ITestamente eNdala 2022
EyeSilimela 13–19. 1 Samuweli 8–10; 13; 15–18: “Imfazwe yekaYehova”


EyeSilimela 13–19. 1 Samuweli 8–10; 13; 15–18: “Imfazwe yekaYehova,’” Uze, Undilandele—Eyabantu Ngabanye kunye Neentsapho: iTestamente eNdala 2022 (2021)

“EyeSilimela 13–19. 1 Samuweli 8–10; 13; 15–18,” Uze, Undilandele—Eyabantu Ngabanye kunye Neentsapho: 2022

Umfanekiso
UDavide omncinane neslingi

David and Goliath, nguSteve Nethercott (UDavide noGoliyati)

EyeSilimela 13–19

1 Samuweli 8–10; 13; 15–18

“Imfazwe yekaYehova”

Iingcebiso ezikwesi sishwankathelo zinokukunceda uchonge eminye yemigaqo ebalulekileyo kwezi zahluko Unokufumana eminye imigaqo njengoko ufunda.

Bhala Iimvakalelo Zakho

Ukusukela ngelixa izizwe zakwaSirayeli zazizinze kwilizwe lesithembiso, amaFilistiya ayesisigrogriso esiqhubekekayo kukhuseleko sawo. Amaxesha amaninzi ngaphambili, iNkosi yayiwahlangulile amaSirayeli kwiintshaba zawo. Kodwa ngoku amadoda amakhulu akwaSirayeli ayefuna oku, “Masibe nokumkani … [wokokuba] aphume phambi kwethu, alwe iimfazwe zethu” (1 Samuweli 8:19–20). INkosi yabanika umnqweno wabo, uSawule wathanjiswa waba ngukumkani. Ukanti xa ingxilimbela eyayisongela uGoliyati yacela umngeni kwimikhosi yakwaSirayeli, uSawule—njengaye wonke umkhosi wakhe—“wayesoyika kakhulu” (1 Samuweli 17:11). Ngaloo mini, yayingenguye uKumkani uSawule owasindisa uSirayeli kodwa inkwenkwana eyalusayo egama linguDavide, eyayinganxibanga zixhobo kodwa yayambethe ukholo olungenakugqojozwa eNkosini. Eli dabi labonakalisa kuSirayeli, kwakunye nakubani na onamadabi omoya awalwayo, ukuba “akungakrele, akungantshuntshe ukusindisa kukaYehova” kwaye nokokuba “imfazwe yekaYehova” (1 Samuweli 17:47).

Umfanekiso
umfanekiso wokuzifundela wedwa

Iingcebiso Zokuzifundela Izbhalo Wedwa

1 Samuweli 8

UYesu Krestu nguKumkani wam.

Njengoko ufunda u-1 Samuweli 8, qaphela indlela iNkosi eyavakalelwa ngayo ngomnqweno wamaSirayeli wokumkani ngaphandle kwaYo. Kuthetha ntoni ukukhetha iNkosi ukuba “ilawule [wena]”? (1 Samuweli 8:7). Usenokucinga kwakhona ngeendlela ohendwa ngazo ukuba ulandele imikhwa engeyiyo yehlabathi endaweni yokulandela iNkosi. Ungabonisa njani ukuba ufuna uYesu Krestu abe nguKumkani wakho waNaphakade?

Bona futhi AbaGwebi 8:22–23; Mozaya 29:1–36.

1 Samuweli 9:15–17; 10:1–12; 16:1–13

UThixo ubiza abantu ngesiprofeto ukuze bakhonze ebukumkanini baKhe.

UThixo wanyula uSawule noDavide ukuba babe ngookumkani ngesiprofeto nangesityhilelo (bona 1 Samuweli 9:15–17; 10:1–12; 16:1–13). Le yindlela Yena abiza ngayo amadoda nabafazi ukuba bancedise kwiBandla laKhe namhlanje. Ufunda ntoni kwezi ngxelo malunga nokuba kuthetha ntoni “ukubizwa nguThixo, ngesiprofetho”? (Izivumo zoKholo 1:5). Zeziphi iintsikelelo eziza ngokubizwa kwakunye nangokubekelwa bucala zizicaka ezigunyazisiweyo zeNkosi?

Umfanekiso
USamuweli uthambisa uSawule

Umzobo kaSamuweli ethambisa uSawule, © Lifeway Collection/imvume ivela kwi-goodsalt.com

1 Samuweli 13:5–14; 15

“Ukuphulaphula kulungile ngaphezu kombingelelo.”

Nangona uSawule wayemde ngokwasemzimbeni, waziva “emncinane emehlweni akhe” xa waba ngukumkani (1 Samuweli 15:17). Nangona kunjalo, njengoko wayesikelelwe ngempumelelo, waqala ukuzithemba ngakumbi kwaye ethemba neNkosi kancinci. Bobuphi ubungqina obubonayo boku ku-1 Samuweli 13:5–14 ; 15? Ukuba wawunokuba noSawule ngoko, wawuzakuthini kuye okwakunokumnceda oyise “iinkani” kunye “nobungqola”? (1 Samuweli 15:23).

Bona futhi 2 Nifayi 9:28–29; Hilamani 12:4–5; IMfundiso neMinqophiso 121:39–40.

1 Samuweli 16:7

“UYehova ukhangela intliziyo.”

Zeziphi ezinye iindlela abantu abagweba ngazo abanye “ngokwembonakalo yangaphandle”? Kuthetha ntoni ukukhangela “entliziyweni,” njengoko iNkosi isenza? (1 Samuweli 16:7). Cingisisa ngendlela onokuwusebenzisa ngayo lo mgaqo kwindlela ojonga ngayo abanye—kwakunye nawe. Ukwenza oku kunokuluchaphazela njani unxibelelwano lwakho okanye ubudlelwane bakho nabanye?

1 Samuweli 17

Ngoncedo lweNkosi, ndingoyisa nawuphi na umngeni.

Njengoko ufunda 1 Samuweli 17, cinga nzulu ngamagama abantu abahlukeneyo kwesi sahluko (bona uluhlu olungezantsi). Amagama abo atyhila ntoni ngabo? Amazwi kaDavide abonisa njani inkalipho kunye nokholo eNkosini?

Cingisisa ngamadabi ojamelene nawo. Yintoni onokuyifumana ku-1 Samuweli 17 eyomeleza ukholo lwakho lokuba iNkosi ingakunceda?

Bona futhi Gordon B. Hinckley, “Overpowering the Goliaths in Our Lives,” Ensign, Canzibe 1983, 46, 51–52.

Umfanekiso
umfanekiso wofundo losapho

Iingcebiso Zofundo Lwezibhalo Ezingcwele Zosapho kunye Nomhlangano Wangorhatya Wosapho

1 Samuweli 9:15–21; 16:7.Ukufunda le miqolo kwakunye nala mazwi alandelayo avela kuMdala Dieter F. Uchtdorf kungakhuthaza ingxoxo malunga nokuba kutheni iNkosi yayikhethe uSawule noDavide: “Ukuba sizijonga kuphela ngamehlo ethu asemhlabeni, sinokungaziboni silungile ngokwaneleyo. Kodwa uBawo wethu waseZulwini usibona ukuba singoobani ngokwenene kwakunye singaba ngoobani na” (“It Works Wonderfully!Liyahona, eyeNkanga 2015, 23). Mhlawumbi amalungu osapho anokuthi atshintshane ngokuthetha malunga neempawu ezintle awazibonayo ezintliziyweni zabanye (bona 1 Samuweli 16:7).

1 Samuweli 10:6–12).Simbone nini uThixo esikelela umntu ngamandla okomoya ukuzalisekisa isabelo okanye ubizo njengokufana nendlela awayesikelele ngayo uSawule? Ngawaphi amava esinokwabelana ngawo xa “uThixo [wasiguqula] sanantliziyo yimbi” okanye “[wasifikela] ngamandla uMoya kaThixo” kwinkonzo yaKhe? (imiqolo 9–10).

1 Samuweli 17:20–54.Usapho lwakho lungakonwabela ukufunda kunye ibali likaDavide noGoliyati (“UDavide noGoliyati” kuwo Amabali eTestamente eNdala kunokunceda) okanye nibukele umboniso bhanyabhanya othi “The Lord Will Deliver Me” (ChurchofJesusChrist.org). Oku kungakhokelela kwingxoxo malunga nemiceli mngeni esijamelana nayo enokuziva ngathi “ingooGoliyati” kuthi. Ningabhala eminye yale mingeni kwinjongo okanye kumzobo kaGoliyati kwaye nitshintshane ngokujula izinto (ezifana neebhola zephepha) kuyo.

Inokuba inomdla wokufunda ngesikrweqe kunye nezixhobo uGoliyati awayenazo (bona imiqolo 4–7). Wayenantoni uDavide? (bona imiqolo 38–40, 45–47). Yintoni ebonelelwe yiNkosi ukusinceda soyise ooGoliyati bethu?

1 Samuweli 18:1–4.UDavide noYonatan babengabahlobo bokwenene njani omnye komnye? Ingaba abahlobo bokwenene basisikelele kanjani thina? Yintoni esinokuyenza ukuze sibe ngabahlobo abalungileyo—kuquka nakumalungu eentsapho zethu?

Ngeengcebiso ezithe vetshe malunga nokufundisa abantwana, bona isishwankathelo saleveki kwi-Come, Follow Me—For Primary.

Iculo elicetyiswayo: “I Will Be Valiant,” Children’s Songbook, 162.

Ukuphucula Ukufundisa Kwethu

Nika ubungqina bakho rhoqo. “Ubungqina bakho obulula, nobunyanisekileyo benyani yokomoya bungaba nefuthe elinamandla [kusapho lwakho]. Ubungqina bunamandla xa buthe ngqo kwaye busuka entliziyweni. Akufuneki ukuba bube liciko okanye bube bude” (Teaching in the Savior’s Way, 11).

Umfanekiso
UDavide

Umzobo kaDavide, nguDilleen Marsh

Shicilela