceda usapho lwakho lufunde kumava womkhosi kaGidiyon awachazwa kwesi sahluko? Ingaba amazwi eNkosi akwesi sahluko (bona, umzekelo, imiqolo 2 kunye no–15) angasebenza kanjani ebomini bethu?

AbaGwebi 13:5.Iminqophiso kaSamson kunye neNkosi yayimpha amandla, ngokufanayo neminqophiso yethu esipha amandla. Usapho lwakho lusenokonwabela ukwenza ulolongo lomzimba kwaye luxoxe ngendlela olo lolongo lungasenza somelele ngayo. Yintoni esingayenza ukuzinceda somelele ngokwasemoyeni? Ngeengcebiso ezithile, amalungu osapho angafunda Mozaya 18:8– 10; IMfundiso neMinqophiso 20:77, 79. Ingaba ukugcina iminqophiso yethu kusipha njani amandla ngokwasemoyeni?

Ngeengcebiso ezithe vetshe malunga nokufundisa abantwana, bona isishwankathelo saleveki kwi–Come, Follow Me—For Primary.

Iculo elicetyiswayo: “Redeemer of Israel,” Hymns, no. 6.

Ukuphucula Ukuzifundela Izibhalo Wedwa

Yenza intshukumo ngoko okufundayo. Njengoko ufunda, zibuze ukuba oko ukufundayo ungakusebenzisa kanjani, kwaye uzibophelele ekwenzeni njalo. Vumela uMoya oyiNgcwele ukukhokele. (Bona Teaching in the Savior’s Way, 35.)

Umfanekiso
UGidiyon nomkhosi

Gideon’s Army, nguDaniel A. Lewis (Umkhosi kaGidiyon)

Shicilela