ITestamente eNdala 2022
EyeSilimela 6–12. Rute; 1 Samuweli 1–3: “Intliziyo Yam Idlamkile ngoYehova”


“EyeSilimela 6–12. Rute; 1 Samuweli 1–3: ‘INtliziyo Yam Idlamkile ngoYehova,’” Uze, UNdilandele—Eyabantu Ngabanye kunye Neentsapho: iTestamente eNdala 2022 (2021)

“EyeSilimela 6–12. Rute; 1 Samuweli 1–3,” Uze, Undilandele—Eyabantu Ngabanye kunye Neentsapho: 2022

Umfanekiso
URute noNahomi

Whither Thou Goest, nguSandy Freckleton Gagon (Apho Uya Khona)

EyeSilimela 6–12

Rute; 1 Samuweli 1–3

“Intliziyo Yam Idlamkile ngoYehova”

Njengoko ufunda ngobomi bukaRute, noNahomi, kunye noHana, kunye nabanye kule veki, mamelisisa uMoya kwaye ushicilele nayiphi na imvakalelo oyifumanayo. Yintoni ophenjelelwa ukuba uyenze?

Bhala Iimvakalelo Zakho

Ngamanye amaxesha sibanomfanekiso-ngqondweni wokokuba ubomi bethu bumele ukulandela indlela ecacileyo ukusukela ekuqaleni ukuya ekupheleni. Emveni kwako konke, owona mgama umfutshane phakathi kweendawo ezimbini ngumgca ongqale ngqo. Kwaye kanti ubomi busagcwele rhoqo kukulibaziseka kunye nemijekelezo esithatha isise kwiindlela ezingalindelekanga. Sisenokufumana ukuba ubomi bethu buhlukile kobo besicinga ukuba kube kuko.

URute noHana ngokuqinisekileyo babekuqonda oku. URute wayengenguye umSirayeli, kodwa wayetshate omnye, kwaye xa umyeni wakhe wayesweleka, kwakumele enze ukhetho. Ingaba wayeya kubuyela kusapho lwakhe, kubomi bakhe bakudala, abuqhelileyo, okanye wayeya kuwonga ukholo lwamaSirayeli kunye nekhaya elitsha nomazala wakhe? (bona Rute 1:4–18). Icebo likaHana lobomi bakhe yayikukuzala abantwana, kodwa ekungakwazini kwakhe ekwenzeni njalo kwamshiya “wawukrakra umphefumlo” wakhe (bona 1 Samuweli 1:1–10). Njengoko ufunda malunga noRute noHana, cingisisa ngokholo ekwakumele babenalo ukubeka ubomi babo ezandleni zeNkosi kwakunye nokuhamba kwiindlela zabo ezazingalindelekanga. Ngoko ke usenokucinga malunga nohambo olulo lwakho. Luya kukhageleka lohlukile kolo lukaRute noHana—kwakunye nakolukabani na. Kodwa kuzo zonke izilingo nezimangaliso eziphakathi kwangoku kunye nendawo yakho yangonaphakade, ungafunda ukutsho oku kunye noHana, “Intliziyo yam idlamkile ngoYehova” (1 Samuweli 2:1)

Ngesishwankathelo ngeencwadi zikaRute kunye no-1 Samuweli, bona “Rute” kunye no“Samuweli, iincwadi zika” kwiSichazi–magama seBhayibhile.

Umfanekiso
umfanekiso wokuzifundela wedwa

Iingcebiso Zokuzifundela Izibhalo Wedwa

Rute

UKrestu angaguqula intlekele ibe luloyiso.

Xa umyeni kaRute wayesweleka, intlekele yabaneziphumo kuye ezazibuhlungu ngakumbi ukwegqitha oko umhlolokazi wanamhlanje anokujongana nako. Kwinkcubeko yamaSirayeli ngelo xesha, umfazi owayengenandoda okanye oonyana wayengenalungelo lomhlaba kwaye ngokucacileyo nje wayengenandlela yokuphila. Njengoko ufunda ibali likaRute, qaphela indlela iNkosi eyathi yaguqula ngayo intlekele yaba ziintsikelelo ezinkulu. Yintoni oyiphawulayo ngoRute ekusenokwenzeka ukuba yathi yamnceda? Yayiyintoni indima kaBhohazi ekukhululeni uRute kwimeko yakhe eyayingathembisi? (bona Rute 4:4–7). Zeziphi iimpawu zobuKrestu ozibonayo kubo bobabini uRute kunye noBhohazi?

Rute; 1 Samuweli 1

Ndingathemba ukuba uThixo uya kundikhokela andincede nangaphandle kwemeko yam.

Ingaba ungazibona kulamabali kaRute, noNahomi, kunye noHana? Mhlawumbi uphulukene nelahleko enkulu, efana naleyo yayenzeke kuRute, noNahomi (bona Rute 1:1–5). Okanye mhlawumbi, njengoHana, ulangazelela iintsikelelo ongekazifumani (bona 1 Samuweli 1:1–10). Cinga nzulu ngokuba yeyiphi imiyalezo ongayifunda ephuma kwimizekelo yala mabhinqa anyanisekileyo. Ingaba uRute noHana balubonisa njani ukholo kuThixo? Zeziphi iintsikelelo abazifumanayo? Ungayilandela njani imizekelo yabo? Cingisisa ngendlela othe wena “wazimela phantsi kwamaphiko” eNkosi (Rute 2:12) naxa ubomi buvakala bunzima.

Bona futhi uReyna I. Aburto, “Thru Cloud and Sunshine, Lord, Abide with Me!Liyahona, Nkanga. 2019, 57–60.

Umfanekiso
UHana noSamuweli

For This Child I Prayed, nguElspeth Young (Ndandithandazela Lo Mntwana)

1 Samuweli 2:1–10

Intliziyo yam ingadlamkela eNkosini.

Emveni kokuba uHana waye wathatha uSamuweli wamsa etempileni, waye wathetha la mazwi amnandi wendumiso eNkosini, awabhalwe ku–1 Samuweli 2:1–10. La mazwi ayachukumisa ngakumbi xa ucingisisa ukuba okwexeshana elifutshane ngaphambili, “wawukrakra umphefumlo, … wasitsho isililo” (1 Samuel 1:10). Njengoko ufunda le miqolo, yeyiphi imiyalezo oyifumanayo ethi yandise iimvakalelo zakho zendumiso kunye nombulelo eNkosini? Mhlawumbi ingoma kaHana iya kukuphembelela ukuba ufumane indlela yobugcisa yokuvakalisa umbulelo wakho eNkosini—ingoma, umzobo, okanye intshukumo yenkonzo, okanye nantoni na engathi inxulumanise iimvakalelo zakho kuYe.

Ewe, ayiyiyo yonke imithandazo evuthayo ephendulwa ngendlela owakaHana waphendulwa ngayo. Yintoni ekunceda uhlale unyanisekile xa imithandazo yakho ingaphendulwanga ngendlela obuthemba ngayo?

1 Samuweli 3

Ndingaliva kwaye ndilithobele ilizwi leNkosi.

Njengathi sonke, uSamuweli kwakumele afunde ukuqonda ilizwi leNkosi. Njengoko ufunda 1 Samuweli 3, yintoni oyifunda kule nkwenkwana emalunga nokuva kunye nokuthobela ilizwi leNkosi? Ngawaphi amava okhe wabanawo ekuveni ilizwi laYo? Ngawaphi amathuba onawo, njengo-Eli, wokunceda abanye baqonde xa iNkosi ithetha nabo? (bona 1 Samuweli 3:7).

Bona futhi Yohane 14:14–21; David P. Homer, “Hearing His Voice,” Liyahona, Canzibe 2019, 41–43.

Umfanekiso
umfanekiso wofundo losapho

Iingcebiso Zofundo Lwezibhalo Ezingcwele Zosapho kunye Nomhlangano Wangorhatya Wosapho

Rute 1:16–18; 2:5–8, 11–12.Usapho lwakho lungakhangela imizekelo yobubele kunye nokunyaniseka kule miqolo. Ingaba sibubonisa njani ububele kusapho lwethu kunye nabanye kwakunye nokunyaniseka kwethu kuYesu Krestu? Isahluko “uRute noNahomi” (kuwo Amabali eTestament eNdala) singanceda usapho lwakho lufunde kumzekelo kaRute.

1 Samuweli 1:15.Mhlawumbi ungachitha into ethile eqokobheni ukunceda amalungu osapho lwakho abenomfanekiso-ngqondweni woko uHana wayekutsho xa wayesisthi, “Ndiphalaza … umphefumlo wam phambi koYehova.” Kutheni le iyindlela elungileyo yokuchaza okokuba imithandazo yethu kumele ibenjani? Singayiphucula njani imithandazo yethu yobuqu kunye neyosapho?

1 Samuweli 2:1–10.Umbongo kaHana wokudumisa iNkosi unganikhokelela ekubeni nicinge ngeengoma enizisebenzisayo ukudumisa iNkosi. Ningacula ezinye kunye. Amalungu osapho lwakho asenokucinga ngezinye iindlela zokuvakalisa iimvakalelo zawo kuYesu Krestu. Umzekelo, angazoba imifanekiso ebonisa ukuba kutheni ethanda uMsindisi.

1 Samuweli 3:1–11.Kungabamnandi ukulinganisa ibali leNkosi ibiza uSamuweli. Amalungu osapho angathetha malunga namaxesha apho xa ayeve iNkosi ithetha nawo kwakunye nokokuba enza njani intshukumo emazwini aYo.

Ngeengcebiso ezithe vetshe malunga nokufundisa abantwana, bona isishwankathelo saleveki kwi Come, Follow Me—For Primary.

Iculo elicetyiswayo: “There Is Sunshine in My Soul Today,” Hymns, no. 227.

Ukuphucula Ukuzifundela Izibhalo Wedwa

Vumela uMoya ukhokele ufundo lwakho. Thandazela ukuba uMoya OyiNgcwele ukukhokelele kwizinto odinga ukuzifunda. Yiba nemvakalelo kuchumiso lwaWo, nokuba ukukhokelela ukuba ufunde isihloko obungasilindelanga okanye usifunde ngendlela eyahlukileyo.

Umfanekiso
inkwenkwana uSamuweli ententeni

Umzobo kaSamuweli esiva iNkosi, nguSam Lawlor

Shicilela